1. |
ISiqendu 6B (Section 6B) soMthetho wezeNgqesho yooTitshala (EEA) (Employment of Educators Act) (EEA), ka-1998, sibonelela ngokutshintshelwa kwengqesho yethutyana kwingqesho esisigxina.
|
2. |
Utitshala wethutyana ngutitshala oqeshwe ngoku kwisithuba senqanaba 1 esingenamntu nesivunywe ngokusemthethweni okweso okweso sithuba ngokungesosigxina ithuba elimiselweyo. Le nkcazo ayisebenzi kootitshala abaye baqeshwa kwizithuba zonyuselo-sikhundleni ezingenamntu ezivunywe ngokusemthethweni njengababambeleyo (acting capacity), okanye kwabangene kwizithuba zabanye (substitutes), abaqeshwe kwindawo yootitshala abaqeshwe isigxina abangekhoyo emsebenzini, ngenxa yaso nasiphi na isizathu. Kucelwa ufunde umhlathi 10 apha ngezantsi.
Ootitshala ababenethuba lenkonzo ende kwezemfundo umz., abo sele bethathe umhlala-phantsi, abo bathathe umhlala-phantsi ngaphambi kwexesha, abakhutshwa ngenxa yokungaphili okanye abathatha iPhakheji yokuYeka ngokuZithandela (Voluntary Severance Package (VSP)) neyaluhlobo luni na, abafakwanga bona kule miqathango equlethwe kule setyhula.
Izithuba ezazipapashwe kuLuhlu lweZithuba 2/2009 ukuze zizaliswe isigxina, ukususela kwi-1 Januwari 2010, nazo azibandakanywanga kwimiqathango equlethwe yile setyhula. Nakuba kunjalo, aphp iWCED ithe yenza isigqibo ngokusemthethweni sokuba ingasizalisi isithuba sengqesho njengoko besipapashwe kuLuhlu lweZithuba 2/2009, isithuba sengqesho esilulo hlobo singathathelwa ingqalelo yokuba sizaliswe isigxina ngokwemiqathango equlethwe kule setyhula.
|
3. |
Ukutshintshwa kwengqesho yethutyana ukuba ibe yingqesho esisigxina kwenziwa ngokwengqiqo yeNtloko yelo sebe lemfundo lephondo.
|
4. |
Ngenxa yoku, kubaluleke gqitha ukuqaphela ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni liyahambelana nomgaqo (principle) wokhuphiswano oluvulelekileyo xa kuziwa kumba wokuzaliswa kwezithuba ezabelwe lona ngokusemthethweni nezabelwe amaziko aphantsi kolawulo lwalo. Ngenxa yoku, izithuba zipapashwa qho kumaphephandaba kazwelonke (kwimeko yezithuba ezisezi-ofisini) zize zipapashwe kwizintlu zezithuba (kwimeko yezithuba ezikumaziko emfundo kwanezo zisezi-ofisini).
|
5. |
Ngokubonisana nemibutho yootitshala emelweyo kwiBhunga lezeMfundo lePhondo lezoBudlelwane eMisebenzini (Provincial Education Labour Relations Council) (PELRC), iSebe leMfundo leNtshona Koloni lifikelele esigqibeni ngezi khrayitheriya zilandelayo ngokumalunga nokutshintshwa kwemeko yengqesho yootitshala bethutyana ibe yesisigxina ngokweSiqendu 6B soMthetho wezeNgqesho yooTitshala ka-1998 ukususela nge-1 Januwari 2010:
|
5.1 |
Ukuqeshwa isigxina makwenziwe kwisithuba esingenamntu senqanaba 1 esivunywe ngokusemthethweni (vacant substantive post), kwaye isithuba masiboniswe kwinani lezithuba zengqesho zootitshala abatsha ezabelwe eso sikolo ngo-2010.
|
5.2 |
Utitshala ochaphazelekayo makabe ngoku uqeshwe okwethutyana liSebe leMfundo leNtshona Koloni, ube umhla wokuqeshwa kwakhe uphambi okanye unge-1 Julayi 2009.
|
5.3 |
Utitshala kufuneka :
- abe uwuqeqeshelwe ngokufanelekileyo umsebenzi wokufundisa
- abe uyazifezekisa iimfuno ezingundoqo zesithuba utshintsho lwengqesho yakhe oluza kwenzelwa sona;
- makabe ubhalisile kwi-SACE.
|
5.4 |
Ukuqeshwa isigxina makuxhaswe libhunga lolawulo lesikolo.
|
6. |
Umhla wokugqibela wokufakwa kwezi zicelo ngowama- 16 Matshi 2010.
|
7. |
Njengoko la ingengomalungiselelo aqhelekileyo kwabo titshala sebezikwithuba ezingenamntu ezivunywe ngokusemthethweni (vacant substantive posts), imiyalelo yoBulungisa kwezeNgqesho (Employment Equity) ayisayi kusebenza kwezi zithuba.
|
8. |
Ootitshala abaqeshwe okwethutyana abafuna ukwenza izicelo zokutshintshwa kwengqesho yabo ibe yesisigxina ngokweSiqendu 6B se-EEA, 1998, mabangenise ifom i-DPE 1 (ifom yesicelo sengqesho) ezaliswe ngokupheleleyo kunye neleta enezizathu ezixhasayo kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni kodwa emayiqale idlule kwibhunga lolawulo lesikolo. Ezi zicelo mazithunyelwe ngeposi kwidilesi ye-ofisi yakwaNdlunkulu (WCED Head Office) njengoko kubonisiwe kumhlathi 4 no-9 weNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo lwaBasebenzi lwaNgaphakathi 0006/2009, yomhla we-Apreli 2009.
|
9. |
Kucelwa niqaphele ukuba esi sibonelelo sokutshintsha ingqesho yethutyana ukuba ibe yingqesho esisigxina lithuba elifika kube kanye qwaba nokuba izicelo ezifike emva kokuba udlule umhla omiselweyo azisayi kunikwa ngqwalaselo
|
10. |
Ootitshala ababambele abanye abasenkonzweni (serving substitute educators), bangaqwalaselelwa injongo yokuqeshwa isigxina ngokwemiqathango emiselwe kule setyhula xa beqeshwa kwizithuba ezingenamntu ezivunywe ngokusemthethweni (vacant substantive post).
|
11. |
Ziyacelwa iinqununu ukuba zincede ziqinisekise ukuba le setyhula yaziswa kuwe onke amabhunga olawule lwezikolo nabo bonke ootitshala , ngokukodwa abo baqeshwe okwethutyana kunye nabo babambele abanye.
|
12. |
Le setyhula isebenza kuphela kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo, nakwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa zikarhulumente
|
13. |
Intsebenziswano yabo bonke ochaphazelekayo yoqinisekisa ukulawulwa ngempumelelo yale nkqubo.
|
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:02:15
|