1. Oku kulandelayo sisishwankathelo sazo zonke iimviwo neemvavanyo zangaphandle eziza kuqhutywa kwizikolo zamabanga aphantsi naphezulu nakumaziko emfundo yabadala akwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ngo-2010. Oku kubandakanya neeMviwo zokuXabangela zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate Supplementary Examinations) ngo-2011

ICANDELO LEMFUNDO NOQEQESHO NGOKUBANZI (GET)

  1. IiMvavanyo zikaZwelonke zaqho ngoNyaka: amaBakala 1 - 6
  2. IiMvavanyo zikaZwelonke zaqho ngoNyaka: Iimvavanyo ezilingwayo (pilot) zeBakala 9 kwiMathematika nakuLwimi lokuFunda nokuFundisa (Language of Learning and Teaching (LoLT)) kwisampula yezikolo
  3. IiMvavanyo zeWCED zoLwazi lokuFunda nokuBhala nolokuBala: AmaBakala 3 no-6
  4. IiMvavanyo zeWCED kwiMathematika nakwiiLwimi (LoLT)): Iimvavanyo ezilingwayo zeBakala 9

ICANDELO LEMFUNDO NOQEQESHO OLUQHUBELEKAYO (FET)

  1. IiMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (ngoNovemba 2010) neeMviwo zokuXabangela ngoFebruwari/Matshi 2011
  2. IiMviwo zeSatifikethi seMatriki (iNgxelo 550) (Report 550)

ICANDELO LEMFUNDO NOQEQESHO LWABADALA (AET)

IiMviwo neeMvavanyo ze-ABET amaNqanaba 1 - 4


2. Izikolo namaziko emfundo yabadala maziqaphele le ngcaciso ilandelayo ngokumalunga nemihla yeemviwo neemvavanyo ezahlukeneyo zize zicwangcise ngokungqinelana nayo.

2.1 I-GET
2.1.1 IiMvavanyo zikaZwelonke zaqho ngoNyaka - AmaBakala 1 - 6

  1. Eyona njongo iphambili yezi mvavanyo zaqho ngonyaka nezibhalwa kwiiLwimi (LoLT) nakwiMathematika, kukuphucula izakhono zabafundi zokufunda, ukubhala nokubala. Ezi mvavanyo zaqaliswa njengeprojekthi kazwelonke ngo-2008 yaye ziya kuqhubeka zibhalwa de kube ngo-2011. Ezi mvavanyo zibhalwa ngabo bonke abafundi abakumaBakala 1 - 6.
  2. liMvavanyo zikaZwelonke zaqho ngoNyaka zamaBakala 1, 2, 4 no-5, ziya kubhalwa ngomhla isikolo esiya kufikelela esigqibeni ngawo ngeveki yokuqala kaNovemba 2010 (01 -05 Novemba).
  3. Amabakala 3 no-6 aya kubhala nge-2 nange-4 kaNovemba 2010, njengoko kubonisiwe kwithayimthebhile eqhotyoshelweyo.
  4. Iimvavanyo ziya kusetwa ndaweninye zize ziprintwe liSebe leMfundo esiSiseko (Department of Basic Education (DBE) liprintele bonke abafundi. Ukuhanjiswa kwazo zisiwe ezikolweni kuya kwenziwa ngokuthi zidlule kuqala kwii-ofisi zezithili zemfundo.
  5. Ukuqinisekisa ukuba nifumana inani elichanekileyo lamaphepha eemvavanyo aprintiweyo, kucelwa iinqununu zithumele iinkcukacha-manani ezihlaziyiweyo (updated statistics) zamanani abafundi kulwimi ngalunye, ibakala ngalinye nenkalo yesifundo/neprogram nganye eza kuvavanywa kwizithili zemfundo ngethempleyithi eza kukhutshwa yi-DBE.
  6. Ezi mvavanyo ziya kumakishwa zimodareyithwe ezikolweni phantsi kolawulo lweekomiti zolawulo lwesikolo (school management teams).
  7. Amagosa esithili nawephondo aya kubeka esweni ulawulo, ukubhalwa nokuqhutywa kwezi mvamvanyo.
  8. Kuya kufuneka izikolo zifake amanqaku kwikhompyutha (capture marks electronically) zize ziwangenise amanqaku lawo kwii-ofisi zezithili zemfundo.
  9. Ezi mvavanyo mazibandakanywe njengecandelo eliyinxalenye yeemvavanyo zamaBakala1 - 6. Oku kuthetha ukuba mazisetyenziswe njengomnye wemisebenzi yovavanyo erekhodwe ngokomgaqo (formal recorded assessment tasks) yekota yesine.
  10. Ngokungqinelana nemiyalelo kaMongameli neeprayorithi zoMphathiswa weMfundo kuzwelonke, kuya kukhethwa isampula yezikolo ezingama-200 ezinamaBakala 3 - 6 kwiphondo ukulungiselela injongo yokubhalwa ngokuzimeleyo kweemvavanyo (independent administration of tests) nokumodareyithwa kweziphumo. Uluhlu lwezikolo ezikhethiweyo njengesampula ukulungiselela le njongo luya kungeniswa kumasebe emfundo amaphondo yaye izikolo ziya kwaziswa nazo kwangokunjalo.
2.1.2 IiMvavanyo zikaZwelonke zaqho ngoNyaka - IBakala 9 iimvavanyo ezilingwayo

  1. Ukubeka isiseko seeMvavanyo zikaZwelonke zaqho ngoNyaka (Annual National Assessments (ANAs)) kwinqanaba leBakala 9, iSebe iDBE liya kuthi ngo-2010, liqulunqe iimvavanyo zeelwimi nemathemathika ezilingwayo (pilot) lize labelane nezikolo ngezikhokelo kwezo nkalo kuya kufikelelwa kuzo kwiimvavanyo xa sele kuqhutywa iimvavanyo mpela ngokupheleleyo (full-scale assessments) ngo-2011.
  2. Ngo-2010 ii-ANA ziya kuqhutywa kwisampula yezikolo ezifundisa iBakala 9. Ziya kwaziswa izikolo ezikhethiweyo lwakuba nje uluhlu lufikile ukuvela kwiSebe iDBE.
  3. Apha ku-2010, ii-ANA ziya kuqhutywa kwiilwimi ezifanelekileyo ezisetyenziswa zizikolo ekufundiseni nasekufundeni (isiNgesi nesi-Afrikansi) nokuba ngaba kukwinqanaba loLwimi lweNkobe/lwaseKhaya okanye loLwimi lokuQala oLongezelelweyo (either Home or First Additional Language level).
  4. Iimvavanyo zeBakala 9 ziya kusetwa ndaweninye, ziprintwe liSebe iDBE liprintele bonke abafundi bezikolo ezikhethiweyo. Ukuhanjiswa kwazo zisiwe ezikolweni kuya kwenziwa ngokuthi zidlule kuqala kwii-ofisi zezithili zemfundo.
  5. Ezi mvavanyo ziya kulawulwa ngaphandle ngokungqinelana nethayimthebhile eqhotyoshelweyo.
2.1.3 IiMvavanyo zeNkqubo yeMfundo zeWCED (Systemic Tests) - AmaBakala 3, 6 no-9

  1. Ukususela ngo-2010, iSebe iWCED liya kunabisa iprogram yovavanyo ngolu hlobo lulandelayo:
    1. Bonke abafundi beli qela abakumaBakala 3, 6 no-9 baya kuvavanywa qho ngonyaka kuzo zonke izikolo ezinabafundi aba-5 nangaphezulu.
    2. Izikolo ezizimeleyo ezihlangabezana neekhrayitheriya eziyimfuneko ziya kucelwa ukuba abafundi bazo abakumaBakala 6 no-9 ngo-2010 bathathe inxaxheba kwezimvavanyo.
    3. Iimvavanyo ziya kuqhutywa ngababoneleli-nkonzo abazimeleyo.
    4. Ezi mvavanyo ziya kuqhubeka ukususela nge-6 ukuya kwi-19 Oktobha 2010.
    5. Bonke abafundi bamaBakala 3 no-6 baya kuvavanywa kuLwazi lokuFunda nokuBhala/kuLwimi nakuLwazi lokuBala/kwiMathematika, baze abafundi beBakala 9 bavavanywe kwiMathematika neLoLT (isiNgesi nesi-Afrikansi).
    6. Iimvavanyo ziya kucwangciselwa usuku olunye kwisikolo ngasinye.
    7. Amanqaku okupasa kuzo zonke iimvavanyo ngu-50%.
    8. Izikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa azizi kuzibhala ezi mvamvanyo zeSebe iWCED ngo-2010

  2. b. Kufuneka izikolo ziqinisekise ukuba zonke iinkcukacha zabafundi bamaBakala 3, 6 no-9 zifakwe ngokuchanekileyo kwiCEMIS ekupheleni kukaJuni 2010.
  3. Ingcaciso engamalungiselelo okubhalwa kwezi mvavanyo iya kuthunyelwa liCandelo leeNkonzo zoPhando (Directorate: Research Services). Nayiphi na imibuzo emalunga nezi mvavanyo zilapha ngasentla mayibhekiswe kuGqr RS Cornelissen kule nombolo yefoni 021 467-2286 okanye ithunyelwe kuye nge-imeyili apha rcornelissen@pgwc.gov.za
2.2 I-FET
2.2.1 IiMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke - iBakala 12

  1. IiMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke zabhalwa okokuqala ngqa ngo-2008. Iimviwo zokuxabangela zibhalwa ngoFebruwari/Matshi ngonyaka ngamnye.
  2. Amaphepha emibuzo asetwa liSebe i-DBE, amodareyithwe ngu-Umalusi aze athunyelwe kumaphondo ukulungiselela ukubhalwa nokulawulwa kweemviwo (for administration and management).
  3. Njengoko bekunjalo kwixesha langaphambili, amaphepha emibuzo eemviwo aya kusiwa ezikolweni phambi kokubhalwa koviwo.
  4. Iimviwo zokuphela konyaka zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (kungabandakanywa iimviwo zezifundo zepraktikhali) ziya kuqala nge-25 Oktobha 2010 zize ziphele nge-3 Disemba 2010. Ithayimthebhile yokugqibela ithunyelwe ezikolweni neSetyhula 0020/2010.
  5. Bonke abaviwa ababhala iiMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke mabangqinelane (comply with) neemfuno ezingummiselo zovavanyo oluqhubekela esikolweni (school-based assessment (SBA)), nekufuneka lumodareyithwe yaye lungqinisiswe (verified) esikolweni nakwinqanaba lesithili phambi kokuba amanqaku angeniswe kwiCandelo leeMviwo ungadlulanga owe-30 Septemba 2010.
  6. Apho abaviwa bangangqinelananga neemfuno ezingummiselo ze-SBA, iziphumo zeemviwo zabo ziya kuhlala zingaphelelanga.
2.2.2 IiMviwo zeSatifikethi seMatriki (INgxelo 550)

  1. Iimviwo zeSatifikethi seMatriki ezisekelwe kwikharityhulam endala (iNgxelo 550) ziya kufikelela esiphelweni ngoJuni 2011.
  2. Ezi mviwo zibhalelwa kumaziko eemviwo athile kuphela. Amaphepha emibuzo eemviwo aya kusiwa kuloo maziko ngokweenkcukacha-manani zobhaliso.
  3. Iileta zokwamkelwa eluviweni ezicacisa imihla yeemviwo nendawo umviwa amakabhalele kuyo, zikhutshwa zinikwe abaviwa.
  4. Ezi mviwo kulo nyaka ziqale nge-13 Apreli 2010 yaye ziya kuphela nge-8 Juni 2010.
  5. Kuphela ngabaviwa ababebhalisile kwixesha elidlulileyo nabasele benayo inombolo yoviwo amababhalisele ezi mviwo zikaJuni 2011, ungadlulanga owe-30 Septemba 2010.
2.3 IMFUNDO NOQEQESHO LWABADALA: I-ABET iNqanaba 4 IiMviwo neeMvavanyo

  1. Ukususela ngo-2009, onke amaziko e-ABET kuye kwafuneka ephumeze imisebenzi yovavanyo oluqhubekela ezikweni (site-based assessment) ekumgangatho ofanayo (standardised) esetwa liSebe i-DBE.
  2. Iimviwo neemvavanyo ze-ABET iNqanaba 4 zibhalwa ngoMeyi/Juni nango-Oktobha ngonyaka ngamnye. Iinkcukacha zoviwo lukaMeyi/Juni 2010 zifakwe kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo Lolawulo loVavanyo 0004/2010.
  3. I-50% yovavanyo lwe-ABET yenziwa luvavavanyo oluqhubekela ezikweni, ize i-50% yenziwe luvavanyo lukazwelonke.
  4. Onke amanqaku ovavavanyo oluqhubekela ezikweni kufuneka amodareyithwe kwiziko, kwisithili nakwiphondo.
  5. Ithayimthebhile yoviwo luka-Oktobha 2010 iya kuthunyelwa kumaziko ethubeni.
  6. Ukubhalisela ezi mviwo makwenzelwe kwiziko le-ABET.
Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu malunga nokuphunyezwa ngempumelelo kwezi mviwo neemvavanyo ezahlukeneyo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-06-08

ITHAYIMTHEBHILE KA-2010 YEEMVAVANYO ZIKAZWELONKE ZAQHO NGONYAKA  (ubukhulu: 26 KB)