1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kubamba iNkomfa yeeNgxoxo yeRCL (Interactive RCL Conference) ngoMgqibelo we-18 Septemba 2010, eCape FET College Hall, Kromboom Road, Crawford (eyayisakwaziwa njengeHewat College of Education).
2. Injongo yale nkomfa kukuba amalungu amaqela ngamaqela eeRCLs apha kwiphondo axoxe kunye yaye angene kwiingxoxo ngezihloko ezithile. Le nkomfa iya kunika kwakhona abafundi ithuba lokuseka amaqhina onxibelelwano phakathi kweeRCLs ezahlukeneyo kwizithili zemfundo, nezingathi zibe zizitraksha ezinika abafundi inkxaso.
3. Izikolo ezinqwenela ukuba zithathe inxaxheba kule nkomfa, mazizalise le fom yobhaliso (IsiHlomelo B) iqhotyoshelweyo ize ithunyelwe ngefeksi kuMnu Ryan Erasmus weCandelo loCwangciso ngeze-IMG kule nombolo yefeksi 021 467-9385, engadlulanga uLwesihlanu we-27 Agasti 2010.
4. Kucelwa ukuba isikolo ngasinye sithumele amalungu amabini eRCL kule nkomfa - ekukhethwa ukuba la malungu mabini abe ngamalungu akwibhunga lolawulo lesikolo (SGB).
5. Le fom iqhotyoshelweyo yabazali yemvume enikwa abafundi (IsiHlomelo D), mayizaliswe ngumzali okanye ngumgcini womfundi ngamnye, ize igcinwe efayilini esikolweni ngokukhuselekileyo.
6. Bonke abafundi kule nkomfa mabanxibe iyunifom yesikolo sabo ukuze, apho kufanelekileyo, banxibe iibheji zeRCL.
7. Kwenziwe amalungiselelo ezithuthi zokukhwelisa abafundi kwiindawo ezikuLuhlu lweeNdawo zokuThathwa ziiBhasi namaXesha oluqhotyoshelweyo (IsiHlomelo C) kwisithili semfundo ngasinye. Baya kukhatshwa ngootitshala abangamagosa oqhagamshelwano (teacher liaison officers (TLOs)) ezo zithili zabo.
8. Kufuneka bakhunjuzwe abafundi ukuba baphathe izinto ezimbalwa kakhulu eziyimfuneko nje kuphela yaye bazishiye ekhaya izinto zexabiso.
9. Abafundi abahlala kufuphi neendawo abaza kuthathwa kuzo bangakhweliswa ngabazali babo, okanye bothulwe esikolweni abafunda kuso. Abaququzeleli bee-RCLs kwizithili ngezithili mabalungiselele ukuba utitshala okanye igosa eliyi-TLO lize nabafundi kwindawo abaya kuthathwa kuyo nokuba libathathe kwakuloo ndawo bebethathwe kuyo, xa bebuya eNkomfeni.
10. Abafundi abasuka kwiSithili seMfundo i-Eden & Central Karoo (Buses 1-4) nabo basuka kwiSithili seMfundo iWest Coast abahamba ngebhasi engu-Bus No. 10 (eqala uhambo lwayo eVan Rhynsdorp), baya kuhlaliswa kwiihotele ezahlukileyo kufuphi nendawo yenkomfa. Bamalunga nama-300 abafundi nootitshala abayi-40 (kubandakanywa amagosa ezithili zemfundo) abaya kulala ngoLwesihlanu we-17 Septemba 2010. Baya kufika kwihotele yabo ngoLwesihlanu we-17 Septemba 2010. Iihotele ziya kubabonelela ngesopholo ngobo busuku nesidlo sakusasa ngentsasa elandelayo, ngoMgqibelo we-18 Septemba 2010. Zonke iibhasi ezikhwelise abafundi ziya kumka kwangoko emva kweNkomfa yeRCL ngoMgqibelo we-18 Septemba 2010, zihamba kwangaloo ndlela bezihamba ngayo ekuyeni kwinkomfa, yaye ziya kothula abafundi kwakwezo ndawo bebethathwe kuzo xa bebeqala uhambo lwabo. Izikolo maziqinisekise ukuba abafundi bayathathwa bakuba bothulwe kwisithuthi.
11. Ootitshala abakhwelisa abafundi ukuya kwindawo abaza kuthathwa kuyo (central pick-up-point), nokubabuyisela ezikolweni yakuba inkomfa iphelile, bangafaka amabango eendleko zohambo ngokuzalisa ifom engu-Z43, neFom ye-Subsistence and Travelling Claim Form.
12. Kucelwe isithili semfundo ngasinye ukuba senze amalungiselelo okuba abafundi bahambe kunye notitshala oligosa loqhagamshelwano (teacher liaison officer (TLO)) omnye kwiqela ngalinye lamalungu eRCL angama-30. Oku kuya kuthetha ukuba ibhasi nganye iya kuba nee-TLOs ezi-2 ubuncinane ezihamba nabafundi.
13. Apha kuqhotyoshelwe iprogram eyidrafti, ifom yobhaliso nefom yemvume enikwa umfundi ngumzali/ngumgcini (IsiHlomelo D).
14. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:08:13

IsiHlomelo A: INKOMFA YEENGXOXO ZEERCLs- 2010 IPROGRAM EYIDRAFTI  (ubukhulu: 17 KB)
IsiHlomelo B: IFOM YOBHALISO-INKOMFA  (ubukhulu: 36 KB)
IsiHlomelo C: ULUHLU LWEENDAWO ZOKUTHATHWA ZIIBHASI NAMAXESHA  (ubukhulu: 22 KB)
IsiHlomelo D: IMVUME YOMZALI YOKUYA KOMFUNDI KWINKOMFA YE-RCL  (ubukhulu: 36 KB)