1. Kucelwa ukuba iinqununu nabagadi babaviwa abaziintloko (chief invigilators) zithathele ingqalelo ipolisi yokuba utshintsho lwezifundo kwiindawo ekubhalelwa kuzo iimviwo ngexesha leemviwo zeSatifikethi sikaZwelonke (National Senior Certificate (NSC)) aluyi kuvunyelwa ngethuba kubhalwa ezi mviwo zizayo. I-NSC sisiqinisekiso seminyaka emithathu yaye sele kuqokelelwe amanqaku e-SBA ngabaviwa kunyaka wonke weBakala 12. Ukuvumela utshintsho lwezifundo kwiindawo zokubhalela iimviwo kuyinto, ke ngoko, echasene mpela nomgaqo-nkqubo nemimiselo ye-NSC.
2. ISebe i-WCED linike ixesha elaneleyo ngo-2010 ukwenzela ukuqinisekisa ukuba uluhlu lwababhalisileyo luchanekile. Lonke utshintsho lwezifundo olwenzeke kwikota yokuqala nakweyesibini Kwi-CEMIS luvunyiwe. Izintlu zokuqala (preliminary lists) zathunelwa kumaziko ngo-Agasti 2010. Emva kwala matyeli mathathu, akumelanga ukuba kubekho bhaliso lungachanekanga lomviwa kwisistim.
3. Kucelwa nazise abagadi babaviwa abaziintloko ngalo ipolisi. Nakuba kunjalo, ukuba kukho imeko evelayo ebangelwe lubhaliso olungachanekanga, iinqununu maziqhagamshelane neSebe i-WCED kwenye yezi nombolo zefoni

Mr JL Molfert 021 467 2915
Ms G Laguma 021 467 2913
Ms L van Rensburg 021 467 2912
Mr L van Gensen 021 467 2976
4. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu malunga nalo mba.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:09:23