1. Iincwadi zeempendulo kwakunye nawo onke amanye amaxwebhu anxulumene noviwo, mazipakishwe ngokungqinelana neenkqubo ezicaciswe kule ncwadana yemigaqo Procedure Manual for Principals, Centre Managers, Chief Invigilators and Invigilators, zize zithunyelwe kwiSebe leMfundo ngale mihla ilungiselelwe ukuqokelelwa kwazo njengoko kucacisiwe kumhlathi 3 apha ngasezantsi.
2. Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko kuposelwe iincwadi zeempendulo kwiSebe leMfundo okanye ziziswe ziinqununu buqu okanye ngabagadi babaviwa abaziintloko.
3. USkynet uya kuqokelela iincwadi zeempendulo kumaziko okubhalela iimviwo phakathi kwentsimbi ye-08:00 neye-15:00 ngale mihla ilandelayo:

NgoLwesithathu, 17 Februwari 2010
NgoLwesithathu, 24 Februwari 2010
NgoLwesithathu, 03 Matshi 2010
NgoLwesithathu, 10 Matshi 2010
NgoLwesithathu, 17 Matshi 2010
NgoLwesithathu, 24 Matshi 2010
NgoLwesihlanu, 26 Matshi 2010 (Okokugqibela)

4. UKUBUYISWA KWEENCWADI ZEEMPENDULO
4.1 Uyacelwa ukuba uqinisekise ukuba la maxwebhu alandelayo azaliswa ngokuchanekileyo:
  • iCourier Collection Register (IsiHlomelo A), qho xa ummeli wakwaSkynet eze kuqokelela iincwadi zeempendulo;
  • iConfirmation of Final Collection (IsiHlomelo B), ekufuneka ithunyelwe ngefeksi xa ummeli wakwaSkynet eqokelela iipasela zeencwadi zeempendulo zokugqibela kwiziko.
4.2 Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko kugcinwe izingxobo zeplastiki ngeentsuku apho uSkynet eqokelela iincwadi zeempendulo zoviwo. Zonke iincwadi zeempendulo zoviwo ezilapho kuwe mazinikwe iikhuriya zakufika.
4.3 Emva kokuba ummeli wakwaSkynet eqokelele iipasela zeencwadi zeempendulo, uya kunikwa ikopi yephetshana lokuthunyelwa kwepasile (dispatch note), kwakunye nee-mark-sheet control lists, ekufuneka zizaliswe ngumgadi wabaviwa oyintloko ukwenzela iinjongo zeerekhodi.
4.4 Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko kusetyenziswe amaphetshana eepasela ezithunyelwayo (waybills) oviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke kuyo nantoni na eyenye engenanto yakwenza nengeyiyo eyokubuyisela amaxwebhu anxulumene noviwo. Onke amaphetshana eepasela ezithunyelwayo (waybills) angasetyenziswanga makabuyiselwe kwiCandelo leeMviwo kunye neepasela zokugqibela zeencwadi zeempendulo zoviwo.
5. Kufuneka iinqununu nabaphathi bamaziko, ngoncedo lomgadi wabaviwa oyintloko, ziqinisekise ukuba zonke iincwadi zeempendulo ziqokelelwe yikhuriya ngentsimbi ye-12:00 nge-26 Matshi 2010.

Ukuba kukho naziphi na iincwadi zeempendulo ezingekaqokelelwa, makuxelelwe uNks Monica Hollenbach (inombolo yefoni 021 467 2960) okanye uMnu Rashaad Martin (inombolo yefoni 021 467 2961) beCandelo loLawulo lweeMviwo (Directorate: Examinations Administration) NGOKO NANGOKO.

6. Ukuqinisekisa ukuba inkqubo ihamba ngocwangco, ziyacelwa iintloko zamaziko ukuba zenze amalungiselelo ayimfuneko okugcina ngokukhuselekileyo amaphepha emibuzo neencwadi zeempendulo. Mazincede ziqinisekise kwakhona ukuba ngamnye umgadi wabaviwa oyintloko unikwa ikopi yale ngcaciso imfutshane.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:02:12

Isihlomelo A  (ubukhulu: 14 KB)
Isihlomelo b  (ubukhulu: 11 KB)