1. Ukwenzela ukuba kuqinisekiswe ukuhlala kuqhutyekwa nenkxaso-mali yezikolo ezizimeleyo, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lifuna ukuba uqwalasele umhlathi 177(4) we-National Norms and Standards for School Funding (NNSSF) ofakelwe izilungiso, ocacisa ukuba isigaba sesekondari kwisikolo esizimeleyo sinokuqwalaselelwa inkxaso-mali kunyaka othile ukuba

  1. ireyithi yokupasa yokugqibela yaso kwiBakala 12 ilingana okanye ingaphezulu kwe-avareji yereyithi yokupasa yephondo kwizikolo zikarhulumente kunyaka ongaphambili;

  2. abekho ngaphezu kwe-20% abafundi beBakala 11 abaphindayo abenze iBakala 11 kwakweso sikolo sinye kunyaka ongaphambili;

  3. abekho ngaphezu kwe-20% abafundi beBakala 12 abaphindayo abenze iBakala 12 kwakweso sikolo sinye kunyaka ongaphambili;

  4. isikolo asisebenzisi zinkqubo zenziwe ngobuqhinga ngenjongo yokwandisa ireyithi yokupasa yesikolo (calculated to artificially increase) kwiBakala 12; nokuba

  5. abafundi abaphindi ibakala ngaphezu kwetyeli elinye kwiSigaba samaBakala 7 ukuya ku-9.
2. Izikolo ezizimeleyo ezingayifezekisiyo le miqathango ikumhlathi 1(a), (b) okanye (c) apha ngentla ziya kuqwalaselwa kuphela ngenjongo yokuba zifumane inkxaso-mali yiNtloko yeSebe ukuba ezo zikolo zichaphazelekayo zinokunika izizathu ezivokothekileyo zoko kutenxa kwimiqathango.
3. Izikolo ezinqwenela ukufaka izicelo zenkxaso-mali ukulungiselela u-2011 zinethuba eliya kutsho kwi-27 Septemba 2010 lokungenisa izicelo zazo ukwenzela ukuba iSebe iWCED lingqinelane nemiqathango yomhlathi 62(a) we-National Norms and Standards for School Funding. Ngokwalo mhlathi oxeliweyo, kufuneka izikolo ezifanelekileyo (eligible schools) zibe zazisiwe ungadlulanga umhla we-30 Septemba kunyaka ngamnye, isixa-mali ekucingelwa ukuba siya kukhutshwa ukwenzela ukuba izikolo ezizimeleyo zibe nako ukucwangcisa ibhajethi yazo neefizi zesikolo zonyaka ozayo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:09:14