1. ILungu leSigqeba soLawulo eliPhathiswe ezeMfundo (Member of the Executive Council for Education) kwiPhondo leNtshona Koloni lifuna ukubhengeza imimiselo ephathelele kubhaliso lwamaziko eMfundo noQeqesho lwaBadala abucala (private Adult Education and Training (AET)) kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (Western Cape Education Department (WCED)).
2. ILungu leSigqeba soLawulo eliPhathiswe ezeMfundo licele uluntu ukuba luvakalise izimvo zalo (has invited public comment) ngokumalunga nale mimiselo eyidrafti ekwiGazethi yePhondo 6695 (iqhotyoshelwe ikopi) ye-8 Februwari 2010. Ikopi efumaneka ekhompyutheni (electronic version) yeGazethi yePhondo inokufunyanywa kwiziko lewebhu leWCED apha http:wced.wcape.gov.za.
3. Umhla wokugqibela wokwamkela izimvo zoluntu ngowe-23 Matshi 2010.
4. Kuya kuthakazelelwa kakhulu ukuba unganako ukwazisa onke amaqela achaphazelekayo esi sicelo silapha ngentla ukuze asithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:02:12

ekwiGazethi yePhondo 6695  (ubukhulu: 134 KB)