1. Kucelwa izicelo kootitshala, kubacebisi ngezekharityhulam nakubacwangcisi bezekharityhulam abakhulu abangathanda ukuba babe ngabamakishi abaziintloko, amasekela-bamakishi abaziintloko (deputy chief markers) neemodareyitha zangaphakathi kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) zikaNovemba 2010 de kuye kutsho kwiimviwo zokuxabangela (supplementary examinations) zika-Matshi 2012, Uluhlu lwezifundo ze-NSC namaphepha emibuzo luqhotyoshelwe njengesiHlomelo A.

2. Iikhrayitheriya zokuqeshwa kwabamakishi abaziintloko, amasekela-bamakishi abaziintloko neemodareyitha zangaphakathi
2.1 Abenzi-sicelo mababe nesiqinisekiso semfundo esivunyiweyo esibude buyiminyaka emithathu emva kweMatriki nesibandakanye isifundo esichaphazelekayo esenziwe kwinqanaba lonyaka wesibini, kodwa kukhethwa inqanaba lonyaka wesithathu.
2.2 Abenzi-sicelo mababe neminyaka esi-8 ubuncinane yamava okufundisa kunye neminyaka emi-5 ubuncinane yamava okufundisa isifundo esichaphazelekayo kwinqanaba leBakala 12. Kufuneka kwakhona babe bakhe basifundisa isifundo eso ubuncinane iminyaka emibini kule minyaka ilandelayo: 2008, 2009 no-2010. Nakuba kunjalo, kodwa kuya kuqala kukhethwe ootitshala abafundisa njengangoku iNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statement) kubaviwa beBakala 12.
2.3 Abenzi-sicelo mababe basenkonzweni kumaziko alungiselela abaviwa iimviwo ze-NSC ezisetwa liSebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (Department of Basic Education (DBE)).
2.4 Ukuqinekisa izinga eliphezulu lokumakisha nokuqinisekisa ukuba abaviwa bavavanywa ngokukuko, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liyakuqwalasela abenzi zicelo abathe bafumana iziphumo ezigqwesileyo kwizifundo abazihlohlayo kunyaka ka- 2008 no- 2009 ngokulandelelana.
2.5 Kuphela ngabenzi-sicelo ababefumene ubuncinane ireyithi yokupasa engu-60% kwisifundo esichaphazelekayo abaya kuqwalaselwa ukuba baqeshwe ngo-2010 nasemva koko.
2.6 Abenzi-sicelo abenza isicelo sokumakisha iPhepha 2 (uNcwadi - Literature) kwiiLwimi (Languages) mababe bazifundile kwaye bayazazi zonke iincwadi ezimiselwe ukufundelwa uviwo, yaye mabangapheleli nje kuphela kwezo ncwadi zifundwa ngabaviwa kwizikolo zabo.
2.7 Kwimeko yamasekela-bamakishi abaziintloko, abenzi-sicelo ubuncinane mababe neminyaka emi-5 yamava njengommakishi kwisifundo esenzelwa isicelo. Amava njengommakishi omkhulu kuya kuba luncedo olongezelelweyo.
2.8 Kwimeko yeemodareyitha zangaphakathi, imfuno emiselweyo ngamava njengemodareyitha okanye njengommakishi oyintloko kwiminyaka edlulileyo.
2.9 Kwimeko yabamakishi abaziintloko, imfuno emiselweyo ngamava njengemodareyitha,njengo-mmakishi oyintloko okanye njengesekela-mmakishi oyintloko kwiminyaka edlulileyo.
2.10 Abenzi-zicelo abasele bevakalise injongo yabo yokuyeka enkonzweni (resign) okanye yokuthatha umhlala-phantsi (retire) nabaya kuyiphelisa inkonzo yabo neSebe iWCED ungekadluli owama-30 Septemba 2010 abayi kuqwalaselwa ukuba baqeshwe njengemodareyitha, umakishi oyintloko, okanye isekela-makishi oyintloko ngaphandle kwakwiimeko apho utitshala ochaphazelekayo uza kuba esiya kuqeshwa sisikolo esizimeleyo esibaviwa baso babhala iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ze-DBE.
2.11 Abenzi zicelo abaceba ukuthatha umhlala phantsi ngomhla ka 30 Septemba 2011 mabazise iSebe leMfundo leNtshona Koloni kwangethuba.
2.12 Abenzi zicelo abazakube bekwikhefu ngexesha eliya kuma kwixesha lokumakisha nasemva koko, iziqinisekiso zabo zengqesho yokumodareyitha, umakishi oyintloko, okanye isekela-makishi oyintloko ziyakupheliswa. Umntu ozakuba enentsuku ezingaphezulu kwamashumi amahlanu esekhefini ukuphela konyaka, isiqinisekiso sengqesho yokumakisha sakhe naye siya kupheliswa.
2.13 Abantu abanesizalwane (o.k.t. unyana, intombi, umnakwabo okanye umsakwabo/ udadewabo) esibhala okanye umviwa obhala iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke zika-2010 esihlala nabo nesiya kuba sibhala okanye ohlala nabo noya kuba ebhala uviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke kweso sifundo senzelwe isicelo esiphantsi koqwalaselo abafanelekileyo ukuba baqeshwe. (Apho isizalwane esilolu hlobo siya kube sibhala okanye umviwa ololu hlobo oya kube ebhala iimviwo ze-NSC ngo-2011 kwisifundo esenzelwa isicelo, umenzi-sicelo makakuxele oku kwangethuba (declare this in advance). Ukuba uqeshiwe, kuya kufuneka abenzi-sicelo abalolu hlobo bacele ukurhoxa kwezo zithuba (recuse themselves) ngamathuba okumakisha ngo-2011 nangoMatshi 2012.)
2.14 Ukuqinisekisa ukuba ithembakele inkqubo yokumakisha, abenzi-zicelo abaphumeleleyo kwizicelo zabo bangenziswa uvavanyo lobuchule.
2.15 ISebe iWCED liya kukuphelisa (terminate) ukuqeshwa kwakhe nabani na ongenzi ngokwanelisayo umsebenzi oluxanduva lwakhe ngalo naliphi na ixesha ngala mathuba okumakisha akhankanywe apha ngentla.
2.16 Isigqibo sokugqibela sokuba zeziphi iimodareyitha zangaphakathi ingabaphi abamakishi abaziintloko namasekela-bamakishi abaziintloko abaqeshwayo, sithathwa yiNtsumpa- Jikelele yeSebe iWCED.

3. Ziyacelwa iintloko zamaziko emfundo ukuba zikhuthaze ootitshala abazanelisayo ezi mfuno zilapha ngentla ukuba benze izicelo zezithuba zokuba ngabamakishi abaziintloko, ngamasekela-bamakishi abaziintloko okanye ziimodareyitha zangaphakathi.

4. ISebe liya kuqesha imodareyitha enye, ummakishi oyintloko omnye nesekela-mmakishi oyintloko elinye kwisifundo ngasinye esinamanani amakhulu abaviwa.

5. Ukungeniswa kwezicelo
5.1 Zonke izicelo mazenziwe kule fom yokwenza isicelo iqhotyoshelweyo (IsiHlomelo B) kwaye mazihambe kunye nezi zinto zilandelayo:

  • Ileta ecacisayo athi kuyo umenzi-sicelo anike izizathu zokuba kungani na esenza isicelo seso sithuba
  • I-Declaration Form ezaliswe ngokupheleleyo, ikopi yayo iqhotyoshelwe kule ngcaciso imfutshane (njengesiHlomelo C)
5.2 Bonke abenzi-zicelo abatsha makaqhoboshele ezi zinto zilandelayo kwiifom zezicelo zabo:

  • Isivi (curriculum vitae) yakhe
  • Ikopi yesazisi (ID) sakhe engqinisisiweyo
  • Iikopi/iikopi ezingqinisisiweyo ze(e)rekhodi yezifundo zakhe
  • Ikopi engqinisisiweyo yesatifikethi/Iikopi ezingqinisisiweyo zezatifikethi zemfundo yoqeqesho lwakhe
5.3 Izicelo mazithunyelwe kule dilesi ilandelayo:

Head: Education
Attention: Mr N. Riddles
Directorate: Examinations Administration
Western Cape Education Department
4th Floor Grand Central Towers
Lower Parliament Street
CAPE TOWN
8001

Izicelo mazifike kwiSebe iWCED ungekadluli owe-28 Meyi 2010. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo, kucelwa uqhagamshelane noMnu M Cameron kule nombolo yefoni 021 467 2964 okanye noMnu N Riddles kule nombolo yefoni 021 467 2992.


6. Abenzi-sicelo abaphumeleleyo baya kwaziswa ngokuqeshwa kwabo ngokubhalelwa yaye kuya kufuneka basayine imvumelwano neSebe iWCED. Enye imbalelwano emalunga nenkqubo yokumakisha iya kulandela kamva.

7. Ifom eqhotyoshelweyo yokuvuma ukuba uyifumene le ngcaciso imfutshane (IsiHlomelo D) mayizaliswe yinqununu yesikolo okanye ngumphathi weziko lemfundo yabadala yakuba ifunyenwe le ngcaciso imfutshane ize ibuyiselwe kwiSebe. Kucelwa ukuba iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane ootitshala bazo ukwenzela ukuba bafunde iikhrayitheriya zokuqeshwa bazazi phambi kokuba bangenise izicelo.

8. ISebe iWCED lixhomekeke kwintsebenziswano nenkxaso yenu ngokumalunga nalo mbandela ubaluleke kangaka.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-05-14

"Annexure A: List of NSC subjects and question papers"  (ubukhulu: 44 KB)
"Annexure B: Application Form"  (ubukhulu: 40 KB)
"Annexure C: Declaration Form"  (ubukhulu: 37 KB)
"Annexure D: Acknowledgement of Receipt"  (ubukhulu: 36 KB)