1. Kucelwa izicelo kootitshala be-ABET Level 4, kubacebisi ngezekharityhulam nakubacwangcisi bezekharityhulam abakhulu be-ABET Level 4 abangathanda ukuba babe ngabamakishi abaziintloko, ziimodareyitha zangaphakathi nabamakishi kwiimviwo zeMfundo noQeqesho lwaBadala (ABET) ukususela kuNovemba 2010 de kuye kutsho ku-Juni 2012. Uluhlu lweenkalo zezifundo ze-ABET luqhotyoshelwe njengesiHlomelo A
2. Iikhrayitheriya zokuqeshwa kwabamakishi, abamakishi abaziintloko neemodareyitha zangaphakathi
2.1 Abenzi-sicelo mababe nesiqinisekiso semfundo esivunyiweyo esibude buyiminyaka emithathu emva kweMatriki.
2.2 Abenzi-sicelo mababe namava okufundisa kwi-ABET Level 4 kunye neminyaka emi-3 ubuncinane yamava okufundisa inkalo yesifundo echaphazelekayo. Kuya kuqala kukhethwe ootitshala abafundisa njengangoku abafundi be-ABET Level 4.
2.3 Abenzi-sicelo mababe basenkonzweni kumaziko alungiselela abaviwa iimviwo ze-ABET Level 4 ezisetwa liSebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho (Department of Education and Training (DHET)).
2.4 Kwimeko yeemodareyitha zangaphakathi, imfuno emiselweyo ngamava njengemodareyitha okanye njengommakishi oyintloko kwiminyaka edlulileyo.
2.5 Kwimeko yabamakishi abaziintloko, imfuno engummiselo ngamava angaphambili njengommakishi oyintloko, isekela mmakishi oyintloko okanye njengemodareyitha yangaphakathi.
2.6 Abenzi-zicelo abasele bevakalise injongo yabo yokuyeka enkonzweni (resign) okanye yokuthatha umhlala-phantsi (retire) nabaya kuyiphelisa inkonzo yabo neSebe iWCED ngethuba eliphaya kwi-01 Disemba 2010, abayi kuqwalaselwa ukuba baqeshwe njengemodareyitha, umakishi oyintloko, okanye njengommakishi ngaphandle kwakwiimeko apho utitshala ochaphazelekayo uza kuba esiya kuqeshwa sisikolo esizimeleyo esibaviwa baso babhala iimviwo ze-ABET Level 4 ze-DHET.
2.7 Abenzi zicelo abaceba ukuthatha umhlala phantsi ngethuba eliphaya phambi ko-30 Juni 2012 kuya kufuneka balazise iSebe iWCED kwangethuba.
2.8 Umntu oya kuba esekhefini ngexesha eliya kutsho kwixesha lokumakisha nelidibanisa nalo, kuya kupheliswa (terminate) ukuqeshwa kwakhe njengemodareyitha, njengommakishi oyintloko, okanye njengommakishi. Umntu oya kuba eneentsuku ezingaphezulu kwamashumi amahlanu esekhefini ukuphela konyaka, kuya kupheliswa ukuqeshwa kwakhe.
2.9 ISebe iWCED liya kukuphelisa ukuqeshwa kwakhe nabani na ongenzi ngokwanelisayo umsebenzi oluxanduva lwakhe nanini na ngala mathuba okumakisha akhankanywe apha ngentla.
2.10 Isigqibo sokugqibela sokuqeshwa kweemodareyitha zangaphakathi, kwabamakishi abaziintloko nabamakishi sithathwa yiNtsumpa- Jikelele yeSebe iWCED.
3. Bayacelwa abaphathi bamaziko emfundo ukuba bakhuthaze ootitshala abazanelisayo ezi mfuno zilapha ngentla ukuba benze izicelo zesithuba sokuba ngummakishi oyintloko, ummakishi okanye imodareyitha yangaphakathi.
4. Ukungeniswa kwezicelo
4.1 Zonke izicelo mazenziwe kule fom yokwenza isicelo iqhotyoshelweyo (IsiHlomelo B) kwaye mazihambe kunye neleta ecacisayo athi kuyo umenzi-sicelo anike izizathu zokuba kungani na esenza isicelo seso sithuba
4.2 Bonke abenzi-zicelo abatsha mabaqhoboshele ezi zinto zilandelayo kwiifom zezicelo zabo:
  • Isivi (curriculum vitae) yakhe
  • Ikopi yesazisi (ID) sakhe engqinisisiweyo
  • Iikopi/iikopi ezingqinisisiweyo ze(e)rekhodi yezifundo zakhe
  • Ikopi engqinisisiweyo yesatifikethi/Iikopi ezingqinisisiweyo zezatifikethi zemfundo yoqeqesho lwakhe
  • 4.3 Izicelo mazithunyelwe kule dilesi ilandelayo:

    Head: Education
    Attention: Mrs N Kanase / Mr M Cameron
    Directorate: Examinations Administration
    Western Cape Education Department
    4th Floor Grand Central Towers
    Lower Parliament Street
    CAPE TOWN
    8001

    Izicelo mazifike kwiSebe iWCED ungekadluli owe-30 Julayi 2010. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo, kucelwa uqhagamshelane noNks N Kanase kule nombolo yefoni 021 467 2952 okanye noMnu M Cameron kule nombolo yefoni 021 467 2964.

    5. Abenzi-sicelo abaphumeleleyo baya kwaziswa ngokuqeshwa kwabo ngokubhalelwa yaye kuya kufuneka basayine imvumelwano neSebe iWCED. Enye imbalelwano emalunga nenkqubo yokumakisha iya kulandela kamva.
    6. ISebe iWCED lixhomekeke kwintsebenziswano nenkxaso yenu ngokumalunga nalo mbandela ubaluleke kangaka.


    ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
    INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
    UMHLA: 2010-07-14

    "Annexure A: ABET learning areas"  (ubukhulu: 12 KB)
    "Annexure B: Application form"  (ubukhulu: 30 KB)