1. Emva kokuba kusasazwe kunomathotholo uthatho-nxaxheba olwenziwa ngabahlali esikolweni, iCandelo loCwangciso loLawulo nokuPhathwa kwamaZiko - IZikolo (Directorate: Institutional Management & Governance Planning [IMGP] - Schools) lithe kutshanje lalungiselela ukuba kwenziwe iDVD ngesi sikolo, iSapphire Primary School esiseBhayi, esiye sanempumelelo enkulu ekwenzeni abahlali baso ukuba bathathe inxaxheba kwizinto zesikolo.
2. Le DVD iye yaboniswa kwiinkomfa zeeSGB yaza yathakazelelwa kakhulu.
3. Le DVD yaveliswa ngu-Edumedia yaye inevidiyo ebonisa izinto isikolo esiphumelele kuzo, kwaye inecandelo lemibuzo neempendulo.
4. iCandelo loCwangciso loLawulo nokuPhathwa kwamaZiko-iZikolo IMGP baza kunika aBaphathi beeKomiti zeeSekethe (Circuit Team Managers) ezi DVD-ukuze bazigqithisele esikolweni. Nganye inqununu mayincede iqinisekise ukuba isikolo sayo siyayifumana iDVD.
5. Ukuba unqwenela ukumamela usasazo lokuqala kwi-Radio Sonder Grense ngesi-Afrikansi, yiya kule dilesi: http://www.rsg.co.za/programme_kuik.asp?i=4&d=27+Augustus+2009 , uhle uye ku-21h00 - 'RSG dokumentêr', uze uklikhe kwilinki elapho.


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:03:10