1. Njengabaqeshwa beSebe leMfundo leNtshona Koloni, sonke sinqwenela ukukhuthaza umoya wokuthanda ukufunda ezikolweni nakuluntu lwethu. Ngako oko ke kukhuthazwa iinqununju ukuba zisebenzise eli thuba linikwe yi-Cape Town Book Fair (CTBF) ekungumboniso weencwadi wamazwe ngamazwe waminyaka le wokukhuthaza ukufunda kubantu abatsha, kootitshala nakubazali babo.
2. I-CTBF iya kubanjelwa e-Cape Town International Convention Centre ukususela nge-31 Julayi - 2 Agasti 2010, yaye kuza kwenziwa izinto ngezinto ezibandakanya ukufunda, ukwazisa iincwadi (book launches), iingxoxo zamaqela (panel discussions) neesemina.
3. I-CTBF iya kuvuleleka kuluntu ngokubanzi nakwizikolo ukuqala ngo-09:00 - 17:00 yonke imihla, ukususela ngoMgqibelo we-31 Julayi, ukuya kuLwesibini we-2 Agasti 2010. Nakuba kunjalo, uLwesihlanu we-30 Julayi, ubekelwe bucala ukuze usetyenziswe njengosuku lokubonisa ngobuchule kwabo bonke ababonisi noosomashishini beencwadi abatyeleleyo. Imali yamangeno yi-R60 ngosuku kwabadala, ibe yi-R25 kubafundi nakwabathathe umhlala-phantsi, baze abantwana ababudala buya kutsho kwiminyaka eyi-13 bangene mahala.
4. Iinkcukacha zezinto eziza kwenziwa ezithile, ezinjengeeprogram zabantwana nolutsha, ziya kuvela kumajelo eendaba nakwi-Intanethi apha http://www.capetownbookfair.com Ukufumana ingcaciso engaphezulu, kucelwa uqhagamshelane ne-ofisi ye-CTBF kule nombolo yefoni 021 418 5493 okanye kule dilesi ye-imeyili info@capetownbookfair.co.za Umntu unako kwakhona ukuba abhalise kwikhasi le "Programme" kweli ziko lewebhu lingasentla ukufumana i-CTBF Newsletter.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-07-09