1. Kuqhotyoshelwe apha ileta yengcaciso evela kwiSebe lezeMpilo kuZwelonke (National Department of Health) ethi 'Nceda uPhelise Nya iPholiyo neMasisi' ('Help Eradicate Polio and Eliminate Measles') kunye nefom yokunika imvume (consent form).
2. Amagosa eSebe lezeMpilo kuZwelonke aya kutyelela izikolo namaziko emfundo oluntu (community learning centres) ukuya kwenza amalungiselelo ayimfuneko okugonywa ngokubanzi kwabo bonke abantwana ababudala buyi-0 - 15 yeminyaka begonyelwa ipholiyo nemasisi. Eli phulo liya kuqala ngoMatshi ukuya kutsho kuMeyi 2010.
3. ICandelo lokuNika iNkxaso kwiMfundo eneeMfuno eziZodwa (Directorate: Specialised Education Support) licela izikolo namaziko ukuba zincede zisebenzisane yaye zincede amagosa ngamalungiselelo eli phulo kwaye likhuthaza ootitshala, iinqununu nabaphathi bamaziko ukuba bancedise abazali/abagcini babafundi ekuzaliseni ifom yokunika imvume yokugonywa.


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:03:03

Nceda uPhelise Nya iPholiyo neMasisi  (ubukhulu: 28 KB)