INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOPHUHLISO LWABASEBENZI LWANGAPHAKATHI: 0004/2010 |
IYA: | KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI ZEMFUNDO), KWIINTLOKO ZAMACANDELO KWANDLUNKULU, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZE-IMG, KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM, KUBAPHATHI BEZE-IMG NAKWIINQUNUNU ZAZO ZONKE IZIKOLO ZIKARHULUMENTE EZIQHELEKILEYO |
| INKOMFA YEZISOMBULULO ZEMATHEMATIKA |
|
UMHLA: |
27 - 28 Septemba 2010 |
INDAWO: |
Cape Teaching and Leadership Institute, Nooiensfontein, Kuils River |
AMAXESHA: |
27 Septemba: 08:00 - 16:00 8 Septemba: 08:00 - 14:00 |
NGUBANI OMAKAYE: |
Ootitshala beMathematika bamaBakala R - 9 |
|
1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) licela ootitshala beMathematika bamaBakala R - 9 ukuba bathathe inxaxheba kwiNkomfa yeziSombululo zeMathematika (Mathematics Solutions Conference) nokuba kungokuthi badlale indima njengabenzi benkcazo-ntetho (presenters) okanye njengabathathi-nxaxheba (participants).
|
2. |
Injongo Injongo yale nkomfa yemathematika kukunika imizekelo yeendlela ekungafundiswa ngayo imathematika ngempumelelo. |
3. |
Ingcaciso yaBenzi beNkcazo-ntetho (Presenters) |
3.1 |
Ootitshala abanomdla ekwenzeni isifundo semathematika, ekufundeni iphepha elingokufundiswa kwemathematika okanye ekuthatheni inxaxheba kulo masifundisane "a best practice" ("eyona ndlela ibhetele yokufundisa") oza kuqhutywa kule nkomfa kufuneka bakhokelwe zezi zinto zilandelayo:
- Isifundo okanye iphepha okanye umasifundisane othi "How I teach it" ("Indlela endiyifundisa ngayo") makasekelwe kwiMathematika yamaBakala R - 9 yeNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (Grades R to 9 Mathematics National Curriculum Statement).
- Isifundo sifanele ukufundisa umba othile wesilabhasi yeMathematika kwibakala elithile.
- Abathathi-nxaxheba kufuneka bathathe inxaxheba kwisifundo okanye kumasifundisane.
- Ubude bexesha: Imizuzu engama-60. Nika imizuzu emi-5 - 10 yengxoxo yamaqela okanye yemibuzo.
- Iindawo zendibano ziya kuba neetafile nezitulo eziphathekayo, i-datha projektha kunye nebhodi emhlophe.
- Zonke iiwekhishithi (worksheets) zenkomfa ziya kuqokelelwa ziprintwe zenziwe incwadana. Oku kuthetha ukuba akukho mfuneko yokuba abenzi nkcazo-ntetho beze nezinye iikopi eziprintiweyo, ngaphandle kokuba abathathi-nxaxheba bacelwa ukuba basike okanye basonge amaphepha eewekhishithi.
- Zonke izinto zokufunda ezingamaphepha kufuneka zitayishwe zize ziprintwe kwiprinta yeleyiza (laser), ukuba unako. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuzidyuplikheyitha izinto zokufunda.
|
3.2 |
Ukuba unomdla wokwenza inkcazo-ntetho ngomba othile kule nkomfa, kucelwa uzalise isiHlomelo A esiqhotyoshelweyo ube sele usithumela ngefeksi kuMnu A. Lamprecht ngale nombolo yefeksi 021 900 5013 / 5175 okanye usithumele kuye nge-imeyili apha alamprec@pgwc.gov.za, ungadlulanga owe-28 Meyi 2010. |
4. |
Ingcaciso yaBathathi-nxaxheba |
4.1 |
Ootitshala abanganqweneli kwenza nkcazo-ntetho ngomsebenzi wabo, kodwa benqwenela ukuya kwinkomfa, kucelwa bazalise iinkcukacha zabo kuluhlu lwesikolo kwisiHlomelo B. |
4.3 |
Ubhaliso luya kuvalwa kwakuba nje kubhaliswe abathathi-nxaxheba bokuqala abangama-500. |
4.4 |
Iprogram yenkomfa iya kubandakanya iingxoxo zephaneli yeplinari kunye neeseshoni eziqhubeka ngaxeshanye (parallel sessions) ezenziwa ngabathathi-nxaxheba. Izikolo ezibhalisela inkomfa ziya kufumana iinkcukacha zeprogram yenkomfa ungekadluli owe-22 Septemba 2010.
|
5. |
Amalungiselelo Abathathi-nxaxheba okanye abenzi nkcazo-ntetho abasuka kwizithili zemfundo ezisemaphandleni abahamba umgama ongaphezu kwe-120 km ngohambo lokuya nokubuya bangalala kwihostele yase-Cape Teaching and Leadership Institute ngobusuku bangeCawe nge-26 Septemba nangobangoMvulo nge-27 Septemba 2010. Iindleko zendawo yokulala ziya kuhlawulwa liSebe iWCED. Iindleko zokuhamba aziyi kuhlawulwa liSebe iWCED.
|
6. |
6. ISebe i-WCED linethemba lokuba kuya kuvunwa lukhulu kule nkomfa ngabo bonke ootitshala beMathematika abaya kuza kuyo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-04-28
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|