1. |
Kukho iqela leebhasari ezivela kwiNgxowa ka-Vic Bridges Foundation Trust ezinokufunyanwa ngabafundi abakwiBakala 12 abanqwenela ukuqhubela phambili izifundo zabo eyunivesithi okanye ekholejini ngonyaka ka-2011. Kukhutshwa iibhasari ezisisixa-mali esiyi-R700,00 inye ngonyaka, yaye zinikwa okwethuba leminyaka emithathu. |
3. |
Izicelo ziya kuqwalaselwa ngabathenjwa (trustees) yaye kuya kunikwa iibhasari ezintlanu (5) eziya kukhethwa ngokuthi kujongwe ukuqaqamba komsebenzi (merit) nobungakanani bemfuno kubenzi-sicelo abo. Intlawulo yebhasari ixhomekeke ekungenisweni kobungqina obuqinisekisiweyo bokuba (a) umenzi-sicelo ubhalise njengomfundi osisigxina kunyaka ochaphazelekayo kunye (b) neziphumo zakhe zoviwo zonyaka ongaphambili. |
4. |
Ukuba ofumene ibhasari uyayeka ukufunda, mabaxelelwe abathenjwa ngencwadi ebhaliweyo. Kwimeko enjengale baya kubanelungelo, ngokwengqiqo yabo, ukufuna lowo ubenikwe ibhasari ukuba abuyise ezo mali ebesele ezihlawulelwe. |
5. |
Ukuba ngokoluvo lwabathenjwa, ayinelisi indlela aqhuba ngayo kwizifundo okanye indlela aziphethe ngayo lowo unikwe ibhasari, lilungelo labo ukuyihlutha ibhasari leyo. |
6. |
Eminye imibuzo malunga nokukule setyhula ingabhekiswa kuMnu I Morkel kule nombolo yefoni 021 467 2768. |
7. |
Kucelwa wazise bonke abachaphazelekayo okuqulathwe kule ngcaciso imfutshane. |
ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:10:25
|