1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) likuxabisile ukuzimisela kwabaqeshwa balo benkonzo karhulumente ekwandiseni ulwazi lwabo ngemiba ekwimfundo nasekuphuhliseni izakhono zabo.
2. ISebe iWCED likulungele ukuncedisa abaqeshwa ngemali ukuba baqhubele phambili ngezifundo zabo kwaye licela abaqeshwa abanqwenela ukwenza izifundo ngokungesosigxina (part-time) ngo-2011 ukuba benze izicelo zeebhasari.
3. Ukukhutshwa kwebhasari kuya kwenziwa phantsi kwale migqaliselo ilandelayo:

  • Abenzi-sicelo mababe ngabasebenzi abaqeshwe ngokoMthetho weNkonzo yaBasebenzi bakaRhulumente (Public Service Act) (Act 103 of 1994), kubandakanywa nootitshala abasebenza ezi-ofisini, yaye bekwinkonzo yeSebe iWCED
  • Abenzi-sicelo mababe baqeshwe ngokusisigxina liSebe iWCED
  • Mabayifezekise imiqathango yokwamkelwa eyimfuneko yeziko lemfundo elichaphazelekayo
  • Mabazimisele ekwenzeni izifundo ngokungesosigxina ngo-2011
  • Mabangabi ngabafumana ibhasari karhulumente okanye nayiphi na enye ibhasari
  • Mababe ngabemi baseMzantsi Afrika.
4. Zonke izicelo ziya kuphononongwa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:

  • Ukufaneleka kwenkalo yezifundo ekujoliswe kuyo ngokunxulumene neemfuno zangoku nezexesha elizayo zeSebe iWCED
  • Imfuno yecandelo elichaphazelekayo yezakhono ezithile okanye ezinqabileyo
  • Ubulungisa kwezengqesho (ngokohlanga, isini, ukhubazeko)
  • Iindawo zasemaphandleni xa kuthelekiswa nezasezidolophini
  • Ukufaneleka kwenkcazo yomsebenzi othile
  • Ukufaneleka malunga nokuphucula izakhono zokusebenza
  • Ezinye iziqinisekiso
  • Amanqanaba omvuzo
  • Izifundo zasemva kwesidanga sokuqala xa kuthelekiswa nezifundo ezikhokelela ekuphumeleleni isidanga sokuqala
  • Ingcebiso yesuphavayiza, emayiqhotyoshelwe kwisicelo
  • Ukufumaneka kwemali
  • Iimfuno zoMthetho woBulungisa kwezeNgqesho (Employment Equity Act) (Act 55 of 1998) uMthetho woPhuhliso lweZakhono (Skills Development Act) (Act 97 of 1998) neminye imithetho echaphazelekayo.
5. Ngasinye isicelo sebhasari masibe nala maxwebhu alandelayo:

  • Ifom ezalisiweyo yeSicelo seBhasari yokuFunda (ikopi yefom iqhotyoshelwe)
  • Uqikelelo lweendleko zokufunda olubhaliweyo (ezobhaliso, ezezifundo nezinye iindleko ezinxulumene nezifundo) zonyaka wezifundo ka-2011 (Le ngcaciso ifumaneka kumaziko emfundo.)
  • Ingcebiso yesuphavayiza ebhalwe kwikopi yefom eqhotyoshelweyo yesiHlomelo A.
6. Izicelo mazingeniswe kule dilesi ilandelayo ungagqithanga owe-31 Agasti 2010:

  Head: Education
For attention: Mr AM Shasha / Mrs NP Funani
Directorate: Internal Human Capital Development
Western Cape Education Department
Private Bag X14
Kuils River
7579
7. Izicelo zingafakwa kwakhona kwibhokisi yeposi ebhalwe "Public Service Bursaries" kwifoya yakwaNdlunkulu e-Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Cape Town.
8. Akukho zicelo zifike emva kwexesha elibekiweyo, zingabhalwanga zonke iinkcukacha, zithunyelwe ngefeksi okanye ingabonakaliyo into ebhalwe kuzo ziya kuqwalaselwa.
9. IKomiti yeBhasari iya kuqwalasela zonke izicelo ize izibeke ngokwezinto ezifuneka kuqala (prioritise), emva koko yenze iingcebiso zokukhutshwa kweebhasari. Imali eyabelwe ibhasari ayisayi kuba ngaphezu kweefizi zobhaliso nezokufundiswa, kodwa oku akuthethi ukuba ziza kuhlawulwa zonke ezi ndleko. Inani lezicelo zeebhasari elifunyenweyo liya kusetyenziselwa ukuqingqa inani leebhasari elikhutshwayo.
10. NgaBaphathi aBakhulu beSebe iWCED abaya kunika imvume yokugqibela ngenani leebhasari eliya kukhutshwa.
11. Ngamnye umenzi-sicelo ophumeleleyo uya kulindeleka ukuba angene kwimvumelwano esemthethweni neSebe iWCED yokunika inkonzo yonyaka omnye ngonyaka ngamnye wokunikwa kwakhe ibhasari nokuthobela eminye imigqaliselo ekhankanywe kwimvumelwano.
12. Imbalelwano iya kuthunyelwa kuphela kubenzi-sicelo abaphumeleleyo kuphela. Ukuba akwenziwanga luqhagamshelwano nawe kwiiveki ezi-6 emva komhla wokuvala, kuthathe oko njengokubonisa ukuba isicelo sakho asiphumelelanga.
13. Musa ukuthandabuza qhagamshelana nabantu abakhankanywe ekuqaleni kule ngcaciso imfutshane ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu ngeskim sebhasari.
14. Kucelwa uqinisekise ukuba bonke abasebenzi benkonzo karhulumente abakwicandelo lakho bayakwazi okubhalwe kule ngcaciso imfutshane.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-07-27

"Application form"  (ubukhulu: 31 KB)
IsiHlomelo A: Ifom ezalisiweyo yeSicelo seBhasari yokuFunda  (ubukhulu: 9 KB)