1. Le fom yebango iqhotyoshelwe apha (IsiHlomelo A) mayizaliswe nge-inki emnyama ngumgadi wabaviwa oyintloko ukwenzela yena kunye nomgadi wabaviwa oncedisayo ngamnye, ogada abaviwa kwiziko lokubhalela iimviwo elithile. Inani leeseshoni malingqinwe yinqununu okanye ngumphathi weziko, nekufuneka ayisayine naye ifom yebango.
2. Malaziswe iSebe ngokubhalelwa ngalo naluphi na utshintsho kwidilesi yomgadi wabaviwa oluthe lwenzeka emva kokungenisa iifom zokutyumba.
3. Ziyacelwa iintolongo ezisebenzisa abagadi babaviwa abangengobasebenzi bazo ukuba zazise iSebe ngencwadi ebhaliweyo malunga naloo malungiselelo.
4. Abagadi babaviwa baya kuhlawulwa ngokweentlawulo zeSebe (Departmental tariffs). (Ezisenokutshintshwa) ezizezi:

Umgadi wabaviwa oyintloko R 129, 85 ngeseshoni

Umgadi wabaviwa oncedisayo R 86, 55 ngeseshoni

Uyakhunjuzwa ukuba izikolo ezizimeleyo neekholeji luxanduva lwazo ukuhlawula abagadi babaviwa bazo.

5. Xa kuhlawulwa abagadi babaviwa, iiseshoni zoviwo phambi kwentsimbi yeshumi elinambini, ziya kuthathwa njengeeseshoni zakusasa. Iiseshoni zoviwo eziqala emva kwentsimbi yeshumi elinambini zithathwa njeeseshoni zasemva kwemini.
6. Amabango afunyenwe ngenxa yokuba bekufakwe abanye abagadi babaviwa (replacement invigilators) aya kusingathwa kuphela xa ilandelwe ngokuchanekileyo inkqubo yokutyumba umntu nokuqeshwa kwakhe.
7. Kucelwa uqinisekise ukuba kuphela linani elimiselweyo (prescribed number) labagadi babaviwa abancedisayo ngeseshoni abanokusetyenziswa. Ileta enika inkcazo malunga noku mayihanjiswe nefom yebango xa kusetyenziswe abagadi babaviwa abongezelelweyo.
8. Uninzi lweenqununu sele luvumile ukuba iSebe lingazihlawula iintlawulo zabagadi babaviwa kwii-akhawunti zebhanki zezikolo zazo. Njengoko iiMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ziya kuphela nge-3 Disemba 2010, aliyi kubanako iSebe ukuhlawula zonke iintlawulo kwii-akhawunti zebhanki phambi kokuba zivalwe izikolo nge-10 Disemba 2010. Nangona kunjalo iSebe liyakwenza konke okusemandleni alo okokuba phantse zonke iintlawulu zibe zigqityiwe ukuhlawulwa ngomhlo we-13 Janawari 2011. Ukwenzela ukuba kusingathwe kwangexesha amabango abagadi babaviwa, niyacelwa niqinisekise ukuba iifom zebango zifika kwiSebe ungadlulanga owe-6 Disemba 2010.
9. Ifom yebango ineekholam zabagadi babaviwa abaziintloko ababeze kwiiseshoni zoqeqesho ezinyanzelekileyo. Abenzi-mabango mabachaze umgama abawuhambileyo nokuba ngaba ngumgama ongaphakathi kwe-75 km okanye ngaphaya kwalo mgama (radius). Bangenza ibango leseshoni yoqeqesho enye kuphela ukuba bahamba kwi-75 km okanye eleeseshoni ezimbini ukuba bahamba umgama ongaphaya kwalo.
10. Abagadi babaviwa abazintloko abancedisileyo xa kufika naxa kutshekishwa amaphepha emibuzo eemviwo mababonise kumabango abo le nkonzo kwikholam efanelekileyo kwifom yebango. Bangenza ibango lentlawulo leseshoni enye kuphela ukongeza ukuba babencedisile ekutshekisheni imithwalo emi-5 yamaphepha emibuzo yeemviwo.
11. Ukwenzela ukulungiselela intlawulo ekhawulezileyo yamabango abagadi babaviwa, iifom zokwenza amabango ezizaliswe ngokupheleleyo, zingathunyelwa ngefeksi kule ofisi, kusetyenziswa inombolo yefeksi engu 021 461 5637 okanye 086 692 2242. Umgadi wabaviwa oyintloko makagcine ikopi ezaliswe ngokupheleleyo yefom yebango ukulungiselela iinjongo zokugcina iirekhodi.
12. ngeyona ndlela ikhawulezileyo kangangoko, nokuba kungeposi okanye ngenkonzo yekhuriya okanye ngesandla, kwenye yezi dilesi zilandelayo:/p>
Idilesi yeposi

Head: Education
For attention: Ms VB du Plessis/
                    Ms E du Toit
Directorate: Examinations Administration
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
Cape Town
8000

  Idilesi yesitrato

Head: Education
For attention: Ms VB du Plessis/
                    Ms E du Toit
Directorate: Examinations Administration
Western Cape Education Department
5th Floor - Room 529
Grand Central Towers
Lower Parliament Street
Cape Town



ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:11:03

La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).