1. IYunithi ye-HIV/AIDS yeSebe leMfundo leNtshona Koloni inqwenela ukwazisa bonke abaqeshwa, abazali nabafundi ukuba uSeptemba 2010 yiNyanga ye-AIDS eZikolweni kuZwelonke (National School Aids Month).
2. Onke amabhunga olawulo ezikolo, ootitshala nabafundi bayakhuthazwa kwakhona ukuba bagxininise kwi-HIV/AIDS nakwimiba enxulumene nayo ngenyanga kaSeptemba. Siyababongoza ukuba basebenze ngenkuthalo nangobuchule bavelise iiprogram, iziganeko (events) namaphulo axhasayo akhokelela kuSuku lwe-AIDS kwiHlabathi Jikelele (World AIDS Day) nge-1 Disemba 2010.
3. Izikolo namahlakani azo kubahlali (abazali, imibutho yabahlali neyezenkolo noomasipala) kufuneka zizame ukuhlangabezana nale miba ilandelayo ephathelele kwizakhono zobomi ze-HIV/AIDS kunye nokufunda ngezesini:

  • Ukwenza kuqatshelwe ngakumbi, ukulwa izinto ezingeyonyaniso (myths) nokunika ingcaciso echanekileyo ukuncedisa ekuthinteleni ukusasazeka kwe-AIDS kunye nokuthomalalisa amandla e-AIDS (Oku kungenziwa kwiintlanganiso zabazali nakwezemidlalo zezikolo.)

  • Ukudala umoya wokunyamekela abo basulelwe nabachatshazelwe sesi sifo (ukwenza igumbi/indawo yokulalisa abagulayo (sick bay/space), ukutyelela amakhaya abagulayo, ukubonelela ngeepasile zokutya nokuqalisa iigadi zokulima ukutya zezinye zeendlela zokunika inkxaso abo basulelekileyo nabachatshazelweyo.)

  • Ukusingatha imiba yocalucalulo, iziyobisi, ulwaphulo-mthetho, ukukhulelwa kwamantombazana afikisayo, ukuthengisa ngemizimba nesimilo esitenxileyo sokuphatha kakubi kungcungcuthekiswe abanye, nesithi sandise ukunwenwa kwentsholongwane kubahlali (Oku kungenziwa ngokumema izithethi zembeko okanye ukuzisa imidlalo yeqonga ukwenzela ukuba kunikwe abafundi ingcaciso ngezi zihloko ngeendlela ngobuchule.)

  • Ukukhuthaza indlela yokuziphatha kakuhle nangenkathalo nokuphuhlisa iinkokeli eziselula zangomso

  • Ukuxoxa ngemiba edala impikiswano enjengokusetyenziswa kweekhondom, ezinye iindlela zonyango okanye zamachiza (alternative treatments and medication)

  • Ukukhuthaza imikhwa yokuzigcina ukwentle impilo nokubuyisela izithethe neemfundiso zoluntu ezaziwayo

  • Ukukhuthaza ootitshala, abafundi nabahlali ukuba bayazi imeko yabo ngokuthi baye kuxilongelwa i-HIV yaye bafumane neengcebiso

4. Izikolo zinokufikelela kwezi njongo ngokwenza iiprogram ezizivelise ngokwazo (creative programmes) zabafundi, zabazali, zootitshala nezabahlali abangqonge izikolo (school communities). Ezi program mazingapheleli nje kwimisebenzi esekelwe kwikharityhulam, koko mazinatyiselwe nakwizinto ezenziwa ngexesha lasemva kweeyure zokufundisa (extra-curricular activities).
5. Ukuba izikolo zifuna nayiphi na ingcaciso eyenye okanye uncedo olulolunye, kungaqhagamshelwana naba baququzeleli be-HIV/AIDS balandelayo kwii-ofisi zezithili zemfundo:

Metro Central Loretta Erasmus-Arendse Ifoni 021 514 6903
Metro South Nceba Jalamba Ifoni 021 370 2072
Metro North Labeqa Abrahams Ifoni 021 938 3065
Metro East Esme Kleinveldt Ifoni 021 900 7024
West Coast Kennith Booise Ifoni 021 860 1200
Cape Winelands Alister Adonis Ifoni 023 348 0609
Overberg Benorita Ockhuis Tel: 028 214 7300
Eden & Central Karoo Lionel Pedro Ifoni 044 874 8362

6. Kuya kuthakazelelwa kakhulu ukuthatha inxaxheba kwenu ngenkuthalo kwiiprogram zale Nyanga ye-AIDS eZikolweni kuZwelonke.


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:09:02