1. IKomiti yoKhuphiswano ngamaXabiso (Bid Committee) yeSebe leMfundo leNtshona Koloni iya kuhlangana ngale mihla ilandelayo ngo-2010.

InyangaUsukuInyangaUsuku
Eyomdumba11 uLwesine &
25 uLwesine
Eyekhala8 uLwesine &
22 uLwesine
Eyokwindla11 uLwesine &
25 uLwesine
Eyethupha12 uLwesine &
26 uLwesine
Utshazimpuzi8 uLwesine &
22 uLwesine
Eyomsintsi9 uLwesine &
23 uLwesine
Ucanzibe13 uLwesine &
27 uLwesine
Eyedwarha7 uLwesine &
 21 uLwesine
Isilimela10 uLwesine &
24 uLwesine
Eyenkanga4 uLwesine &
 18 uLwesine
Eyomnga2 uLwesine, 9 uLwesine &
15 uLwesithathu, xa kukho imfuneko.

2. Kucelwa niqaphele ukuba izicelo zeziniki-maxabiso (tenders) mazingeniswe ubuncinane kwiintsuku ezingama-90 phambi komhla ezilindeleke ukuba zisiwe ngawo iimpahla/iinkonzo ezithengwayo.
3. Ukuthintela ukutenxa kwiinkqubo eziqhelekileyo zeziniki-maxabiso liCandelo loLawulo lokuThengwa kweeMpahla neeNkonzo nokwenzela ukuqinisekisa ukuba iimpahla/iinkonzo ezithengwayo zisiwa kwangexesha, kucelwa iiNtloko zoLawulo lokuThengwa kweeMpahla neeNkonzo zicwangcisele ezo zinto ziya kuzifuna kuselithuba elide yaye zizingenise iirikhwizishini zazo ubuncinane kwiinyanga ezintathu phambi kokuba zifuneke iimpahla/iinkonzo ezithengwayo (kwisiqingatha sokuqala sika-2010).
4. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:04:08