1. NgokweNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo lokuThengwa kweeMpahla neeNkonzo 0005/2010 yowe-7 Septemba 2010 (Procurement Management Minute 0005/2010 of 7 September 2010), iirikhwizishini zokuthengwa kwezi zinto zilandelayo kunyaka-mali ka-2010/2011 mazingeniswe kwiCandelo loLawulo lokuThengwa kweeMpahla neeNkonzo (Attention Mr RL Africa) ungadlulanga owe-31 Oktobha 2010:

  1. Iimpahla neenkonzo ezithengwe ngokusebenzisa ithenda, ngokuxhomekeka ekubeni ezo zinto zithengwayo zikho kwisicwangciso sokuthengwa kweempahla neenkonzo secandelo (component's procurement plan) elichaphazelekayo;
  2. Zonke izixhobo (ezinjengefanitshala okanye izinto ezisetyenziswa kwi-IT) kunye neenkonzo;
  3. Ezinye iimpahla (ezinjengeemfuno ze-ofisi neekhatriji zeeprinta) neenkonzo.

Ngethuba lonyaka-mali ka-2009/2010 abathile kubaphathi abajongene nestokhwe (responsibility managers) zange balandele lo myalelo. UMphicothi ziNcwadi-Jikelele (Auditor-General) ukuqaphele oku waza waphawula ngako wathi kubonisa ukucwangciswa kakubi kwezinto ngabaphathi abajongene nestokhwe. Ke ngoko kuye kwakho imfuneko yokuba iCandelo loLawulo lokuThengwa kweeMpahla neeNkonzo (Directorate: Procurement Management) likhe liphinde liyiqwalasele kwakhona inkqubo neeshedyuli zalo.

2. 2. Ukususela kumhla wokukhutshwa kwale ngcaciso imfutshane, kuya kufuneka abaphathi abajongene nestokhwe banike izizathu ezibhaliweyo ezithethelela ukungxamiseka kweerikhwizishini zokufunwa kweethenda (zokuthengwa kweempahla neenkonzo ezixabiso lazo liqikelelwa ngaphezu kwe-R500 000-00) ezingangeniswanga kwiCandelo loLawulo lokuThengwa kweeMpahla neeNkonzo, ubuncinane kwiinyanga ezintathu phambi komhla lowo iimpahla/iinkonzo ekulindeleke ukuba zisiwe ngawo. Kwixesha elizayo akukho rikhwizishini ifike kade iya kwamkelwa ngaphandle kwezizathu ezibhaliweyo ezithethelelayo.
3. Niyakhunjuzwa kwakhona ukuba njengesiqhelo, akukho kuthengwa kweenkonzo neempahla kunokuqhubeka phakathi kwe-15 Disemba ne-15 Januwari ngawo nawuphi na unyaka. Njengoko kumiselwe yi-Ofisi kaNondyebo (Treasury), zonke iithenda kufuneka ngokwesiqhelo zipapashwe ithuba leentsuku eziyi-21 yaye kwenziwe kugqitywe iinkqubo ezithile ezimiselweyo phambi kokuba kuqukunjelwe imvumelwano. Ngako oko ke, kungenzeka ukuba sizipapashe iithenda emva kwe-15 Januwari 2011, kuqukunjelwe iimvumelwano kuze kunikwe ababoneleli-nkonzo ixesha elaneleyo lokuzisa iimpahla okanye lokwenza iinkonzo, noko kunjalo kusenokwenzeka ukuba kungabikho xesha laneleyo lokulungiselela ukwenziwa kwentlawulo phambi kokuphela kukaMatshi 2011. Ngako oko ke, ukuba isicelo sakho sethenda asifumanekanga phambi kwe-1 Novemba 2010, ukwenzela ukunika ixesha elaneleyo lokupapasha isimemo sokufakwa kwezicelo zeethenda phambi kwe-15 Disemba 2010, isicelo esilolo hlobo singapapashwa kuphela emva kwe-15 Januwari 2011, kwaye kuya kufuneka ukuba ubonelele ngentlawulo enokwenzeka yenkcitho enokudluliselwa kunyaka-mali (roll-over of expenditure) ka-2011-2012.
4. Ukususela kulo mhla wokukhutshwa kwale ngcaciso imfutshane, ngerikhwizishini nganye eyamkelwe emva kwe-1 Novemba yokufunwa kweethenda zeempahla neenkonzo, kufuneka abaphathi abajongene nestokhwe bangenise ubungqina obubhaliweyo bokuba banayo imali eyaneleyo yokuhlawula naziphi na iindleko ezisenokudluliselwa kunyaka-mali ka-2011-2012.
5. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:10:19