|
UMXHOLO WENKOMFA: | Umntwana ngamnye unako ukufunda |
INDAWO: | Cape Teaching and Leadership Institute, Nooiensfontein Road, Kuils River |
IMIHLA NAMAXESHA: | 29 Matshi 2010: 09:00 - 16:00 30 Matshi 2010: 08:30 - 14:00 |
|
|
1. |
I-Cape Teaching and Leadership Institute (CTLI) imema zonke iinqununu zezikolo, ootitshala abesenkonzweni nabadla umhlala-phantsi bamaBakala R ukuya ku-9, abacebisi ngezekharityhulam nabameli abasuka kwimibutho engekho phantsi korhulumente namaziko emfundo ephakamileyo (tertiary institutions) ukuba bathathe inxaxheba kule nkomfa ikhankanywe apha ngasentla. Khangela kumhlathi 3.1 malunga nezinto ezicetyiswayo.
|
2. |
IINJONGO
Iinjongo zale nkomfa kukwabelana ngeembono, ngezona ndlela zokufundisa zibhetele nangamava ngokumalunga nokudalwa kothando lokuthanda ukufunda, iindlela ezahlukeneyo zokufundisa ukufunda, izicwangciso zongenelelo ngoncedo kwabo bafundi banzinyelwa kukufunda nokulawula isikolo esithanda ukufunda.
|
3. |
INGCACISO ELUNGISELELWE ABO BAZA KUTHATHA INXAXHEBA (PARTICIPANTS) |
3.1 |
Iintlobo ezahlukeneyo zezinto eziza kwenziwa ngabaza kwenza intetho kwinkomfa
- Iseshoni yeDVD
- Iphepha
- Isifundo esibonisa okuthile
- Imiboniso
- Umasifundisane imizekelo:
Ithuba lokufunda isiqingatha seyure
Iphulo le-100 Books
Indlela yokufundisa ulwimi edibanisa iindlela ezahlukeneyo
Iphulo i-Big Book
IProgram kaKhanya yokufunda
Ukufunda okuhlanganisa iinkqubo ezininzi
Izithintelo ekufundeni
|
3.2 |
Ukuba unomdla wokuza kwinkomfa, kucelwa uzalise isiHlomelo B esiqhotyoshelweyo uze usithumele ngefeksi kulo Nksk Magdelena Benn kule nombolo 021 900 5175 / 5162 / 5013, okanye usithumele nge-imeyili apha mabenn@pgwc.gov.za okanye gmatthew@pgwc.gov.za ungadlulanga owe-26 Februwari 2010. |
4. |
AMALUNGISELELO
Abathathi-nxaxheba okanye abaza kwenza intetho abasuka kwizithili zasemaphandleni ezikumgama ongaphezu kwe-120 km uhambo lokuya nokubuya bangalala kwihostele yase-Cape Teaching and Leadership Institute ngokuhlwa ngeCawa, i-28 Matshi 2010. Indawo yokulala iya kuhlawulelwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED). Iindleko zokuhamba aziyi kuhlawulwa liSebe iWCED.
|
5. |
ISebe iWCED linethemba lokuba abathathi-nxaxheba baya kufumana kule nkomfa amava aya kuba yinzuzo enkulu kubo.
|
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:01:26
|