1. Umbutho i-International Association of School Librarianship (IASL), ubhengeze inyanga ka-Oktobha 2010 njengeNyanga yeLayibrari yeSikolo kuMazwe ngaMazwe (International School Library Month (ISLM)). Ngo-Oktobha 2010, iilayibrari zezikolo kwihlabathi jikelele naseMzantsi Afrika, ziya kuba zibhiyozela zize zikhuthaze iinkonzo zeelayibrari nengcaciso ezikolweni phantsi kwalo mxholo: (Diversity, Challenge, Resilience - School Libraries Have It All).
2. Inyanga yeLayibrari yeSikolo kuMazwe ngaMazwe iya kubavumela abo balawula iilayibrari zezikolo ukuba bakhethe usuku ku-Oktobha 2010 olulungela imeko yabo ethile ngeyona ndlela ibhetele ukwenzela ukuba babhiyozele ukubaluleka kweelayibrari zezikolo.
3. Kule minyaka mibini idlulileyo zingaphezu kwama-600 izikolo kwiSebe iWCED ezizuze lukhulu kwiProjekthi yeQIDS-UP (Quality Improvement Development Support and Upliftment Programme) School Library Project. Ezi zikolo zafumana izibonelelo zokuxhasa ukufunda nokufundisa zaselayibrari, nefanitshala yaselayibrari zaza izikolo ezikhulu zanikwa ikhompyutha ne-software ukwenzela ukuba isetyenziswe kwilayibrari yesikolo kwaza kwaqeqeshwa noMququzeleli weLayibrari (Library Coordinator). ISebe iWCED likhuthaza izikolo eziseke ilayibrari yesikolo yaso ngenxa yeQIDS-UP School Library Project, okanye ezikwenze oko ngenxa yeenzame zazo, ukuba zibhiyozele impumelelo yazo ngokuphehlelela ngokusesikweni ilayibrari yesikolo ngenyanga ka-Oktobha 2010. Ukuba unqwenela ukuba isikolo sakho sifakwe kwilisti eyodwa yezikolo kwiSebe iWCED eziya kuba ziphehlelela ngokusesikweni iilayibrari zezikolo zazo ngo-Oktobha, kucelwa uqhagamshelane noTheresa de Young kwa-EDULIS kule nombolo yefoni 021 957 9638 okanye nge-imeyili kule dilesi TdeYoung@pgwc.gov.za.
4. Kucelwa nifunde amaxwebhu amabini aqhotyoshelweyo aneengcebiso ezininzi malunga nokuba izikolo zeSebe iWCED zingayibhiyozela njani na inyanga yeLayibrari yeSikolo kuMazwe ngaMazwe ngo-2010 nenguqulelo esemthethweni yelogo ye-ISLM yokusetyenziswa kwizinto zokufunda ezaziswa uluntu (promotional materials). Makuqatshelwe ukuba le logo yeyokusetyenziselwa ukupapasha iNyanga yeLayibrari yeSikolo kuMazwe ngaMazwe kuphela, ayenzelwanga iinjongo zorhwebo.
5. Ngenxa yokuba kusiya kusanda indima ebalulekileyo edlalwa zizibonelelo ezincedisa ukufunda nokufundisa (LTSM) ekufundiseni nasekufundeni, ootitshala kufuneka babenolwazi ngokufumaneka kwezibonelelo zeelayibrari ukulungiselela le njongo. Njengenxalenye yokubhiyozela iNyanga yeLayibrari yeSikolo kuMazwe ngaMazwe ngo-2010, nokukhuthaza iinkonzo zeelayibrari nengcaciso zeSebe iWCED, kucelwa wena nootitshala bakho nenze amalungiselelo okutyelela i-EDULIS Library okanye amaziko ezibonelelo ezithili zemfundo, ukuya kufumana ulwazi nengcaciso malunga nezi nkonzo nezibonelelo zelayibrari zizodwa zifumanekayo.
6. I-EDULIS Library eBellville namaziko ezibonelelo ezithili zemfundo (district resource centres), eMitchells Plain, ePaarl, eGeorge, eWorcester naseKuils River anezi zibonelelo zifumaneka kwiilayibrari zokuxhasa ukufunda nokufundisa (library-based LTSM) ezinokubolekwa ngulowo nalowo titshala naziinqununu okanye kubolekwe iqela leencwadi zizikolo (block loans):

  • iimbono ezikhuthazayo ezisekelwe kwimisebenzi ethile zokwenza izicwangciso zezifundo, nokuphucula ulwazi lokufunda nokubhala (uninzi lwazo lunokufotokotshwa)
  • izibonelelo ezininzi zezinto zokufunda zokuxhasa ikharityhulam
  • Iincwadi ezininzi ezisanda kupapashwa ezingolawulo nobunkokeli kwezemfundo
  • izibonelelo zokuhlupheza ingqondo ezixhasa uphando kwezemfundo nokuqulunqwa kwemigaqo-nkqubo
  • izibonelelo ezinengcaciso enaba ifikelele kwimiba yentlalo yangoku etshis' ibunzi (current critical issues), umz. ulwazi lokufunda nokubhala, imfundo ebandakanya wonke umfundi (inclusion), iingxaki zoluleko nezokuziphatha kakubi, ukwamkela iyantlukwano (differentiation), i-HIV/AIDS, ukhuseleko lwezikolo nengxaki yokuchatshazelwa kakubi butywala kweentsana ezingekazalwa (foetal alcohol syndrome).
  • Izibonelelo ezijolise ikakhulu kubafundi (Learner-focused materials) (kubandakanywa iincwadi zemifanekiso neenoveli zabafundi bayo yonke iminyaka yobudala ezinokusetyenziswa ngamathuba okufunda) nezithe zahlolwa ngokukodwa zaza zajongisiswa ukuncedisa izikolo zithenge izibonelelo ezixhasa ukufunda nokufundisa ngenkxaso-mali yeMimiselo neMigangatho yeLTSM okanye ngenkxaso-mali yezikolo ngokwazo ukulungiselela iilayibrari zezikolo zazo
  • iividiyo, ii-DVDs, iikhasethi, ii-CDs, ii-CD-ROMs nezixhobo ze-multi-media ezifikelela kwizihloko ezininzi zokwandisa ulwazi nokunika inkxaso ukufundisa nokufunda eklasini kwakunye nezikhuthaza ulawulo lwesikolo (enhance school management).
7. Kungaqhagamshelwana naba noolayibrari balandelayo malunga noku kulapha ngentla:

Susan Hanekom EDULIS Library, Bellville 021 957 9618
Cheryl Joseph Metro East Resource Centre / EDULIS Branch Library, Kuils River 021 900 5111
Ntombi Mngxuma Metro South: Brian O'Connell Resource Centre, Mitchell's Plain 021 370 2084
Ina Heiberg West Coast Resource Centre, Paarl 021 860 1229
Sam Webber Eden & Central Karoo Resource Centre, George 044 803 8328
Janine Ontong Cape Winelands Resource Centre, Worcester 023 348 4657
Sara Clegg Overberg Education District, Caledon 028 214 7300

8. Njengoko lingekho iziko lezibonelelo (resource centre) elisebenza ngendlela eyiyo kwiSithili seMfundo i-Metro Central Education District, yaye ukuphendula izicelo ezininzi ezivela kootitshala abasezikolweni kwesi sithili semfundo, kuvulwe indawo yokubuyisa iincwadi (collection point) e-EDUMEDIA eMowbray ukulungiselela lowo nalowo nezikolo eziboleka iqela leencwadi (school block loans) kwiLayibrari u-EDULIS. La malungiselelo ethutyana aya kusebenza de libe lisekiwe iziko lezibonelelo kwi-Ofisi yeSithili seMfundo i-Metro Central.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:08:30

IMISEBENZI ECETYISWAYO YENYANGA YELAYIBRARI YEZIKOLO KUMAZWE NGAMAZWE  (ubukhulu: 24 KB)
"ISLMonth logo 2010"  (JPEG image: ubukhulu: 48 KB)