1. UKUZALISWA KWEEMAKHISHITHI
1.1 Apha kufakwe iimakhishithi ezisekhompyutheni (computerised mark sheets) zovavanyo oluqhubekela esikolweni (school-based assessment (SBA)) zazo zonke izifundo, kwakunye neekhontrolisti (control lists) ezichaphazelekayo, ngaphandle kwezezi zifundo zilandelayo:

Arabic 2nd Additional Language
French 2nd Additional Language
German Home Language
German 2nd Additional Language
Hebrew 2nd Additional Language
Hindi 2nd Additional Language
Italian 2nd Additional Language
Latin 2nd Additional Language
Portuguese 1st Additional Language
Portuguese 2nd Additional Language
Spanish 2nd Additional Language
Urdu 2nd Additional Language
Agricultural Sciences
Agricultural Technology
Agricultural Management Practices
Dance
Design
Dramatic Arts
Electrical Technology
Mechanical Technology
Music
Religious Studies
Sesotho HL & FAL
Visual Art

Iimakhishithi zezi zifundo zikhankanywe apha ngentla zithunyelwa ngqo kubacebisi ngezekharityhulam. Iinqununu maziqinisekise ukuba zizifumene zonke iimakhishithi eziyimfuneko.

1.2 Kucelwa uqaphele ukuba unikwa ikopi enye kuphela yemakhishithi nganye ukuba izaliswe. Kubaluleke gqitha ke ngoko ukuba izikolo mazenze iikopi zemakhishithi ezimodareyithiweyo zize zizigcine ukulungiselela iinjongo zeerekhodi.
1.3 Kucelwa uqinisekise ukuba iishedyuli zokumodareyitha zizalisiwe yaye ziya kufumaneka xa zifunwa ngabacebisi ngezekharityhulam ngosuku lokumodareyitha. Ootitshala bezifundo mabazalise kuphela amanqaku angekamodareyithwa (unmoderated mark) kwikholam ebhalwe "Mark".
1.4 Kuphela kusemva kokumodareyithwa kokugqibela kwesifundo ngasinye, apho kuya kukhutshelwa amanqaku amodareyithiweyo kwikholam ebhalwe "mod" yeemakhishithi ze-SBA ngumcebisi ngezekharityhulam.
1.5 Ukuba isikolo sakho sifumana iimakhishithi zeSBA ezisekhompyutheni (computerised SBA mark sheets) kuphela emva kokumodareyithwa kwazo, makwenziwe amalungiselelo ayimfuneko okuzaliswa kweemakhishithi nomcebisi ngezekharityhulam.

2. UKWABIWA KWAMANQAKU E-SBA

Makwabelwe amanqaku umviwa ngamnye onombolo yakhe yoviwo ivelayo kwimakhishithi. Oku makwenziwe nakubaviwa

  • ababegxothiwe okanye abebenqunyanyiswe okwethutyana esikolweni;
  • abafake izicelo zokutshintsha iziko lokubhalela uviwo;
  • ababengekho esikolweni ithuba elide apha enyakeni;
  • ababengekho ngosuku lokumodareyitha; okanye
  • ababebhalise isifundo kwesinye isikolo okanye kwelinye iziko umz., iziko lobugcisa (art centre).

3. AMANQAKU ANGAFAKWANGA (ABAFUNDI ABABENGEKHO NABO BANGENAWO AMANQAKU E-SBA)
3.1 Makufundwe iNgcaciso eMfutshane yeCandelo loVavanyo 0014/2009 yomhla we-24 Julayi 2009 ukufumana ingcaciso ngabaviwa abangazanelisiyo ncam iimfuno zeSBA.
3.2 Apho kunikwe isizathu esibambekayo, umviwa makalinikwe elinye ithuba lokuwenza awugqibe umsebenzi we-SBA. Ukuba umviwa akakwazi ukubakho ukuze enze icandelo elithile le-SBA kwaye nesizathu soko samkelekile, amanqaku e-SBA omviwa aya kuthi ke ngoko abalwe ngokususela kumacandelo enziweyo. Kubalwa awona manqaku aphezulu, lingafakwa icandelo elo umviwa afumene ukuxolelwa ekwenzeni umsebenzi walo.

UMZEKELO 1: ISIZATHU ESIBAMBEKAYO

  ICandelo 1 ICandelo 2 ICandelo 3 ICandelo 4 ICandelo 5 Ewonke
Amanqaku aphezulu 25 20 20 30 25 120
Amanqaku omfundi 12 Abaxolelweyo 8 23 Abaxolelweyo 43
Awona manqaku aphezulu omfundi 25   20 30   75
Amanqaku e-SBA = (12 + 8 + 23)/75
= 43/75 x 100
= 57%

Le pesenteji yokuphela konyaka mayitshintshelwe kumanqaku apho itotali yamanqaku ewonke ingu-120 ngolu hlobo lulandelayo:

Amanqaku e-SBA = 57/100 x 120
= 68

La manqaku (68/120) aya kurekhodwa kwishedyuli ye-SBA.

3.3 Apho kunganikwanga sizathu sibambekayo, umviwa akanikwa manqaku ngelo candelo le-SBA.

UMZEKELO 2: AKUKHO SIZATHU SIBAMBEKAYO

  ICandelo 1 ICandelo 2 ICandelo 3 ICandelo 4 ICandelo 5 Ewonke
Amanqaku aphezulu 25 20 20 30 25 120
Amanqaku omfundi 12 Abangaxole-lwanga ngokungenzi umsebenzi 8 23 Abangaxole-lwanga ngokungenzi umsebenzi 43
Amanqaku e-SBA = (12 + 0 + 8 + 23 + 0)/120
= 43/120

La manqaku (43/120) aya kurekhodwa kwishedyuli ye-SBA.

3.4 Kufuneka kugxininiswe le nkqubo ilandelayo yokuzaliswa kweemakhishithi (IsiHlomelo A):
3.4.1 Abaviwa abangakhange bawenze kwaphela amacandelo eSBA, kodwa kube kunikwe isizathu esivakalayo: Faka "999" kwimakhishithi. Makunikwe ubungqina besizathu (bezizathu) esibambekayo kumcebisi ngezekharityhulam ngethuba leseshoni yokumodareyitha yaye mabudluliselwe kwiSebe.

OKUTHETHWA NGU- '999':

  • Abaviwa baya kufumana iziphumo ezingaphelelanga (incomplete result) (nangona libhaliwe iphepha lethiyori (theory paper).
  • Abaviwa abano-'999' baya kunikwa iinyanga ezi-3 zekhalenda emva kokukhutshwa kweziphumo ukuba bangenise amanqaku eSBA. Ukungaphumeleli ukwenza oku kuya kubangela ukuba umviwa asiphinde isifundo siphela.
3.4.2 Abaviwa abangakhange bawenze kwaphela amacandelo eSBA kwaye KUNGEKHO sizathu sivakalayo sinikiweyo: Makufakwe "444" kwimakhishithi. Umviwa ololu hlobo uya kufumana iziphumo ezingaphelelanga (incomplete result) kwaye makasiphinde isifundo siphela.
3.4.3 Kwimeko yokutshintsha isifundo okuvunyiweyo okungaboniswanga kwimakhishithi: Faka '888' kwikholam yamanqaku 'mark' column. Zalisa isiHlomelo B ngokumalunga nesifundo ngasinye.
3.4.4 Ngenxa yoku kungasentla, amanqaku aphakathi kuka "000" no "005" awasayi kwamkeleka.

4. ABAVIWA ABANEZITHINTELO ZOKUTHETHA KUNYE/OKANYE ZOKUVA

Abaviwa abanezithintelo zokuthetha kunye/okanye zokuva (candidates with speech and/or hearing barriers) kufuneka, endaweni yamanqaku e-orali, bafumane amanqaku ngokomlinganiselo (pro rata) osusela kumanqaku abawafumeneyo kumsebenzi wabo obhalwayo weemviwo zikaJuni nezikaSeptemba zango-2010.


5. UMSEBENZI OLUXANDUVA LWEENQUNUNU NGOKUMALUNGA NOKUZALISWA KWEEMAKHISHITHI

Iinqununu maziqinisekise ukuba bonke abaviwa ababhala uviwo lweSatifikethi seMatriki kuZwelonke kwizikolo zabo bawanikiwe amanqaku eSBA afunekayo.


6. UMHLA WOKUBUYISWA KWEEMAKHISHITHI

Abaququzeleli bovavanyo mabaqinisekise ukuba iimakhishithi ezizaliswe ngokupheleleyo zifika kwiCandelo loLawulo lweeMviwo ungadlulanga owe-22 Oktobha 2010.


7. AMANQAKU E-SBA ANGAFAKWANGA (SBA MARKS OUTSTANDING)

Ziyacelwa iinqununu ukuba zingathumeli abaviwa abangenawo amanqaku eSBA ngqo kwiSebe leMfundo emva kokuba zikhutshiwe iziphumo. Inkqubo echanekileyo yokuqhagamshelana neSebe leMfundo ngokumalunga namanqaku eSBA angafakwanga (SBA marks outstanding) kukuqhagamshelana nomcebisi ngezekharityhulam kwi-ofisi yesithili semfundo efanelekileyo.



ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:09:29

IsiHlomelo A: "Mark sheet example"  (ubukhulu: 12 KB)
IsiHlomelo B: "Subject changes or new entries"  (ubukhulu: 11 KB)