1. Amabhaso kaZwelonke okuWonga ooTitshala athathela ingqalelo ukutshatshela kwezemfundo nemigangatho exhomileyo yokufundisa kwaye anika abo bakwinkonzo yezemfundo ithuba lokuvuyela impumelelo yootitshala abamsebenzi utshatshele ngokukodwa. Ngaphezulu, akwabonisa umsebenzi oqaqambe ngokukodwa owenziwa ngootitshala ngokubanzi.
2. Ngako oko ke, iSebe leMfundo leNtshona Koloni linebhongo lokuba liza liququzelele lize libambe itheko lamabhaso ephondo akhokelela kuMabhaso kaZwelonke okuWonga ooTitshala onyaka we-11.
3. Amahlelo ala mabhaso ami ngolu hlobo:
UKUTSHATSHELA EKUFUNDISENI KWIZIKOLO ZASEPRAYIMARI
UKUTSHATSHELA EKUFUNDISENI KWIZIKOLO ZASESEKONDARI
UKUTSHATSHELA KUBUNKOKELI KWIZIKOLO ZASEPRAYIMARI
UKUTSHATSHELA KUBUNKOKELI KWIZIKOLO ZASEKONDARI
UKUTSHATSHELA EKUFUNDISENI IBAKALA R
UKUTSHATSHELA EKUFUNDISENI KWIMFUNDO EBANDAKANYA WONKE UMFUNDI NAKWIMFUNDO ENEEMFUNO EZIZODWA
UKUTSHATSHELA EKUFUNDISENI ABEMFUNDO NOQEQESHO LWABADALA (ABET)(Levels 1-4 kwiCandelo leGET kuphela)
IBHASO LOKUPHUMELELA KWIMFUNDO YEXESHA LONKE LOKUPHILA
4. Izikhokelo zokunika ingcaciso neefom zokutyumba eziqhotyoshelweyo njengangoku zithunyelwa kuwo onke amaziko eSebe iWCED, kwakunye nakumaziko e-ABET nawamaBakala R abhalisileyo. Bayacelwa bonke ootitshala ukuba bangenise amagama abatyunjiweyo (iikhrayitheriya nefomathi zikwizikhokelo zokunika ingcaciso) kwiinqununu zabo okanye kubaphathi bamaziko abo.
5. Ziyacelwa iinqununu nabaphathi bamaziko ukuba bazithumele ezo fom zokutyumba amagama ezizaliswe zonke iinkcukacha kwii-ofisi zezithili zemfundo zabo, ukuba ziqwalaselwe ngabaququzeleli bezithili. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, kucelwa uqhagamshelane nomnye waba baququzeleli bezithili balandelayo:

I-Eden & Central Karoo Mr Eric Magodla044 8038358 / 083 508 4933
I-Cape Winelands: Mr Joaniel Pieterse023 348 4619 / 082 325 2170
I-Overberg Mr Japie Bailey028 212 3634 / 083 707 2197
I-West Coast: Mr JA Mouton022 4822737 / 083 289 8437
I-Metro South: Ms Karen Dudley021 370 2000 / 082 691 6768
I-Metropole East: Ms Desiree Watson021 900 7195 /072 212 655
I-Metro North: Mr Trevor Adams or Ms Suzette de Villiers021 938 3016 / 3013
I-Metro Central: Mr Jeffrey Martin021 514 6730

6. Kucelwa niqwalasele ezi zicatshulwa zilandelayo kwisikhokelo sokutyumba:

"The principal/centre manager of nomination team must organise a nomination meeting that would include the School Governing Body (SGB)/Centre Governing Body (CGB) to discuss the nomination process."

"The staff and the SGB/CGB members of the school/centre must study the criteria requirements of each category and draw up attributes or qualities that would match their nominees with particular given criteria."

"Once suitable teachers/teams have been nominated, their names must be filled in on the Nomination Forms provided."

"District Officials may also nominate in consultation with the school/centre community."

7. Ngootitshala abahlanu (5) abona baninzi abanokwenza ikomiti yehlelo (category) ngalinye.
8. Kunyanzelekile ukuba iinqununu nabaphathi bamaziko babambe intlanganiso yokutyumba amagama ungadlulanga umhla we-14 Meyi 2010. Makugcinwe imizuzu yale ntlanganiso ize ingeniswe kumphathi weze-IMG ukuze iqwalaselwe ngumququzeleli wesithili ochaphazelekayo.
9. Iinqununu nabaphathi bamaziko nabo mabazalise isiHlomelo A esiqhotyoshelweyo baze basingenise kumphathi weze-IMG, ungadlulanga umhla we-14 Meyi 2010 ukuze siqwalaselwe ngumququzeleli wesithili ochaphazelekayo.
10. Umhla wokuvalwa kokwamkelwa kwazo zonke iifom zamagama atyunjiweyo ngowe-10 Juni 2010 nemazingeniswe kubaququzeleli bezithili.
11. Ifom yokutyumba ikwafumaneka kwi-Thutong Portal kule dilesi www.thutong.doe.gov.za nakule dilesi ilandelayo yeziko lewebhu leSebe leMfundo esiSiseko www.education.gov.za.
12. AmaBhaso okuWonga ooTitshala kaZwelonke axhaswa yiNtloko yeSebe leMfundo nanguMphathiswa weMfundo wePhondo.
13. Ayakhuthazwa onke amalungu angabahlali besikolo (school community) ukuba athathe inxaxheba ekutyumbeni ootitshala abafanele ukufumana amaBhaso okuWonga ooTitshala kaZwelonke.
14. Kucelwa wazise bonke ootitshala besikolo sakho okubhalwe kule ngcaciso imfutshane ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA:2010:04:30

Annexure A  (ubukhulu: 12 KB)