1. Kuqhotyoshelwe apha iKhalenda yezeMpilo ka-2010 (Health Calendar 2010) oyithunyelelwayo yeYunithi yokuKhuthaza iMpilo yeeNkonzo zeMpilo zeSithili seMetro (Metro District Health Services).
2. ICandelo lokuNika iNkxaso kwiMfundo eneeMfuno eziZodwa licela izikolo namaziko emfundo oluntu ukuba zifake ezi ntsuku zokwazisa ngezempilo kwimisebenzi yesiqhelo eyenziwa esikolweni imihla ngemihla ukwenzela ukuxhasa ngakumbi ukufundiswa kweendlela zokuziphatha ezikhokelela empilweni entle.
3. Eli Candelo licela ootitshala, iinqununu nabaphathi bamaziko emfundo ukuba baqwalasele oku kulandelayo:

USuku lokuQaphela iMikhwa eKhokelela kwiMpilo eNtle - 19 Februwari
IVeki yeZikolo yokuKhuthaza ezeMpilo - 17 - 21 Meyi
INyanga yoKhuselo lwaBantwana - Juni
ICawa yaBakhubazekileyo - 29 Agasti
INyanga ye-AIDS eZikolweni - Septemba
USuku loLwazi lokuFunda nokuBhala lwaMazwe ngaMazwe - 8 Septemba
IVeki yeSondlo kuZwelonke - 9 - 15 Oktobha
USuku lokuThintela ukuXhatshazwa nokungaHoywa kwaBantwana kwiHlabathi Jikelele - 19 Novemba
USuku lwe-AIDS kwiHlabathi Jikelele - 1 Disemba
USuku lwaBantu abaPhila noKhubazeko lwaMazwe ngaMazwe - 3 Disemba


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-02-12

"Health Calendar 2010"  (ubukhulu: 143 KB)