1. |
Ukwenzela ukuba iinqununu zezikolo zibe nokwenza amalungiselelo ayimfuneko okuya kuthatha iziphumo zeemviwo zize zizitshekishe, kunikwa le ngcaciso ilandelayo nemihla. Kucelwa niqaphele ukuba le mihla namaxesha anikiweyo zizinto ezingesosigxina nezinokutshitshwa (tentative) yaye naziphi na iinguqulelo kumalungiselelo niya kwaziswa ngazo. Ii-ofisi zezithili zemfundo ziya kwaziswa ngokupheleleyo ngazo naziphi na iinguqulelo ezenziweyo. |
1.1 |
NgoLwesine, 6 Januwari 2011 ngo-08:00: (Qaphela: Kungabi ngaphambi ko-08:00)
|
Iinqununu, abaphathi bamaziko (abasebenzi abathunywe ngabo) bafumana iziphumo kwii-ofisi zezithili zemfundo. |
|
1.2 |
Iinqununu nabaphathi bamaziko (okanye abasebenzi abathunywe ngabo) banikwa iiyure ezi-4 zokutshekisha iziphumo bakhangele ukuba akukho naziphi na iimpazamo ezibonakala ngokulula. Ezi mpazamo mazixelwe kwiCandelo loLawulo lweeMviwo (Directorate: Examinations Administration) kwezi nombolo zefoni 021 467 2246 / 2924/ 2936.
|
1.3 |
NgoLwesine, 6 Januwari 2011 ngo-12:00: |
Izikolo/Amaziko angabanika abaviwa bawo iziphumo zabo kwizikolo zawo/kumaziko abo |
QAPHELA: |
Akukho ziphumo mazaziswe abaviwa yaye kungekho ngcaciso malunga noku mayaziswe abamajelo eendaba namaphephandaba ngaphambi ko-12.00 nge-6 Januwari 2011. Ingxelo yeziphumo zomviwa ngamnye iya kubandakanywa kwipaselana equlethe izinto zoviwo enikwa isikolo ngasinye neziko ngalinye. Kufuneka izikolo zazise abaviwa kunye nabazali babo ukuba abasayi kuphinda bazifumane ngeposi iziphumo zabo. |
|
1.4 |
NgoLwesine, 6 Januwari 2011 ngo 15:00: |
Iziphumo ziya kuphuma kweli ziko lewebhu le-WCED: http://wced.wcape.gov.za |
Kuya kufuneka abaviwa bafake iinombolo zabo zoviwo kunye neenombolo zabo zezazisi ukuze elowo nalowo akwazi ukujonga iziphumo zakhe kwiziko lewebhu le-WCED.
|
1.5 |
NgoLwesihlanu, 7 Januwari 2011 ngo-05:00: |
Iziphumo zipapashwa kumaphephandaba |
|
1.6 |
NgoLwesithathu, 12 Januwari 2011 ngo-10:00: |
UMphathiswa weMfundo wePhondo ubhengeza iziphumo zephondo eLeeuwenhof |
|
1.7 |
NgoLwesithathu, 12 Januwari 2011 emva ko-12:00: |
Iziphumo ezingathathwanga ziya kuposelwa ezikolweni nasemazikweni emfundo zii-ofisi zezithili zemfundo. |
|
2. |
Malaziswe iSebe leMfundo ngamalungiselelo izikolo namaziko aya kuwenza ngokumalunga nokuza kuthatha iziphumo zawo. Ngako oko ke ziyacelwa iinqununu nabaphathi bamaziko ukuba zizalise le fom iqhotyoshelweyo zize ziyithumele kumlawuli we-ofisi yesithili semfundo ofanelekileyo ungadlulanga owe-3 Disemba 2010.
|
3. |
Kubaluleke gqitha ukuba abaviwa abangalupasanga uviwo banikwe inkxaso ngokwasemoyeni kunye nentuthuzelo nengcebiso (support and counselling). Mabaxelelwe aba baviwa ukuba kukho inkonzo yentuthuzelo nengcebiso efumanekayo. Le ntuthuzelo nengcebiso inokunikwa esikolweni xa abafundi benikwa iziphumo zabo, okanye, apho kunokwenzeka, kwii-ofisi zezithili zemfundo ezichaphazelekayo apho kuya kubakho abantu besebe bokwenjenjalo. Ukuba inqununu, umphathi weziko okanye umsebenzi othunywe yiyo ithumela umviwa kwi-ofisi yesithili semfundo, makanikwe umviwa lowo inombolo yefoni nedilesi ye-ofisi yesithili semfundo yaye makunikwe i-ofisi yesithili semfundo iinkcukacha zomviwa. Njengoko kudla ngokwenzeka, abona baviwa bafanele ukuba banikwe le ntuthuzelo nengcebiso, baye bangayifuni ngokwabo, yaye ke kubongozwa iinqununu ukuba zikuthathele ingqalelo oku yaye zisoloko zithe qwa zijonge iimvakalelo zabaviwa ekuye akwaphumelela oko bebekulindele. |
4. |
UKWAZISWA INGCACISO KWABAMAJELO EENDABA NAMAPHEPHANDABA
Abamajelo eendaba namaphephandaba baya kuba nomdla nabo wokufumana ingcaciso ezikolweni ngabaviwa abaphume emagqabini bagqwesa mpela kuviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke. Iinqununu nabaphathi okanye abasebenzi abathunywe ngabo bangayinika ingcaciso elolu hlobo kunye neefoto kumajelo eendaba nakumaphephandaba kodwa ngokubhungisana nabazali babaviwa.
|
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:11:16
|