1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) liya kukhupha iilisti zezithuba zomsebenzi ezintlanu ngo-2011. Imihla yokupapashwa kwezi zithuba zomsebenzi, kwakunye neminye imihla ebalulekileyo, ikwisihlomelo esiqhotyoshelweyo.
2. ISebe iWCED alisayi kuba neelisti z ezithuba zomsebenzi ezahlukeneyo kumanqanaba ezithuba ahlukeneyo. Zonke izithuba zomsebenzi kufuneka ke ngoko zipapashwe kwiilisti zezithuba zomsebenzi kwangethuba kangangoko.
3. Ziyacelwa iinqununu namabhunga olawulo ezikolo ukuba baqinisekise ukuba izaziso zizaliswa ekhompyutheni (filled in electronically) kwidrafti yelisti yezithuba zomsebenzi ekwiziko lewebhu leSebe iWCED apha: http://wced.wcape.gov.za . Azisayi kwamkelwa iifom zezaziso zezithuba zomsebenzi ezibhalwe ngesandla. Iinqununu mazithetha-thethane nabaphathi beekomiti zeesekethe xa zinengxaki ngenkqubo yokuzalisa izaziso zezithuba zomsebenzi eziyidrafti kwiziko lewebhu. Uyacelwa ukuba ufunde iSetyhula 0010/2005 ye-18 Julayi 2005 malunga nalo mba. Iinqununu ezingenako ukufikelela kwiziko lewebhu maziqhagamshelane nabaphathi beekomiti zeesekethe bazo.
4. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yabo bonke abachaphazelekayo njengoko iya kuqinisekisa ulawulo ngempumelelo lwalo msebenzi ubalulekileyo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:11:01

Isihlomelo: IROSTA YEZITHUBA ZOMSEBENZI KA-2011  (ubukhulu: 13 KB)