1. IForam yeeNqununu yePhondo (Provincial Principals' Forum (PPF)) sele ibambe iintlanganiso ezintathu ngo-2010. Apha kuqhotyoshelwe imizuzu yentlanganiso yange-4 Juni 2010.
2. Ziyacelwa iiforam zeenqununu zezithili zemfundo ukuba zihlangane phambi kweentlanganiso zePPF ukwenzela ukuba zigqithisele loo miba zifuna kuxoxwe ngayo kubameli bazo.
3. Intlanganiso elandelayo yePPF iya kuba nge-1 Oktobha 2010.
4. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, ungaqhagamshelana nomphathi weze-IMG okanye umphathi wekomiti yesekethe okanye uNks Nazli Domingo-Salie kule nombolo yefoni 021 467 2235 okanye kule dilesi ye-imeyili ndomsali@pgwc.gov.za


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:07:08

"Provincial Principals' Forum (PPF) minutes"  (size: 83 KB)
IMISEBENZI YAMALUNGU EFORAM  (ubukhulu: 13 KB)