1. Kungosizi olukhulu ukukwazisa ukuba iCandelo loCwangciso noLawulo lwaMaziko (Izikolo) (Directorate: IMGP (Schools) liyihlehlisile iNkomfa yeRCL ebiza kuba ngoMgqibelo we-18 Septemba 2010 layihlehlisela kuMgqibelo we-05 Matshi 2011.
2. Isizathu sokuhlehliswa kwale nkomfa kukubakho kogwayimbo oluye lwachaphazela amalungiselelo enkomfa yethu ngolu hlobo lulandelayo:
2.1 Zibe mbalwa kakhulu izikolo eziye zaphendula zasithumelela ngefeksi amagama abafundi nawootitshala abangamagosa oqhagamshelwano (teacher liaison officers (TLOs)) ababeza kuya kule nkomfa. Oku kubangelwe kukuba:

  • abafundi kunye/okanye ootitshala bebengekho sikolweni baza ke ngoko ababinako ukungenisa amagama afanelekileyo kwaNdlunkulu kwangexesha ukwenzela ukuba kugqityezelwe amalungiselelo othutho (transport) nawendawo yokulala (accommodation);
  • abazali babe madol' anzima ukunika imvume yabo yokuba abafundi baye kwinkomfa njengoko bebexhalele ukhuseleko lomfundi (lwabafundi).
2.2 Izikolo ezininzi zikwaqhuba iiprogram zokubuyisa 'ixesha elilahlekileyo' ngeMigqibelo, ngenxa yogwayimbo. Oku bekuza kuthintela abafundi abaninzi ekuyeni kwinkomfa.
3. Ngenxa yezi zizathu kuye kwafikelelwa esigqibeni sokuba inkomfa ihlehliselwe i-05 Matshi 2011, njengoko kubonakala ukuba kuya kuba yinkcitho engenanzuzo ukuqhubeka nenkomfa eyiwe ngabantu abambalwa. Siyaxolisa ngayo nayiphi na inkxamleko yenu ngenxa yokuhlehliswa kwale nkomfa.
4. Siya kuzazisa izikolo ngamalungiselelo amatsha ethubeni.
5. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:09:14