1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) linovuyo ukubhengeza ukuba kukho iibhasari eziyi-250 ezifumanekayo kumalungu eekomiti zolawulo lwezikolo anqwenela ukufumana iSatifikethi se-Advanced Certificate in Education (ACE): School Leadership (SL).
2. Ikhosi ye-ACE: SL ijolise ekuphuculeni imfundo ezikolweni ngokuqeqesha iikomiti zolawulo lwesikolo kubunkokeli nolawulo ezikolweni.
3. Aba bantu balandelayo banokufaka izicelo zeebhasari:

  • Iinqununu ezine-REQV 13 (M+3) okanye ngaphezu koko
  • Amasekela-nqununu ane-REQV 13 (M+3) okanye ngaphezu koko
  • IiNtloko zeZifundo ezine-REQV 14 (M+4) okanye ngaphezu koko
  • Ootitshala abaqeshwe isigxina liSebe iWCED
  • Ootitshala abazanelisayo iimfuno zokwamkelwa kwiyunivesithi efanelekileyo (Funda isiHlomelo A)
  • Ootitshala abangafumananga enye ibhasari karhulumente okanye nayiphi na enye ibhasari.
4. Ikhosi ye-ACE: SL iya kwenziwa ngokungesosigxina ithuba leminyaka emibini, ukususela ngo-Januwari 2011 ukuya kuDisemba 2012. Ikhosi iya kukhokelela kwi-NQF Level 6 qualification kwaye iya kuqhutywa ngokusebenzisa i-network education, kwakunye neeseshoni zokufundiswa ngqo ngumntu xa kuziiholide zesikolo. (Funda isiHlomelo A)
5. Ibhasari nganye iya hlawulela iifizi zobhaliso nezokufunda kwaye iya kuhlawulwa ngqo kwi-akhawunti yebhanki yeziko lemfundo eliphezulu elichaphazelekayo.
6. Indawo yokuhlala elungiselelwe nokuba ngaba yiyunivesithi ekuvunyelwene nayo okanye liSebe iWCED, iya kunikwa kuphela ootitshala abasuka kwiindawo ezisemaphandleni.
7. Apho kunokwenzeka, iindleko zohambo lokuya nokubuya kwiindawo ekwenzelwa kuzo uqeqesho ziya kuhlawulwa liSebe iWCED, ukuba ngaba ootitshala abasuka kwidolophu enye okanye kwisikolo esinye bayakhwelisana.
8. Ootitshala bamazihlawulele ngokwabo iindleko zeencwadi nezibonelelo ezincedisa ukufunda nokufundisa, apho kusebenzayo oku.
9. Bayacelwa ootitshala abanqwenela ukuba baqwalaselelwe ikhosi nebhasari ukuba bazalise isiHlomelo B nefom C eqhotyoshelweyo baze bazingenise kule dilesi ilandelayo engadlulanga uLwesithathu we-10 Novemba 2010:

  Head: Education
For attention: Mr G de Bruyn/Ms JC Titus
Directorate: Internal Human Capital Development
Western Cape Education Department
Cape Teaching & Leadership Institute
Private Bag X14
Kuils River
7579
10. Izicelo zinokufakwa kwibhokisi ephawulwe "Teacher Development" kumgangatho wesibini wesakhiwo iPerforming Arts Building ejongene neCape Teaching & Leadership Institute's Administration Building esise-Old Nooiensfontein Road, Kuils River.
11. Apha kule ngcaciso imfutshane kuqhotyoshelwe iifom zesicelo nezemvumelwano. Iikopi zezi fom zikwafumaneka kwicandelo laBenzelwa iiNkonzo leWCED kumgangatho wesibini eGrand Central Towers, eKapa
12. Kucelwa uqaphele ukuba

  • Izicelo ezingaphelelanga okanye ezingafundekiyo aziyi kuthathelwa ngqalelo.
  • Aziyi kwamkelwa izicelo ezithunyelwe ngefeksi.
13. Izicelo ezifunyenwe emva komhla wokuvala aziyi kuthathelwa ngqalelo.
14. QAPHELA:

  • Igama leYunivesithi oyikhethayo (iYunivesithi yaseStellenbosch okanye iYunivesithi yaseKapa) malibhalwe ngokucace gca kwifom yesicelo.
  • makungeniswe nesicelo sakho iikopi ezingqiniweyo zesatifikethi sematriki sakho, izatifikethi zemfundo kunye/okanye zoqeqesho nekopi yesazisi engqiniweyo.
15.
16.
17.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:11:01

"Annexure A: 2010 Bursaries available for Advanced Certificate in Education (ACE)"  (size: 31 KB)
ISIHLOMELO B: ISICELO SEBHASARI YOKUFUNDA  (size: 66 KB)
ISIHLOMELO C: "Agreement on payment of tuition fees from state funds"  (size: 25 KB)