1. Isigqibo ekwafikelelwa kuso kwintlanganiso yaBaphathi abaPhezulu bePhondo (Provincial Top Management) yange-2 Julayi 2009 ngokumalunga nokuhlaziywa kwemivuzo yoomabhalana.
2. Kuloo ntlanganiso kwagqitywa ekubeni amanqanaba emivuzo (salary levels) yoomabhalana kula mahlelo ezikhundla zengqesho alandelayo aya kuhlaziywa ukuya kutsho kwiNqanaba loMvuzo 5:

  • Enza imisebenzi ephambili nanika inkxaso (Line functions and support);
  • AwezoLawulo nanika inkxaso;
  • AwezeMicimbi yaBasebenzi nanika inkxaso.
3. Izithuba zoomabhalana ezichaphazelekayo ezimalunga nale misebenzi ilandelayo:

  • ICandelo loLawulo loQhagamshelwano lwaBathengi naBathengisi;
  • ICandelo ngokuBanzi okanye lezoLawulo;
  • EleRejistri;
  • ICandelo le-Akhawuntingi;
  • EleMicimbi yezaBasebenzi.
4. Ukuhlaziywa kwemivuzo kuya kuqaliswa nge-1 Apreli 2010 kuze kuqalelwe kumhla ongaphambili (backdated) oyi-1 Oktobha 2009.

5. Ukuze kube nokuhlaziywa imivuzo yaba baqeshwa ukuya kutsho kwiNqanaba loMvuzo 5, amasebe makaqinisekise ukuba bonke abaqeshwa bayangqinelana neemfuno zeCandelo V.C.6 (Part V.C.6) leSahluko 1 semiMiselo yeNkonzo kaRhulumente ka-2001), (njengoko ifakelwe izilungiso), (Public Service Regulations, 2001) (as emended), nefundeka ngolu hlobo:

C.6 Ukuba igunya eliphumeza unyuso lomvuzo wesithuba njengoko kubonelelwe phantsi komthetho V.C.5, lingaqhubeka nokuqesha umqeshwa okweso sithuba kwisithuba esikwinqanaba eliphezulu ngaphandle kokusipapasha eso sithuba ukuba lowo okweso sithuba:

  • sele ewenza umsebenzi weso sithuba sengqesho
  • ufumene ireyithingi eyanelisayo kuvavanyo lwentsebenzo yakhe lwakutshanje; kwaye
  • uqale ukuqeshwa kwelona nqanaba lomvuzo lisezantsi lalo Manqanaba emivuzo aphezulu
6. Ukuze kungqinelwane nale migaqo echazwe apha ngaphambili, abalawuli bakwaNdlunkulu nakwii-ofisi zezithili zemfundo mabangqine ukuba ngaba abaqeshwa abachaphazelekayo bayazenza ezo nkonzo zingqinelana nenkcazo yomsebenzi kwezi zikhundla zilandelayo:

  • Umabhalana weCandelo loLawulo loQhagamshelwano lwaBathengi naBathengisi;
  • Umabhalana (Administrative clerk);
  • Umabhalana waseRejistri;
  • Umabhalana weCandelo le-Akhawuntingi;
  • Umabhalana weCandelo leMicimbi yaBasebenzi (Personnel Clerk)
7. Abo baqeshwa bangenzi zinkonzo zingqinelana nezi zithuba zengqesho zikhankanywe apha ngasentla, njengoko kucacisiwe kwiinkcazo zabo zemisebenzi, abayi kufaneleka ukuhlaziyelwa umvuzo (will not be eligible for a salary upgrade).
8. Bayacelwa bonke abalawuli ukuba bazalise le fom yokungqinisisa iqhotyoshelweyo yabaqeshwa abakumacandelo abo abenza iinkonzo ezinxulumene nale misebenzi kamabhalana yahlukeneyo. Amagama oomabhalana aza kuthunyelwa kubo bonke abalawuli.
9. Iifom zokungqinisisa ezizalisiweyo zaza zasayinwa mazithunyelwe ngefeksi kule nombolo 086 579 4305 ungadlulanga owe-12 Matshi 2010. Bayacelwa abalawuli ukuba bayilandele ngqo imihla ebekiweyo, njengoko ukungeniswa kade kwamaxwebhu kuya kubangela ukulibaziseka kokuphunyezwa kohlaziyo lwemivuzo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:02:19

"Salary Scales as at 1 July 2010"  (ubukhulu: 15 KB)
"Verification Form"  (ubukhulu: 12 KB)