1. IYunithi yeHIV/AIDS yeSebe leMfundo leNtshona Koloni inqwenela ukwazisa bonke abafundi, abasebenzi nabazali ukuba umhla we-1 Disemba 2010 luSuku lwe-AIDS kwiHlabathi Jikelele kuMazwe ngaMazwe. Lwaqala nge-1 Disemba 1988, uSuku lwe-AIDS kwiHlabathi Jikelele lubalulekile ekwandiseni ulwazi, ekulweni ukuqala ugwebe (prejudice) nocalucalulo, nasekuphuculeni imfundo.
2. Umxholo ka-2010 uthi "Universal Access and Human Rights" ("UkuFikelela koMntu Wonke kwiHlabathi liphela naMalungelo oLuntu). Iinkokeli zethu zopolitiko zizinikele ekusebenzeleni ukufikelela komntu wonke kwihlabathi liphela kunyango lweHIV ne-AIDS, kuthintelo nokunyamekelwa kwabagulayo, nasekuqatshelweni kwezi zinto njengamalungelo oluntu asisiseko nabalulekileyo. Ukunyashwa kwamalungelo oluntu kuphembelela ukusasazeka kweHIV, kubeka iinkedama, abantwana abasemngciphekweni wokwenzakaliswa ngokulula (vulnerable children), abasebenzisi beziyobisi notywala gwenxa nolutsha kwilizwe lethu olusengozini ngokukodwa.
3. NgokweSaveyi yoLutsha oLusengozini kuZwelonke (National Youth Risk Survey), eyaqhutywa liBhunga loPhando lwezoNyango (Medical Research Council) ngo-2008, i-37.5% yabafundi bethu (kumaBakala 8 - 11) ikhe yabelana ngesondo, i-19% yakhulelwa, i-17.7% yanabantwana, i-8.2% yakhe yakhupha izisu, i-4.4% yasuleleka zizifo ezisulela ngokwesondo. Ukongeza, i-41% yasebenzisa utywala kwaye i-9.3% ikhe yanikwa okanye yathenga iziyobisi, zombini ezi zinto zinxulumene nokuziphatha ngokwezesondo okuyingozi.
4. Ngenxa yezi zizathu zilapha ngentla, iSebe iWCED neYunithi yeHIV/AIDS yalo, livakalisa inkxalabo ngabafundi ababandakanyeka kwindlela yokuziphatha eyingozi, kwaye lothulela umnqwazi lincoma bonke abo benze izigqibo ezizizo zokukhusela impilo yabo bayigcine ikwimeko entle.
5. USuku lwe-AIDS kwiHlabathi Jikelele lunika ithuba bonke abafundi, ootitshala nabahlali ukuba bathathe inyathelo kwaye baqinisekise ukuba amalungelo oluntu ayakhuselwa nokuba okona kujoliswa kuko ngokunxulumene neHIV/AIDS kukukhuthaza ukhuseleko ngokwasemzimbeni nangokwasengqondweni, kukuthintela, kukunyanga nokunyamekela abagulayo, kunye nokuphelisa ukutyatyekwa kwabantu amabala amabi (elimination of stigma), ucalucalulo, ukungcungcuthekiswa ngokwezesondo kunye nempatho-gadalala.
6. IRibhoni eBomvu luphawu lwamazwe ngamazwe lokwenza kuqatshelwe i-AIDS nenxitywa ngabantu unyaka wonke, ngokukodwa ngoSuku lwe-AIDS kwiHlabathi Jikelele, ukubonisa inkathalo nenkxalabo ngeHIV/AIDS nokukhumbuza abanye ngemfuneko yenkxaso yabo nokuzinikela kwabo.
7. Njengoko kucacisiwe nguMphathiswa weMfundo esiSiseko, uNks A Motshekga: "....as a system, we can only succeed if each school, as a unit, succeeds, let us all strive towards each school becoming a supportive environment within which every learner and educator can flourish..." oko kukuthi "...... njengesistim, singaphumelela kuphela ukuba isikolo ngasinye, njengeyunithi, siyaphumelela, masisebenzele ukwenza isikolo ngasinye sibe yindawo enika inkxaso apho umfundi ngamnye notitshala ngamnye eya kubanako ukuzuza impumelelo ..."
8. ISebe iWCED linqwenela ukubulela zonke iinqununu, ootitshala, abafundi nabazali abaye bathi, ngaye wonke u-2010, babonisa inkxaso nokuzinikela kwabo ekulweni ubhubhane weHIV ogubungele ilizwe lethu.
9. Uyakhuthazwa kwakhona ukuba uthathele ingqalelo ngokukodwa uSuku lwe-AIDS kwiHlabathi Jikelele kwaye usebenze ngenkuthalo nangothakazelelo usebenzisa ubuchule bakho bemveli ekwenzeni iiprogram nezinto ezingenziwa nge-1 Disemba 2010, ekuluSuku lwe-AIDS kwiHlabathi Jikelele.


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:11:26