1. Umhlathi 8.3.3.6 we-Accounting Officer's System ucacisa ukuba makungabikho zithenda zivalwayo ngethuba elisusela kwi-15 Disemba ukuya kwi-15 Januwari nakowuphi na unyaka-mali. Ngako oko ke, iirikhwizishini zokuthengwa kwezi zinto zilandelayo kunyaka-mali ka-2010-2011 mazingeniswe kwiCandelo loLawulo loKuthengwa kweeMpahla neeNkonzo (Attention Mr RL Africa) ungadlulanga owe-31 Oktobha 2010:

  1. Iimpahla neenkonzo ezithengwe ngokusebenzisa ithenda, ngokuxhomekeka ekubeni ezo zinto zithengwayo zikho kwisicwangciso sokuthengwa kweempahla neenkonzo secandelo (component's procurement plan) elichaphazelekayo;
  2. Zonke izixhobo (ezinjengefanitshala okanye izinto ezisetyenziswa kwi-IT) kunye neenkonzo;
  3. Ezinye iimpahla (ezinjengeemfuno ze-ofisi neekhatriji zeeprinta) neenkonzo.
2. Abaphathi abathweswe uxanduva lwestokhwe (responsibility managers) mabaqhoboshele ifom yesitraksha senkcitho yeBAS (BAS expenditure structure form (PGWC 002)) ezaliswe zonke iinkcukacha ngokuchanekileyo kwiirikhwizishini zabo kunye nee-specifications zeempahla okanye zeenkonzo. Mababonise kwifom PGWC 002 isixa-mali esabelwe into nganye okanye inkonzo nganye echaphazelekayo. Ukuba akuqinisekanga ngesitraksha, thetha nabeCandelo loLawulo loSetyenziso-mali (Directorate: Management Accounting).
3. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.
4. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:09:07