|
UMHLA: |
30 Septemba ne-1 Oktobha 2010 |
INDAWO: |
Cape Teaching and Leadership Institute, Nooiensfontein, Kuils River |
AMAXESHA: |
30 Septemba: 08:00 - 16:00 1 Oktobha: 08:00 - 14:00 |
UMXHOLO: |
Inqununu njengomphathi okhokeleyo wesikolo esisebenza ngempumelelo |
|
1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) licela zonke iinqununu zezikolo ukuba zithathe inxaxheba kule nkomfa yeenqununu ikhankanywe apha ngentla nokuba kungokuthi zibe ngabenzi benkcazo-ntetho (presenters) okanye ngabathathi-nxaxheba (participants). |
2. |
Injongo Injongo yale nkomfa kukwabelana ngezimvo, ngeyona ndlela ibhetele yokusebenza nangamava ngokumalunga nokuphatha nokukhokela isikolo esisebenza ngempumelelo. |
3. |
Ingcaciso yaBenzi beNkcazo-ntetho (Informatiom for Presenters) |
3.1 |
Abenzi nkcazo-ntetho abanomdla ekufundeni iphepha okanye ekuthatheni inxaxheba kulo masifundisane "a best practice" ("eyona ndlela ibhetele yokusebenza") oza kuqhutywa kule nkomfa mabakhokelwe zezi zinto zilandelayo:
- Kufuneka abathathi-nxaxheba kwinkomfa bathathe inxaxheba kumasifundisane.
- Ubude bexesha: Imizuzu engama-60. Nika imizuzu emi-5 - 10 yengxoxo yamaqela okanye yemibuzo.
- Iindawo zendibano ziya kuba neetafile nezitulo eziphathekayo, i-datha projektha kunye nebhodi emhlophe.
- Zonke izinto zokufunda ezingamaphepha kufuneka zitayishwe zize ziprintwe kwiprinta yeleyiza (laser), ukuba unako. ISebe iWCED liya kuzidyuplikheyitha izinto zokufunda.
- Kuya kubakho iseshoni yokunika ingcaciso yabo bonke abaza kufunda amaphepha neya kuqhutywa ngoLwesine we-10 Juni 2010.
|
3.2 |
Ukuba unomdla wokwenza inkcazo-ntetho ngomba othile kule nkomfa, kucelwa uzalise isiHlomelo A esiqhotyoshelweyo ube sele usithumela ngefeksi kuMnu A. Lamprecht ngale nombolo yefeksi 021 900 5013 / 5175 okanye usithumele kuye nge-imeyili apha alamprec@pgwc.gov.za, ungekadluli owe-28 Meyi 2010.
|
4. |
Ingcaciso yaBathathi-nxaxheba (Informatiom for Participants) |
4.1 |
Iinqununu ezinganqweneli kwabelana ngeyona ndlela ibhetele yokusebenza ezikolweni zazo, kodwa zinqwenela ukuya kwinkomfa, kucelwa zizalise isiHlomelo B. |
4.2 |
IsiHlomelo B esizalisiweyo masibuyiselwe kuMnu A. Lamprecht ngale dilesi ye-imeyili alamprec@pgwc.gov.za, okanye sifekselwe apha 021 900 5013 / 5175, ungekadluli owe-30 Julayi 2010. |
4.3 |
Ubhaliso luya kuvalwa kwakuba nje kubhaliswe abathathi-nxaxheba bokuqala abangama-300. |
4.4 |
Iprogram yenkomfa iya kubandakanya iingxoxo zephaneli yeplinari kunye neeseshoni eziqhubeka ngaxeshanye (parallel sessions). Iinqununu ezibhalisela inkomfa ziya kufumana iinkcukacha zeprogram yenkomfa ungekadluli owe-31 Agasti 2010. |
5. |
Amalungiselelo Abathathi-nxaxheba okanye abenzi nkcazo-ntetho abasuka kwizithili zemfundo ezisemaphandleni abahamba umgama ongaphezu kwe-120 km ngohambo lokuya nokubuya bangalala kwihostele yase-Cape Teaching and Leadership Institute ngobusuku bangoLweithathu nge-29 Septemba nangoLwesine nge-30 Septemba 2010. Iindleko zendawo yokulala ziya kuhlawulwa liSebe iWCED. Iindleko zokuhamba aziyi kuhlawulwa liSebe iWCED. |
6. |
ISebe i-WCED linethemba lokuba kuya kuvunwa lukhulu kule nkomfa zizo zonke iinqununu eziya kuza kuyo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-04-28
|