1. Injongo yale ngcaciso imfutshane kukunazisa ngokumalunga namagalelo (inputs) afunekayo ukulungiselela ukwenziwa kwengxelo-mali yonyaka (IFSs) yeSebe iWCED nge-30 Septemba 2010 liSebe leMfundo leNtshona Koloni ukwenzela unyaka-mali ka-2010-2011.
2. Njengoko nanazisiwe ngaphambili, uNondyebo kaZwelonke (National Treasury (NT)) umisele ukuba onke amasebe karhulumente makaqulunqe iingxelo zemali (IFSs) nge-30 Septemba, zize zingeniswe kuNondyebo ofanelekileyo ukuze zijongisiswe. Injongo yale ngxelo yethutyana (interim reporting) kukuphucula ukuchaneka nokubasemgangathweni kwengcaciso ekunikwe ingxelo ngayo kwiingxelo-mali zonyaka (AFSs), ngakumbi kwingxelo emalunga nengcaciso yengxelo yokuchaphazeleka kwimicimbi yemali (disclosure notes) kunye nokulungiselela amasebe ukutshintshela kwi-accrual accounting. Iingxelo-mali zonyaka zeWCED mazingeniswe kuNondyebo wePhondo (Provincial Treasury (PT)), ungadlulanga owe-15 Novemba 2010.
3. Ukwenzela ukuba eli candelo libenako ukungqinelana nezi mfuno, kubalulekile ukuba abantu abenza lo msebenzi abakuluhlu oluqhotyoshelweyo, bangenise amagalelo abo kweli candelo ngokukhawuleza, ngokuwafaka kwi-Basic Accounting System emva kokuvalwa kwenyanga yee-akhawunti uSeptemba 2010, okanye kungabi semva kwe-15 Oktobha 2010.
4. Kucelwa niqaphele ukuba onke amagalelo makahanjiswe kunye namaxwebhu axhasayo (supporting documentation), asayinwe ngumqulunqi wamaxwebhu (compiler), aze angqinisiswe njengachanekileyo kwaye asayinwe ngumlawuli okanye yisuphavayiza efanelekileyo. Apho kuyimfuneko, amaxwebhu axhasayo makangeniswe ngokuthunyelwa ngekhompyutha, njengoko le iyimfuno eqhelekileyo ye-AFS. Iingxelo zemali zethutyana (IFS) aziyi kuphicothwa yi-Ofisi yoMphicothi-zincwadi Jikelele (Auditor-General), kodwa ziya kujongisiswa zize zivavanywe nguNondyebo wePhondo (Provincial Treasury (PT)), oya kunika ingxelo ngeziphumo kwiGosa eliMele ukuPhendula ngoSetyenziso lweMali (Accounting Officer). Ngako oko ke eyona nto kujoliswe kuyo ngamandla kukuvavanya ukuchaneka nokuthembakala kwedatha nokuthintela ukufunyanwa kweengxelo ezingathandekiyo ngabaphicothi-zincwadi.
5. Ukunenzela lula, abantu abakuluhlu oluqhotyoshelweyo, baza kuthunyelelwa nge-imeyili iikopi zeethempleyithi ezikhompyutheni zokusetyenziswa xa kulungiswa iingxelo-mali ezichaphazelekayo kwakunye nesikhokelo esifanelekileyo sokuninceda xa kulungiswa ezi ngxelo-mali.
6. Nayiphi na imibuzo ngalo mba ingabhekiswa kuMnu MJ Comer kule nombolo yefoni 021 467 2736, okanye kuMnu S van Wyk kule nombolo yefoni 021 467 2738.
7. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:10:08

"List of persons responsible for providing input for"  (ubukhulu: 24 KB)