1. Kucelwa ootitshala, abacebisi ngezekharityhulam nabacwangcisi bekharityhulam abakhulu abanqwenela ukuba ngabamakishi kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) ukuqalela ngoNovemba 2010 de kuye kutsho kwiimviwo zokuxabangela zikaMatshi 2012, ukuba bafake izicelo zokumakisha. Uluhlu lwezifundo ze-NSC namaphepha emibuzo ziqhotyoshelwe njengesiHlomelo A.

2. Iikhrayitheriya zokuqeshwa kwabamakishi
2.1 Abenzi-sicelo mababe nesiqinisekiso semfundo esivunyiweyo esibude buyiminyaka emithathu emva kweMatriki esibandakanya isifundo esichaphazelekayo esenziwe kwinqanaba lonyaka wesibini, kodwa kukhethwa inqanaba lonyaka wesithathu.
2.2 Abenzi-sicelo mababe neminyaka emibini ubuncinane yamava okufundisa isifundo esichaphazelekayo kwinqanaba leBakala 12. Kufuneka kwakhona babe bakhe basifundisa isifundo eso ubuncinane iminyaka emibini kule minyaka ilandelayo: 2008, 2009 no-2010. Nakuba kunjalo, kodwa kuya kuqala kukhethwe ootitshala abafundisa njengangoku iNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statement) kubaviwa beBakala 12.
2.3 Bonke abenzi-sicelo mababe basenkonzweni kumaziko alungiselela abaviwa iimviwo ze-NSC ezisetwa liSebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (National Department of Basic Education (DBE)).
2.4 Ukuqinekisa izinga eliphezulu lokumakisha nokuqinisekisa ukuba abaviwa bavavanywa ngokukuko, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liyakuqwalasela abenzi zicelo abathe bafumana iziphumo ezigqwesileyo kwizifundo abazihlohlayo kunyaka ka- 2008 no- 2009 ngokulandelelana.
2.5 Kuphela ngabenzi-sicelo ababefumene ubuncinane ireyithi yokupasa engu-60% kwisifundo esichaphazelekayo abaya kuqwalaselwa ukuba baqeshwe njengabamakishi ngo-2010 nasemva koko.
2.6 Abenzi zicelo abacinga ukuthatha umhlala phantsi okanye bayeke ukusebenzela iSebe leMfundo leNtshona Koloni ngomhla ka-30 Septemba 2010, abazukuqashwa, ngaphandle kokuba utitshala uza kuya kuphangelela isikolo sabucala esibhala iimviwo zeSebe leMfundo esisiSeko.
2.7 Abenzi zicelo abaceba ukuthatha umhlala phantsi ngomhla ka 30 Septemba 2011 mabazise iSebe leMfundo leNtshona Koloni kwangethuba.
2.8 Abenzi zicelo abazakube bekwikhefu ngexesha eliya kuma kwixesha lokumakisha nasemva koko, iziqinisekiso zabo zengqesho yokumakisha ziyakupheliswa. Umntu ozakuba enentsuku ezingaphezulu kwamashumi amahlanu esikhefini ukuphela konyaka, isiqinisekiso sengqesho yokumakisha sakhe siya kupheliswa.
2.9 Nakuba iSebe leMfundo likhetha ukuba iinqununu zibe sezikolweni zazo ekupheleni konyaka wezifundo, nazo iinqununu zingafaka izicelo zokuqeshwa njengabamakishi. Zonke iinqununu mazingenise izicelo zazo buqu zokumakisha (personal applications for marking) kubalawuli bezithili zemfundo ukuba bazivume (for approval).
2.10 Ukuqinisekisa ukuba ithembakele inkqubo yokumakisha, abenzi-sicelo abaphumeleleyo kwizicelo zabo bangenziswa uvavanyo lobuchule (a competency assessment).
2.11 I-WCED iyakuphelisa isiqinisekiso sengqesho sommakishi ungawenzi ngokwanelisayo umsebenzi wakhe ngexesha lokumakisha.
2.12 Isigqibo sokugqibela sengqesho yabamakishi sixhomekeke kwiNtsumpa Jikelele yeSebe iWCED.

3. Inkqubo yokwenza izicelo
3.1 ISebe iWCED likhetha ukuba zonke izicelo zingeniswe ngokuthunyelwa ngekhompyutha. Nakuba kunjalo, abenzi-sicelo abangakwaziyo ukufikelela kwi-Intanethi bangazingenisa izicelo ngokuziposa okanye ngokuzizisa ngesandla kwiSebe iWCED.
3.2 Zonke izicelo ezenziwa ngekhompyutha mazenziwe apha http://wced.wcape.gov.za ngaphambi kwe-28 Meyi 2010.
3.3 Ifom yesicelo sommakishi esekhompyutheni inamacandelo amahlanu:
3.3.1 ICandelo A: Ingcaciso yomntu buqu
3.3.2 ICandelo B: Amabanga emfundo
3.3.3 ICandelo C: Ingcaciso ngesifundo
3.3.4 ICandelo D: Isifungo esenziwa ngumenzi-sicelo
3.3.5 ICandelo E: Ukungqinisisa okwenziwa yinqununu okanye yisuphavayiza
3.4 Abenzi-sicelo kufuneka bazalise isicelo esisekhompyutheni esahlukileyo ngephepha lemibuzo ngalinye (a separate online application for each question paper) elenzelwa isicelo sokumakisha.
3.5 Iimodareyitha zangaphakathi zamaphepha ezinenani elincinane labaviwa ezithi, ukongeza kumsebenzi wazo njengeemodareyitha zangaphakathi, zinqwenele ukuqeshwa njengabamakishi kwamanye amaphepha, kufuneka nazo zenze isicelo kwakhona ngendlela echazwe apha ngasentla.
3.6 Zonke izicelo ezithunyelwa ngekhompyutha mazingeniswe ungadlulanga owe-28 Meyi 2010.
3.7 Luxanduva lomenzi-sicelo ukuqinisekisa ukuba isicelo sakhe singqinisisiwe yinqununu okanye yisuphavayiza yakhe.

4. Abenzi-sicelo abaqalayo ngqa
4.1 Bonke abenzi-sicelo abenza isicelo okokuqala ngqa kufuneka, ukongeza ekungeniseni isicelo ngekhompyutha, baprinte ikopi yesicelo sokugqibela esingqinisisiweyo kwakunye neekopi ezingqinisisiweyo zala maxwebhu alandelayo baziposele kwiCandelo loLawulo lweeMviwo.

  • Isatifikethi sawona mabanga emfundo aphakamileyo;
  • Isatifikethi sawona mabanga oqeqesho (professional qualification) aphakamileyo kunye
  • Nerekhodi yezifundo ezenziweyo, ekuboniswa kuyo izifundo ezenziweyo nezipasiweyo.

Zonke izicelo zabenzi-sicelo abatsha ezingahambi nezi kopi zamaxwebhu alapha ngasentla aziyi kuqwalaselwa. Akuyi kubakho kwenzelelelwa kwenziwayo kwaye kungasayi kubakho mbalelwano ekuya kungenwa kuyo ngokumalunga noku.

4.2 Isicelo namaxwebhu axhasayo zingasiwa ngesandla okanye zithunyelwe ngeposi ebhaliswayo (registered mail) kule dilesi ilandelayo:

Head: Education
Attention: Mr M. Cameron / Mr N. Riddles
Directorate: Examinations Administration
Western Cape Education Department
4th Floor Grand Central Towers
Lower Parliament Street
CAPE TOWN
8001

4.3 Iifom zezicelo ezingqinisisiweyo namaxwebhu afanelekileyo avela kubenzi-sicelo abatsha mazifike kwiCandelo loLawulo lweeMviwo (Directorate: Examination Administration) ingadlulanga intsimbi ka-16:00 ngomhla we 28 Meyi 2010.

5. Ukungqinisiswa kwezicelo ezithunyelwa ngekhompyutha
5.1 Iinqununu neesuphavayiza mazingqinisise zonke izicelo ezithunyelwa ngekhompyutha phakathi komhla we-28 Meyi nowe-04 Juni 2010. Izicelo ezingavunywanga yinqununu okanye yisuphavayiza azisayi kwamkelwa liSebe iWCED.
5.2 Iifom zesicelo ezizalisiweyo zabacebisi ngezekharityhulam nezeenqununu mazingqinisiswe nguMlawuli weSithili Semfundo okanye ngulowo adlulisele kuye amagunya akhe.
5.3 Iifom zezicelo ezizalisiweyo ezivela kubacwangcisi bezekharityhulam beFET abakhulu mazingqinisiswe nguMlawuli weKharityhulam yeFET okanye ngulowo adlulisele kuye amagunya akhe.

6. Izicelo ezingamaphepha (hard-copy applications)
6.1 Izicelo ezingamaphepha mazenziwe kwifom yesicelo eqhotyoshelweyo (IsiHlomelo B), kwaye mazihambe kunye nezi zinto zilandelayo:

  • Ileta ehamba nesicelo ecacisa ngaso nathi kuyo umenzi-sicelo anike izizathu zakhe zokuba kungani na esenza isicelo seso sithuba.
  • Ifom iDeclaration Form, ekopi yayo iqhotyoshelwe kule ngcaciso imfutshane
    (IsiHlomelo C).
6.2 Ifom yokwenza isicelo ne-declaration form mazizaliswe ngokupheleleyo, zingqiniswe yinqununu okanye yisuphavayiza efanelekileyo zize ziposelwe okanye zisiwe ngesandla kwiCandelo loLawulo lweeMviwo ungadlulanga umhla we-28 Meyi 2010. (Khangela kumhlathi 4.2 apha ngentla ngokumalunga nedilesi.)

7. Amalungiselelo ngethuba lokumakisha
7.1 Konke ukumakisha kuya kwenzelwa kwindawo okanye kwiindawo eziseKapa okanye ezikufuphi naseKapa, njengoko kumiselwe liSebe iWCED.
7.2 Imihla yethuba lokumakisha iya kuqinisekiswa kamva. Abamakishi mabaqinisekise ukuba bayigqibile yonke imisebenzi yabo yesikolo enxulumene nokumakisha nezolawulo ezikolweni zabo phambi kokuba kuqalwe ukumakisha.
7.3 Kuya kulindeleke ukuba abamakishi bamakishe amaphepha ubuncinane iiyure ezisi-8 ngosuku. Oku akudibanisi amaxesha abekelwe ukutya nawokuphunga. Iziko lokumakishela liya kuvulelwa ukumakisha ukususela ngo-06:00 ukuya ku-22:00 yonke imihla.
7.4 Bonke abamakishi baya kulindeleka ukuba baye kwiseshoni yoqeqesho.

8. Intlawulo yokumakisha iphepha ngalinye iza kufumaneka kwakamsinya yakuba ifikile ivela kwiSebe leMfundo esiSiseko.

9. Ukumakishwa kweencwadi zeempendulo zeemviwo ze-NSC ngomnye weyona misebenzi ibaluleke gqitha yenkqubo yeemviwo. ISebe iWCED linebhongo neqhayiya ekuqeshweni kwabamakishi abafanelekileyo nabanolwazi (qualified and competent markers). Iinqununu namanye amagosa amakhulu angqina ukufaneleka kwabamakishi (recommend markers) makakwenze oko, ke ngoko, ngentembeko nangokunyanisekileyo (must act in good faith) Kucelwa niqaphele ukuba ukunika ingcaciso engachanekanga kwifom yokwenza isicelo, oko kuya kuthathwa njengobuqhetseba (fraud) kwaye kuya kusingathwa ngokoMthetho wezeNgqesho yooTitshala (Employment of Educators Act).

10. Yonke imibuzo, nokuba iza ngefoni okanye ngokubhaliweyo, mayithunyelwe kwiCandelo loLawulo lweeMviwo, ingathunyelwa kubamakishi abaziintloko. Abenzi-sicelo bangaqhagamshelana nomnye wala magosa alandelayo:
Mnu Mark Cameron ifoni 021 467 2964, i-imeyili mgcamero@pgwc.gov.za
Mnu N Riddles ifoni 021 467 2992, i-imeyili nriddles@pgwc.gov.za
Nks E Nysschen ifoni 021 467 2010, i-imeyili enyssche@pgwc.gov.za
Nks C Mentor ifoni 021 467 2009, i-imeyili cmentor@pgwc.gov.za

11. Kunyanzelekile ukuba iinqununu, abalawuli beZithili zeMfundo, abacebisi beze-IMG nabacebisi ngezekharityhulam bazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala. ICandelo loLawulo lweeMviwo aliyi kwamkela zigxeko ngokungaziswa kootitshala ukuba abaziswanga malunga nokubhalwe kule ngcaciso imfutshane.

12. Ziyacelwa iinqununu ukuba zivume ukuba ziyifumene le ngcaciso imfutshane ngokuthi zizalise ifom (IsiHlomelo D) eqhotyoshelweyo, nemayibuyiselwe kule ofisi ungadlulanga owe-27 Meyi 2010.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-05-14

"Annexure A: List of NSC subjects and question papers"  (ubukhulu: 21 KB)
"Annexure B: Application Form"  (ubukhulu: 44 KB)
"Annexure C: Declaration Form"  (ubukhulu: 38 KB)
"Annexure D: Acknowledgement of receipt"  (ubukhulu: 38 KB)