1. Njengangoku kusalungiswa izinto ezintsha zokuncedisa ukufunda nokufundisa (learning and teaching support material (LTSM)) nge-HIV/AIDS ezenziwe zangqinelana ne-NCS liSebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (national Department of Basic Education (DBE)). Kulindeleke ukuba zisiwe ezikolweni ukuqalela ku-Apreli 2010.
2. Ekufikeni kwale LTSM, kufuneka ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi balungise apha naphaya iishedyuli zomsebenzi wabo ngokufanelekileyo.
3. Kucelwa niqaphele ukuba iincwadi zootitshala nezabafundi ze-HIV/AIDS ezikhutshwa liSebe iDBE zizinto zokufunda zokongezelela ekukhuthazwa ootitshala ukuba bazilungise apha naphaya ukuze zilungele iimfuno zabafundi babo.
4. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi nabaququzeleli beze-HIV/AIDS bezikolo ukuze bakuthathele ingqalelo.
5. Sovuyiswa luncedo lwenu kakhulu


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-03-18