1. Njengangoku kusiwa izinto zokuncedisa ukufunda nokufundisa ze-HIV/AIDS zamaBakala 8 no-9 ezikolweni.
2. Kucelwa niqaphele ukuba iincwadi zootitshala nezabafundi ze-HIV/AIDS ezikhutshwa liSebe leMfundo esiSiseko zizinto zokufunda zokongezelela ekukhuthazwa ootitshala ukuba bazilungise apha naphaya ukuze zilungele iimfuno zabafundi babo.
3. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi nabaququzeleli beze-HIV/AIDS bezikolo ukuze bakuthathele ingqalelo.
4. Sovuyiswa luncedo lwenu kakhulu


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-03-18