1. |
USuku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela sisiganeko saminyaka le esibanjwa nge-23 Apreli, ekungumhla wokuzalwa kukaWilliam Shakespeare, nesiququzelelwa yiUNESCO ukukhuthaza ukufunda, ukupapasha nelungelo lokukhusela ukukotshwa kweencwadi (copyright). Imibhiyozo yoSuku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela ibonisa ukubaluleka kokufunda ubomi bonke bokuphila komntu (life-long learning), ukukhula kwengqiqo (cognitive development) nempilo qete ngokwasengqondweni (psychological well-being). ISebe iWCED likhuthaza zonke izikolo ukuba ziphakamise ukuxabiseka kokufunda ngokuthi zithathe inxaxheba ngolangazelelo olukhulu kwimisebenzi esekelwe ekufundeni ngolu uSuku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela. |
2. |
Umxholo ka-2010 uthi: UFUNDA KUNDIVISA KAMNANDI (READING IS COOL). |
3. |
ISebe iWCED liya kuba libhiyoza kunye namahlakani ababalulekileyo, anjenge-Publisher's Association of South Africa (PASA), i-South African Bookseller's Association (SABA), iSebe lezoBugcisa neNkcubeko, i-Western Cape Provincial Library Services ne-Centre for the Book (eyiyunithi yezobungcali ye-National Library of South Africa): |
3.1 |
U-EDULIS uya kube ebonisa iincwadi nezinto zokufunda zelayibrari yesikolo/zeziko elinguvimba wolwazi ezisandula kuphononongwa ngaBaphononongi bakwa-EDULIS beZibonelelo zeKharityhulam nekucetyiswa ukuba izikolo zizithengele iilayibrari zazo/ amaziko angoovimba bolwazi azo.
Indawo: EDULIS Seminar Room, First Floor, Middestad Mall, Charl Malan Street, Bellville Ubude bethuba lomboniso: 21 - 23 Apreli (World Book Day) 2010 Amaxesha okutyelela: NgoLwesithathu kuye kutsho ngoLwesihlanu, 10:30 - 16:00
|
3.2 |
I-PASA ne-SABA ziza kuqalisa iphulo lokusondeza iinkonzo eluntwini apho ukufunda kuya kwenziwa kwizikolo ezikhethiweyo kuwo onke amaphondo ukuqalela nge-19 - 23 Apreli 2010. |
3.3 |
La mahlakani enze iphowusta enemibala egqamileyo ebonisa umoya wokubhiyozela uSuku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela. Ezi phowusta ziya kuba nokufunyanwa zizo zonke izikolo neelayibrari zoluntu kwilizwe liphela. ENtshona Koloni iiphowusta ziya kufumaneka kubasebenzi bamaziko angoovimba bolwazi ezithili (district resource centre staff). Ukufumana iinkcukacha zoqhagamshelwano zamaziko angoovimba bolwazi ezithili, funda umhlathi 5 olapha ngasezantsi.
|
3.4 |
Apho izithili zemfundo zingenawo amaziko angoovimba bolwazi, maziqhagamshelane naba bantu balandelayo ukuze zifumane ezi phowusta:
Metro North Education District Jennifer Caroto: Manager: UMphathi we-E-Learning and Library Services |
ifoni 021 938 3000 |
Metro Central Education District Sharon Koff Bridgette Spielman
|
ifoni 021 514 6756 ifoni 021 514 6702 |
Overberg Education District (Caledon Office) Sara Clegg: School Library Adviser |
cell: 072 446 6053 |
(ziya kufumaneka ukuqalela nge-20 Apreli 2010)
|
5. |
Ukubonisa ngokucacileyo umoya wolangazelelo woSuku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela, sikhuthaza zonke izikolo ukuba zityelele okanye ziqhagamshelane nomnye waba bantu balandelayo ngenjongo yokuboleka iqela leencwadi ngaxeshanye eziza kusetyenziswa ngolu Suku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela:
Susan Hanekom |
EDULIS Library, Middestad Mall, Bellville |
ifoni 021 957 9618 |
Cheryl Joseph |
Metro East Resource Centre / EDULIS Branch Library, Kuils River |
ifoni 021 900 5111 |
Ntombi Mngxuma |
Metro South Brian O'Connell Resource Centre, Mitchell's Plain |
ifoni 021 370 2084 |
Ina Heiberg |
West Coast Resource Centre, Paarl |
ifoni 021 860 1229 |
Sam Webber |
Eden & Central Karoo Resource Centre, George |
ifoni 044 803 8328 |
Janine Ontong |
Cape Winelands Resource Centre, Worcester |
ifoni 023 348 4657 |
|
6. |
Ngenxa yokungabikho kweziko elinguvimba wolwazi elisebenza kakuhle kwi-Metro Central District Office yaye ukuphendula kwizicelo eziliqela ezivela kootitshala abasezikolweni kweso sithili, kwaye kwathathwa isigqibo sokuseka indawo yokubuyisa iincwadi kwa-EDUMEDIA eMowbray ukulungiselela izikolo eziboleke iqela leencwadi ngaxeshanye (school block loans) kwiLayibrari yakwa-EDULIS. Lo mqathango wethutyana uya kusebenza de kube kusekwe iziko elinguvimba wolwazi kwi-Metro Central District Office.
|
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:03:16
|