1. Intshayelelo
NgokweSiqendu (40 (1)(c) soMthetho woLawulo lweeMali zikaRhulumente (Public Finance Management Act), eli sebe kufuneka lingenise iingxelo-mali zonyaka kuMphicothi ziNcwadi-Jikelele ngomhla wama-31 Meyi 2010. Kunyaka-mali 2009/2010, ophela nge-31 Matshi 2010, kufuneka kuvalwe iincwadi zeli Sebe phambi komhla wama-30 Apreli 2010. Umhla ojongwe njengowokuvalwa kweencwadi ngowe-16 Apreli 2010. UNondyebo kaZwelonke (National Treasury) uya kwenza uvalo lonyaka-mali olunyanzeliswayo (forced closure) kwimeko apho isebe lingazivali kwangexesha iincwadi zalo. Ngenxa yesi sizathu, ayabongozwa onke amaqela ukuba ancede athathele ingqalelo oku kulandelayo ukwenzela ukuqinisekisa ukuba kuyahlangatyezwana neemfuno ezingummiselo.
2. IIntlawulo ngokwenkqubo ye-BAS ngoMatshi 2010
ICandelo loLawulo lwee-Akhawunti ngokusebenzisana ne-BAS Syscon, njengangoku balawula le nkqubo ngokumalunga neentlawulo ezenziwa kwi-BAS zonyaka-mali ka-2009/2010. Ezi ofisi sele ziyithumele ingcaciso kubasebenzisi (users) ngokumalunga neentlawulo kwi-BAS nakwi-Logis.
3. AmaBango eziXhaso naweeNdleko zoThutho (Subsistence and Transport Claims)
Zonke iimali zezixhaso nezothutho (subsistence and transport (T&S)) ezikhutshwa ngaphambi kwesiganeko (advances), azichatshazelwa kukuvalwa konyaka-mali yaye kusaza kuqhutyekwa nemihla yokukhutshwa kweentlawulo zesiqhelo ze-BAS. Nakuba kunjalo, ngenxa yokuba inkcitho eyenzelwa ii-T&S ixhuzulwa kuphela kwiimali ezikhutshiweyo kwakuba kwenziwe ibango, kubalulekile ukuba onke amabango angekahlawulwa ngokumalunga nonyaka-mali 2009/2010 makenziwe kwangexesha. Njengoko la mabango neemali ezikhutshwa ngaphambi kwesiganeko (advances) zenziwa kwi-PESALI, mazingeniswe ungekadluli umhla we-26 Matshi 2010. Nawaphi na amabango angeniswe emva kwalo mhla aya kuhlawulwa ngemali yonyaka-mali we-2010/2011. Yonke imali eyintsalela (differences), xa kuthe kanti ibango lingaphantsi kwemali ekhutshwa ngaphambi kwesiganeko (advance), kufuneka ibe seyibuyisiwe phambi kowe-26 Matshi 2010.
4. Iirisiti (zeZithili zeMfundo neze-DFA)
Zonke ii-ofisi ezinoxanduva lokukhupha iirisiti ze-BAS maziqinisekise ukuba iirisiti zikaMatshi 2010, kungakhathaliseki umhla wokudipozithwa kwazo, mazibalwe zonke ngenyanga yobalo-mali Matshi (03) nokuba zonke iirisiti ezisalindelweyo zinako ukubonwa kwi-BAS. Abagunyazisayo (authorisers) mabaqinisekise kwakhona ukuba iirisiti ezihlatyiweyo (cancelled receipts) zigunyaziswa ngokufanelekileyo (are duly authorised).
5. Inkcitho yeemali ezincinane (yeZithili zeMfundo neye-DFA)
Yonke inkcitho yemali encinane eyenziweyo ukuya kutsho kwi-31 Matshi 2010, mayibalwe yonke ngoMatshi 2010.
6. Inyanga yobalo-mali uMatshi (03) (kwiZithili zeMfundo, DFA, nakwi-DPM)
Kunyanzelekile ukuba kusetyenziswe umhla ochanekileyo wokuthumelwa kwi-BAS ngawo onke amaxesha, ngokukodwa xa kungeniswa izilungiso zeempazamo kwijenali ngokumalunga nonyaka-mali 2009/2010 ngo-Apreli. Bonke abagunyazisayo (authorisers) mabaqinisekise ukuba iijenali ezifakwe kwikhompyutha zikaMatshi zigunyaziswe kwangexesha ngethuba lokuqhutywa komsebenzi de ugqitywe.
7. IMicimbi engeKenziwa kwi-BAS
Yonke imicimbi engekenziwa esekwimo yokuba kuthiwe yevulekileyo (engekaphethwa), yekhatyiweyo, yeza kukhatywa, yengagqitywanga, tobeact, tobeau and rejauth mayigcinwe, igunyaziswe okanye ihlatywe. Ingxelo yemicimbi engekenziwa ngomsebenzi owenziwa kulo ndawo (per functional area) (intlawulo, iijenali njl. njl.) ingacelwa kwi-BAS kwinqanaba lokwenza iiNgxelo (Reporting functionality) (Other Reports). Abasebenzisi ekungumsebenzi wabo lo (responsible users) bangaziwa ngokujonga kule ngxelo ukulungiselela iinjongo zokuphethwa kwemicimbi engekenziwa. Kungenjalo, kungakhangelwa apha outstanding transaction enquiry dialogue ngokumalunga nemicimbi engekenziwa ukulungiselela i-Creditor Management ne-Creditor Payment functional areas. Umhla omiselwe ukuba kugqitywe imicimbi engekenziwa ngowe-23 Matshi 2010.
8. Ii-BAS interfaces and exceptions (DFA)
Amagosa ekungumsebenzi wawo oku (responsible officials) makaqinisekise ukuba zonke ii-Bank and Persal interface exceptions ziyenziwa zigqitywe ngaphambi komhla wokuvala okokugqibela (final closure). UMlawuli weNkqubo ye-BAS (BAS System Controller) makaqinisekise ukuba zonke iintlawulo ezenziwa ngePesali (all Persal runs) zifakiwe kwi-BAS nokuba kwenziwe ukudityaniswa kwe-PMG interfaces.
9. Ungqinelelwaniso (Reconciliations) (DFA)
ICandelo lokuBhankisha (Banking Section) maliqinisekise ukuba zonke iintlawulo ezingxamisekileyo (NAPS) zifakiwe kwi-BAS zonyaka-mali 2009/2010. Makwenziwe ungqinelelwaniso lwemali namaxwebhu okubhankisha kaMatshi 2010 ukuze istatimenti sebhanki sibhalanse nge 31 Matshi 2010.
10. Ii-akhawunti zee-asethi namatyala (assets & liabilities accounts) (DFA)
Ukuze kube nokuchazwa ngokuchanekileyo ii-akhawuntii zee-asethi namatyala kwiingxelo-mali (financial statements), kunyanzelekile ukuba kuthathwe amanyathelo ayimfuneko ukulungisa ezi akhawunti ukuze zibonise iibhalansi ezichanekileyo, umz. iibhalansi zemali ekhoyo kwii-akhawunti zamatyala (credit balances on debt accounts). Kwimeko apho izixa-mali zamatyala zinganxulumananga nezixamali ezikhoyo kwii-akhawunti (credit amounts and vice versa), ezi debhithi neekhredithi mazicaciswe (must be specified and aged) ngokwahlukeneyo ngamagosa athweswe lo msebenzi (responsible officials) ukulungiselela iinjongo zeengxelo-mali. Ngokumalunga noku, makungeniswe kwakunye namaxwebhu ayimfuneko axhasayo (necessary supporting documentation). Xa kuyimeko yee-akhawunti zotyalo-mali zeengxowa-mali ezizodwa (investment accounts of special funds), iibhalansi mazingqinelanisiswe ukulungiselela iinjongo zengxelo yokugqibela (final statement).
11. Amabango amelwe ukuhlawulwa namabango amele ukufunyanwa (DFA)
Ngokumalunga nezixa-mali ezisatyalwa (amounts owing) ngamasebe nezityalwa amanye amasebe kufuneka kungeniswe izatifikethi ezibubungqina bezixa-mali ezingekahlawulwa lisebe ngalinye iSebe i-WCED elalenze umcimbi nalo ukulungiselela iinjongo zophicotho-zincwadi. Iileta zokungqina mazithunyelwe ingekapheli inyanga enye emva kokuphela konyaka-mali (16 Apreli) yaye zibuyiswe ungekadluli owe-17 Meyi 2010, ukwenzela ukuba amasebe abe nako ukuchaza iibhalansi ezichanekileyo kwiingxelo-mali zawo.
12. Iintlawulo zeNgeniso egqithisileyo (Revenue payovers) (DFA)
Yonke ingeniso (All revenue) efunyenweyo ngonyaka-mali mayibe nokulandeleka ize imana kuhlawulwa qho kwiNgxowa-mali yeNgeniso yePhondo (Provincial Revenue Fund) ungadlulanga umhla we-31 Augusti 2010.
13. Umhla wokugqibela wokuvalwa konyaka-mali (DFA)
Umhla wokuvalwa kwemisebenzi (workflows) yonyaka-mali 2009/2010 o.k.t. ophela nge- 31 Matshi 2010, uya kuba ngowe-15 Apreli 2010. Oku kuthethe ukuba kuphela ngabasebenzi beli candelo Accounting Control Section of the Directorate: Financial Accounting, abaya kuba nako ukwenza olunye utshintsho (kwiijenali) ngokumalunga noMatshi 2010 phambi kokuba kuvalwe okokuqala (before preliminary closure) okuya kuba nge-16 Apreli 2010. Bayacelwa bonke abasebenzisi be-BAS ukuba baqinisekise ukuba lonke utshintsho oluyimfuneko lugunyazisiwe kwangaphambi komhla okanye ngomhla we-15 Apreli 2010. Umhla wokugqibela wokuvalwa kweencwadi (audit's final closure) uya kwenzeka kuphela emva kokuba kugqitywe ukuphicothwa iingxelo-mali zeSebe (Department's financial statements) yi-Ofisi yoMphicothi ziNcwadi-Jikelele (Office of the Auditor-General).

Iya kusivuyisa kakhulu intsebenziswano yenu yokuzinikela ngokupheleleyo ngentliziyo yenu yonke kunye nokulandela ngqo iimfuno zale ngcaciso emfutshane.



ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-03-25

"Public Finance Management Act"  (ubukhulu: 487 KB)