1. Injongo yale ngcaciso imfutshane kukwazisa abaqeshwa nabo babesakuba ngabaqeshwa bakarhulumente kwixesha elidlulileyo ukuba iBhunga loQuquzelelo loThetha-thethwano phakathi koMqeshi naBaqeshwa leNkonzo kaRhulumente (Public Service Co-ordinating Bargaining Council (PSCBC)) liqalise inkqubo yokubonelela ngokulungiswa kobugwenxa bangaphambili (redress) kubaqeshwa bangoku nakwabo babesakuba ngabaqeshwa bakarhulumente bexesha elidlulileyo abachatshazelwayo zizenzo zocalucalulo zexesha elidlulileyo kwinkonzo karhulumente.

2. NgokweSigqibo 7 sika-1998 neSigqibo 12 sika-2002 ze-PSCBC, kuye kwafikelelwa esigqibeni sokuthathela ingqalelo inkonzo yabo bonke abaqeshwa benkonzo karhulumente ababesenkonzweni nge-2 Septemba 1998, njengenkonzo emele ukuhlawulelwa umhlala-phantsi (as pensionable service). Eyona khrayitheriya iphambili yokufanela ukulungiselelwa ngenxa yobugwenxa bangaphambili phantsi kwale nkqubo kukuba umqeshwa okanye lowo wayesakuba ngumqeshwa kwixesha elidlulileyo abe wayengumqeshwa karhulumente nge-2 Septemba 1998. Umhla wokuvalwa kokungeniswa kwezicelo ngowe-31 Agasti 2010.

3. Ezi ndidi zilandelayo zabaqeshwa zifanele ukulungiselelwa ngenxa yobugwenxa bangaphambili bezenzo zocalucalulo kwimihlala-phantsi zexesha elidlulileyo:
3.1 Abaqeshwa abacalulwa ngokobuhlanga, ngokwesini okanye ngokwemeko yokuqeshwa kwabo (status of employment)

Abo ngaba balandelayo:

  • Ababesakuba ngabasebenzi abancedisayo ngokubanzi (general assistants) okanye amakhesela (casual workers) abamaxesha abo okulinda umhlala-phantsi ayengathathelwa ngqalelo (not recognised) phantsi kweSigaba 1 senkqubo yokulungiswa kobugwenxa bangaphambili. Ukwamkelwa kwezi ngxowa-mali zomhlala-phantsi zilandelayo kwakuxhomekeke ekubeni umntu makalinde ithuba elithile phambi kokwamkelwa (was subject to a waiting period):
    1. Temporary Employees Pension Fund (ithuba lokulinda eliyiminyaka emi-2 okanye 5) - le Ngxowa-mali yaqala ukusebenza nge-1 Oktobha 1979
    2. Temporary Employees Pension Fund (ithuba lokulinda eliyiminyaka emi-2) - le Ngxowa-mali yaqala ukusebenza nge-4 Septemba 1992
    3. Black Authorities Superannuation Fund ((ithuba lokulinda eliyiminyaka emi-2 okanye 5) - le Ngxowa-mali yaqala ukusebenza nge-24 Januwari 1992
    4. Non-White Government Employees Pension Fund ((ithuba lokulinda eliyiminyaka emi-5) - le Ngxowa-mali yaqala ukusebenza nge-1 Apreli 1967

  • Abasebenzi ababegwayimbile baseCiskei abamathuba abo okulinda umhlala-phantsi ayengathathelwa ngqalelo phantsi kwesigaba sokusombulula ithuba logwayimbo lika-1991-1993
  • Bonke abanye abantu ekwakufuneka bagqibe ithuba lokufaneleka (complete a qualifying period) okanye lokulinda umhlala-phantsi phambi kokwamkelwa kwingxowa-mali yomhlala-phantsi
  • Ootitshala ababhinqileyo nabanye abaqeshwa ababhinqileyo ababekwinkonzo karhulumente abaye balahlekelwa yinkonzo yokuxhamla umhlala-phantsi ngenxa yokutshata kwabo, nabathi bafakwa kwi-Temporary Employees Pension Fund (TEPF) bakuqeshwa kwakhona
  • Ootitshala ababhinqileyo nabanye abaqeshwa ababhinqileyo ababekwinkonzo karhulumente ekwakufuneka bayeke umsebenzi ngenxa yokuba beye kubeleka (accouchement) (maternity) nabathi, ekubuyeni kwabo, bafakwa kwi-TEPF
  • Bonke abafundi ababesalelwa ukuba ngamalungu engxowa-mali yomhlala-phantsi karhulumente ngenxa yemeko yengqesho yabo (status of employment), o.k.t. ukuqeshwa phantsi kwemvumelwano ithuba elisikiweyo (fixed-term contract)
  • Amapolisa ethutyana (kitskonstabels), ngokumalunga nethuba apho amapolisa ayeqeshwa okwethutyana phambi kokuba aqeshwe isigxina
3.2 Abasebenzi ababekugwayimbo (Bonke abaqeshwa abafanelekileyo ababegxothiwe ngokuthatha inxaxheba kugwayimbo nabathi kamva babuyiselwa emsebenzini okanye baqeshwa ngokutsha ngemvumelwano okanye ngaphandle kwemvumelwano)

Abo ngaba balandelayo:

  • ISebe lezeMpilo laseGauteng - e-Natalspruit naseSebokeng; kwiSibhedlele i-JG Strijdom (e-Helen Joseph); kwizibhedlele zaseVereeniging (e-Kopanong)
  • Abasebenzi abagxothwayo kwizibhedlele ezithile zaseFreyistata
  • Abaqeshwa abachatshazelwa kukugxothwa ngo-1988 ngababesakuba kuLawulo lwePhondo laseNatala (Natal Provincial Administration)
  • Amalungu amaPolisa aseMzantsi Afrika agxothwa ngo-1990
  • Abaqeshwa ababeqeshwe ngababesakuba kuLawulo lwePhondo laseTransvaal phakathi ko-1991 no-1993
  • Abanye abagxothwa ngenxa yokuthatha inxaxheba kugwayimbo oluchaphazelekayo olungabalwanga apha ngentla ngeli thuba 1989 - 1993, ngokuxhomekeka ekungqinweni kwalo yi-PSCBC
3.3 Ezinye iindidi zezenzo zocalucalulo

Zezi zilandelayo:

  • Abaqeshwa abafakwa kwingxowa-mali yomhlala-phantsi yethutyana ngenxa yobume bempilo yabo okanye yobume babo ngokwasemzimbeni (medical or physical status)
  • Onke amapolisa awayesakuba ngamapolisa kamasipala afakwa kwiNkonzo yamaPolisa aseMzantsi Afrika ngo-1989 nasephantsi kweengxowa-mali zomhlala- phantsi kamasipala esezilawulwa yiNgxowa-mali yoMhlala-phantsi waBaqeshwa bakaRhulumente (Government Employees Pension Fund) ukususela nge-1 Juni 2003
4. IZICELO
4.1 Makungeniswe la maxwebhu alandelayo:

  1. Ifom yesicelo esemthethweni ye-GEPF inyanzelekile kuzo zonke izicelo.
  2. Amalungu asesenkonzweni, makazalise ifom yesicelo esemthethweni ye-GEPF kuphela.
  3. Abo babesakuba ngamalungu ngaphambili, mabazalise ifom yesicelo esemthethweni ye-GEPF kunye nale fom Z894.
    • Ifom yesicelo (application form)
    • Ileta yokuqeshwa
    • Ikopi engqinisisiweyo yesazisi
    • I-IRP5/ITB3
    • Ii-Salary advices
    • Ileta yokuqeshwa kwakhona (ukuba kuyasebenza oku)
    • Ileta yokugxothwa (ukuba kuyasebenza oku)
    • Amalungu esele eyishiyile inkonzo, kufuneka anike iinkcukacha ze-akhawunti yebhanki kwifom Z894.
Qaphela:
  1. Xa kungekho bungqina bamaxwebhu amkelekileyo njengoko edweliswe apha ngentla, kungangeniswa ii-afidavithi ezineenkcukacha ezibanzi ukuba ziqwalaselwe yi-GEPF.
  2. Ifom yesicelo emiselweyo iyafumaneka kwi-Call and Walk-in Centre yeSebe iWCED.
4.2 Abaqeshwa abaswelekayo

  • Iindlalifa (beneficiaries) mazingenise ifom yesicelo esemthethweni ye-GEPF kunye nezi fom Z864 no-Z894 (kwimeko yeendlalifa esele zingabantu abadala (attained the age of maturity).
  • Ezi fom zilapha ngentla mazihambe kunye nala maxwebhu alandelayo:
    1. Ikopi engqinisisiweyo yesatifikethi sokufa (death certificate)
    2. Ikopi engqinisisiweyo yesazisi somfi
    3. Ikopi engqinisisiweyo yesazisi somenzi-sicelo
  • I-akhawunti yelifa (an estate account) inyanzelekile kwimeko yamalungu asweleka emva kokushiya inkonzo.
  • I-akhawunti yelifa mayihambe kunye nefom evela enkundleni yomthetho yokutyunjwa komabi-lifa lomfi.
5. Umhla wokuvalwa kokungeniswa kwezicelo ngowe-31 Agasti 2010.

6. Ukufumana ingcaciso engaphezulu kunye neempendulo kwimibuzo ephathelele kule nkqubo, kubandakanywa nobungqina bamaxwebhu obufunekayo, kucelwa ufonele enye yezi foni zidweliswe apha ngasezantsi:
IFANI IGAMA I-NO. YEFONI
ADDINALL JENNY 0861923322
BRINKHUIS CORNELL 0861923322
BRUCE LEON 0861923322
BRINKHUIS CORNELL 0861923322
CUPIDO YUMNA 0861923322
DINGISWAYO ALLEN G. 0861923322
DYANI ZODWA 0861923322
FELTMAN RONELLE 0861923322
FREDERICKS REIGHLON 0861923322
GOLIATH VANESSA 0861923322
JULIUS ROSE-MAREE 0861923322
MGODELI CHARMAIN 0861923322
MGODELI KHOLIWE 0861923322
MGUGA LINDA 0861923322
MURPHY VIRGINIA 0861923322
NOBLE FRANKLIN 0861923322
PHILANDER FRANCOIS 0861923322
SIYAYA CHANTEL 0861923322
SOKA ASHLEY 0861923322
VAN DER BERG QUINZY 0861923322

7. Bayacelwa abasebenzi abasesenkonzweni yaye bekwakhuthazwa ukuba bancede baxelele okubhalwe kule setyhula bonke oogxa babo, ngakumbi abo babesakuba ngabaqeshwa bakarhulumente kwixesha elidlulileyo.


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-07-16