1. Injongo yale ngcaciso imfutshane yecandelo lezemali kukukhumbuza ngegalelo ekufuneka ulenzile ukulungiselela ukwenziwa kweengxelo-mali liSebe leMfundo leNtshona Koloni zonyaka-mali ka-2009-2010.
2. NgokweSiqendu (40)(1)(1) soMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente, 1 ka-1999, (Public Finance Management Act (PFMA)), njengoko ufakelwe izilungiso nguMthetho 29 ka-1999, iGosa eliMele ukuPhendula ngoSetyenziso lweMali (Accounting Officer) kufuneka lilungise iingxelo zemali zonyaka-mali ngamnye lize lizingenise kuMphicothi-zincwadi Jikelele (Auditor-General) ngenjongo yokuba ziphicothwe zingadlulanga iinyanga ezimbini uphelile unyaka-mali, ngokunjalo nakwi-Ofisi kaNondyebo wePhondo (Provincial Treasury), eya kulungisa iingxelo-mali ezidityanisiweyo (consolidated financial statements). Oku kuthetha ukuba iingxelo-mali zeSebe i-WCED ezigqityiweyo zasayinwa mazingeniswe ungadlulanga owe-31 Meyi 2010.
3. Ukwenzela ukuba iCandelo lezeMali nee-Akhawunti libe nokungqinelana neemfuno ze-PFMA, kubaluleke gqitha ukuba abantu abathweswe lo msebenzi nabakuluhlu oluqhotyoshelweyo bangenise amagalelo abo kweli candelo ngokukhawuleza, emva kokuphela kwalo nyaka-mali, okanye ungadlulanga owe-16 Apreli 2010 ukuba akukho xesha lakuvala lisikiweyo. Kucelwa niqaphele ukuba makungeniswe, ngokuthunyelwa ngekhompyutha, amagalelo abhaliweyo ahamba kunye namaxwebhu afanelekileyo ngendlela ekufunwa ngayo yi-Ofisi yoMphicothi-zincwadi Jikelele. Amagalelo/amaxwebhu axhasayo angeniswayo angamaphepha (hard copies), makangqinisiswe njengachanekileyo aze asayinwe ngabalawuli/ziisuphavayiza ezifanelekileyo.
4. Ukwenza kube lula ukujonga izalathiso (reference), abantu abakuluhlu oluqhotyoshelweyo baza kuthunyelelwa nge-imeyili iikopi ezikotshelwa ekhompyutheni zeethempleyithi zokusetyenziswa xa kulungiswa ingxelo-mali ezifanele icandelo ngalinye kwakunye nesikhokelo esifanelekileyo sokunceda xa kulungiswa ezi ngxelo-mali.
5. Nayiphi imibuzo ngalo mba ingabhekiswa kuMnu MJ Comer kule nombolo yefoni 021 467 2736, okanye kuMnu S van Wyk kule nombolo yefoni 021 467 2738.
6. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:03:31

"Annexure A"  (ubukhulu: 28 KB)