1. Ukususela nge-1 Apreli 2010, iingxelo zekhompyutha zoluhlu lwemivuzo ebisalele (electronic supplementary salary payroll reports) ukongeza kwiingxelo zekhompyutha zoluhlu lweentlawulo zemivuzo yaqho ngenyanga esele zisetyenziswa ngoku kwi-HCLMS-CPS, ziya kufumaneka kuzo zonke iipheyipoyinti. Ezi pheyishithi mazizaliswe zize zisayinwe, kuze kungqinisiswe ikopi ekwikhompyutha, njengoko kuqhele ukwenziwa kwizatifikethi zepheyiroli eziqhelekileyo (normal payroll certificates).
2. Izizathu zokuqaliswa kwezi ngxelo zepheyiroli zemivuzo ebisalele engenangcaciso ngemivuzo zezi zilandelayo:
2.1 kukufumana iisiginitsha zabantu abafakwe kuluhlu lwengxelo yeentlawulo zemivuzo ukubonisa ukuba bawafumene amaphetshana abonisa imivuzo yabo ebisalele (their supplementary salary advices)
2.2 kukuqinisekisa ukuba yimfihlo (confidentiality) kwengcaciso ngemivuzo
3. Ukungqinisiswa okuqhelekileyo kwengxelo yepheyiroli enengcaciso yemivuzo ebisalele, ngokweNgcaciso eMfutshane yeCandelo leeNkonzo ze-Akhawuntingi 0007/2009, makuqhubeke kusenziwa kwaye mayibuyiselwe le ngxelo kwakunye nengxelo yepheyiroli engenangcaciso ngemivuzo, kule dilesi ilandelayo:

  Director: Financial Accounting
For attention: Mrs A Smit
Paysheet Control Section (7th Floor)
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
Cape Town
8000
4. Kufuneka nizigcine iikopi zala maxwebhu akhankanywe apha ngentla ukwenzela iinjongo yeerekhodi.
5. Isigqibo sokuqhubeka nokungeniswa kweepheyishithi ezingamaphepha (manual pay sheets), siya kuthathwa kuphela emva kokugqitywa ngempumelelo novavanyo lwenkqubo yentlawulo ngekhompyutha kwemivuzo ebisalele.
6. Kucelwa niyibuze yonke imibuzo kwiziko leefoni (call centre) leSebe iWCED.
7. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-07-19