1. Inyaniso yokuba umthi ugotywa usemncinane, oko kuthi, kubhetele kakhulu ukukhuthaza imikhwa lo gama umntu esengumntwana, yenze iSixeko saseKapa ukuba sipapashe olu khuphiswano lungentla lwabafundi bezikolo zaseprayimari kwingingqi kamasipala waso.
2. Iinkcukacha zokhuphiswano zezi zilandelayo:
  • Abafundi abangenele ukhuphiswano baya kwahlulwa babe ngamahlelo amabini:
    • AmaBakala R - 3
    • AmaBakala 4 - 7

  • Kuya kubakho ibhaso lokuqala, lesibini nelesithathu kwihlelo ngalinye. Izikolo ezibanafundi abawinileyo nazo ziya kufumana ibhaso elincinane.
  • Ukungenela olu khuphiswano, umfundi ngamnye makenze iphowusta egxininisa inzuzo kwezempilo efunyanwa ngokuhlamba izandla.
  • Nganye iphowusta yokhuphiswano mayibe kwiphepha elibukhulu bungu-A3. (Izikolo ezifuna iphepha elingu-A3 ziya kulifumana kwi-Ofisi ye-Enviromental Health yeSixeko saseKapa. Luqhotyoshelwe uluhlu lwezi ofisi needilesi zazo.)
  • Nganye iphowusta yokhuphiswano mayibhalwe kumva wayo ezi zinto zilandelayo:
    • Igama nebakala lomfundi
    • Igama lesikolo afunda kuso umfundi
    • Igama neenkcukacha zoqhagamshelana zikatitshala ochaphazelekayo

  • Umhla wokuvalwa kokungeniswa kwawo onke amangenelo yi-11 Meyi 2010.
  • Onke amangenelo makangeniswe kweyona Ofisi ye-Enviromental Health ikufuphi.
  • Onke amangenelo okhuphiswano aya kuba yipropathi yeSixeko saseKapa.
3. Kukwaqhotyoshelwe iphetshana lengcaciso elivela kwiKomiti yeCandelo lezeMpilo iHealth Portfolio Committee yeSixeko saseKapa eligxininisa ukubaluleka kokuhlamba izandla.
4. Ziyacelwa izikolo, iinqununu, ootitshala nabaphathi bamaziko ukuba babakhuthaze abafundi ukuba bathathe inxaxheba kolu khuphiswano ukwenzela ukuba bathi ngokusebenzisa eli kroba lokubonisa izakhono zabo zemveli babe nokufunda ngakumbi ngenzuzo kwezempilo efunyanwa ngokuhlamba izandla.


ISAYINWE: NGU-LJ ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:04:29

"Information pamplet"  (ubukhulu: 27 KB)