1. Isigqibo ekwafikelelwa kuso kwintlanganiso yaBaphathi abaPhezulu bePhondo (Provincial Top Management) yange-2 Julayi 2009 ngokumalunga nokuhlaziywa kwemivuzo yoomabhalana.
2. Kuloo ntlanganiso kwagqitywa ekubeni amanqanaba emivuzo (salary levels) yoomabhalana kula mahlelo ezikhundla zengqesho alandelayo aya kuhlaziywa ukuya kutsho kwiNqanaba loMvuzo 5:

  • Enza imisebenzi ephambili nanika inkxaso (Line functions and support);
  • AwezoLawulo nanika inkxaso;
  • AwezeMicimbi yaBasebenzi nanika inkxaso.
3. Oku kuchazwe apha ngaphambili kumalunga nooMabhalana abakumaziko emfundo kwihlelo elenza iMisebenzi ePhambili neliNika iNkxaso (Line functions and support). Ukuhlaziywa kwemivuzo kuya kuqaliswa nge-1 Apreli 2010 kuze kuqalelwe kumhla ongaphambili (backdated) oyi-1 Oktobha 2009.
4. Ukuze kube nokuhlaziywa imivuzo yaba baqeshwa ukuya kutsho kwiNqanaba loMvuzo 5, amasebe makaqinisekise ukuba bonke abaqeshwa bayangqinelana neemfuno zeCandelo V.C.6 (Part V.C.6) leSahluko 1 semiMiselo yeNkonzo kaRhulumente ka-2001), (njengoko ifakelwe izilungiso), (Public Service Regulations, 2001) (as emended), nefundeka ngolu hlobo:

C.6 Ukuba igunya eliphumeza unyuso lomvuzo wesithuba njengoko kubonelelwe phantsi komthetho V.C.5, lingaqhubeka nokuqesha umqeshwa okweso sithuba kwisithuba esikwinqanaba eliphezulu ngaphandle kokusipapasha eso sithuba ukuba lowo okweso sithuba:

  • sele ewenza umsebenzi weso sithuba sengqesho;
  • ufumene ireyithingi eyanelisayo kuvavanyo lwentsebenzo yakhe lwakutshanje; kwaye
  • uqale ukuqeshwa kwelona nqanaba lomvuzo lisezantsi lalo manqanaba emivuzo aphezulu.
5. Ukuze kungqinelwane nale migaqo echazwe apha ngasentla, iinqununu zamaziko emfundo, mazingqinisise ukuba ngaba abaqeshwa abachaphazelekayo benza iinkonzo ezingqinelana nenkcazo yomsebenzi kaMabhalana (ifom yokungqina oku iqhotyoshelwe).
6. Ukuba umqeshwa akenzi nkonzo ehambelana nesithuba sokuba nguMabhalana, njengoko kuchaziwe kwinkcazo yomsebenzi yomqeshwa, loo mqeshwa akayi kufaneleka ukuhlaziyelwa umvuzo (will not be eligible for a salary upgrade).
7. Ziyacelwa iinqununu zezikolo ezinesithuba sengqesho sikaMabhalana esizaliswe ngumqeshwa, ukuba zizalise le fom iqhotyoshelweyo yokungqinisisa iinkcukacha, ziyisayine zibe sele ziyithumela ngefeksi ungadlulanga owe-12 Matshi 2010 kule nombolo yefeksi ingezantsi:

ISithili seMfundo iMetro Central - 086 549 0004
ISithili seMfundo iMetro East - 086 579 4306
ISithili seMfundo iMetro North - 086 549 0004
ISithili seMfundo iMetro South - 086 549 0004
ISIthili seMfundo iCape Winelands - 086 691 8628
I-Eden & Central Karoo - 086 579 4306
ISithili seMfundo i-Overberg - 086 691 8628
ISithili seMfundo iWest Coast - 086 691 8628
8. Bayacelwa abalawuli ukuba bayilandele ngqo imihla ebekiweyo, njengoko ukungeniswa kade kwamaxwebhu kuya kubangela ukulibaziseka kokuphunyezwa kohlaziyo lwemivuzo.


ISAYINWE: NGU-S. CYSTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:00:00

"Salary Scales as at 1 July 2010"  (ubukhulu: 15 KB)
"Verification Form"  (ubukhulu: 12 KB)