1. I-Ofisi yeNkulumbuso yaseNtshona Koloni iyalele kutshanje iSebe iWCED ukuba liqukumbele zonke ii-apreyizali zentsebenzo zeSPMDS, kubandakanywa nenkqubo yokumodareyitha yomjikelo ka-2009/2010, ungadlulanga umhla we-28 Meyi 2010.
2. Lo myalelo ukhokelele kwimfuneko yokuba kwenziwe izilungiso kwimihla enikwe kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo lwaBasebenzi lwaNgaphakathi 0001/2010 (Human Capital Management Minute), eyabonelela kwakhona ngeshedyuli yokuqukunjelwa komjikelo weSPMDS ka-2009-2010.
3. Umhla wokuvala ukungeniswa okokuqala kwee-apreyizali zentsebenzo zokugqibela, o.k.t. owe-28 Meyi 2010, utshintshiwe ngoku wangowe-30 Apreli 2010.
4. Zonke iziHlomelo (A-G) mazingeniswe ungadlulanga lo mhla mtsha ubekiweyo. Abo sebezingenisile iziHlomelo A, B, C1 no-C2 mabangenise iziHlomelo ezisaleleyo ungekadluli lo mhla mtsha ubekiweyo.
5. Abaphathi bamacandelo neesuphavayiza mabaqinisekise ukuba zonke izihlomelo ziyazaliswa zize zisayinwe ngamagosa afanelekileyo.
6. Kubaluleke gqitha ukuba ukumodareyitha kuqalise ngoko nangoko emva kowe-30 Apreli 2010 ukwenzela ukuba kube sekugqityiwe ngowe-28 Meyi 2010.
7. Oosihlalo namalungu eephaneli baya kukhethwa ngokweemfuno zokumodareyitha ezicacisiweyo, eziya kuthunyelwa kumagosa akhethiweyo ebudeni bale nyanga.
8. Kubalulekile koosihlalo abakhethiweyo nakumalungu eephaneli ukuba benze ishedyuli yokumodareyitha efanelekileyo ukuqinisekisa ukuba kugqitywa ukumodareyitha ungadlulanga owe-28 Meyi 2010.
9. Kucelwa ukuba wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi benkonzo karhulumente abaphantsi kolawulo lwakho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:04:20