1. USuku lwaBafazi, oluya kubhiyozelwa nge-9 Agasti 2008, lusuku olumiselwe ukuqaphela nokubhiyozela amalungelo, impumelelo kunye nenkululeko yabafazi.
2. ISebe leNkonzo kaRhulumente noLawulo (Department of Public Service and Administration) likhuthaza amasebe ukuba angapheleli nje ekubhiyozeleni uSuku lwaBafazi, kodwa kwakhona abhiyozele iNyanga yaBafazi ngo-Agasti. Njengenxalenye yeprogram yeNyanga yaBafazi yeSebe leMfundo leNtshona Koloni, iCandelo loLawulo lwaBasebenzi lwangaPhakathi likhethe imiba yami-3 ekuya kuqhutywa ngayo umasifundisane kule nyanga ukuncedisa ekuphuculeni izakhono nasekusexhobiseni abafazi ngolwazi. Oku kuya kwenziwa koomasifundisane ababini abathatha usuku olunye nge-24 ne-25 Agasti 2010 e-Cape Teaching and Leadership Institute, Nooiensfontein Road, Kuils River. Umasifundisane ngamnye uya kugxila koku kulandelayo:

  1. Ukwazi ukubhala isivi
  2. Izakhono ezifunekayo kudliwano-ndlebe
  3. Ukuxhotyiswa kwabafazi ngolwazi
3. Kucelwa niqaphele ukuba esi simemo sokuya koomasifundisane bokuxhobisa ngezakhono sikhutshelwa abasebenzi ababhinqileyo kuphela. Kucelwa abalawuli batyumbe ubuncinane abaqeshwa ababini abaza kuya kumasifundisane nokuba kunge-24 okanye nge-25 Agasti. Amagama abatyunjwa makanikwe uMymona Jacobs ungadlulanga owe-10 Agasti 2010 kule nombolo yefoni 021 467 2437 okanye athunyelwe kuye nge-imeyili apha myjacobs@pgwc.gov.za
4. Njengenxalenye yokubhiyozela iNyanga yaBafazi, siliCandelo loLawulo lwaBasebenzi lwangaPhakathi siya kuba siqhuba iphulo elikhulu lokuqokelela izipho zesisa/amalizo kwinyanga ka-Agasti. Sibongoza wonke umntu ukuba anikele ngezinto ezingaboliyo okanye iimpahla eziya kusiwa kumbutho okhethiweyo. Izinto ezo zisengaziswa kwiGumbi 318 kuMgangatho 3 eGrand Central Building ungadlulanga owe-30 Agasti 2010.
5. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abaqeshwa ababhinqileyo beSebe iWCED. Baya kuthunyelelwa enye imbalelwano kamva abo baye batyunjwa.


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:07:16

"Nomination form"  (ubukhulu: 14 KB)