1. UKUMAKISHWA KWAKHONA KWEZIKRIPTHI
Izikripthi zabaviwa zinokumakishwa kwakhona kwezi meko zilandelayo:
1.1 Umviwa oye watshona isifundo esinye okanye ezingaphezu koko kwiiMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke okanye kwiiMviwo ze-ABET Level 4 unokucela ukuba isikripthi sakhe kweso sifundo simakishwe kwakhona (izikripthi zakhe kwezo zifundo zimakishwe kwakhona).
1.2 Umviwa ophumelele iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, kodwa akaphumelela kwisifundo esinye okanye ezingaphezu koko ukufika kumgangatho oyimfuneko ukulungiselela injongo ethile (umz. Ukupasa imatriki gqibi (matriculation exemption), ibhasari okanye imimiselo eyodwa eyimfuneko yeziko lemfundo ephakamileyo (tertiary institution), unokuthi, ngemvume yeSebe leMfundo acele ukumakishelwa kwakhona isikripthi kweso sifundo ((izikripthi kwezo zifundo). Isizathu sokucela (Izizathu zokucela) ukumakishwa kwakhona masibhalwe kuxwebhu lwephepha olwahlukileyo yaye masihambe kunye nesicelo eso. Izicelo ezingahambi nezizathu esele zikhankanywe apha ngaphambili aziyi kuqwalaselwa.
1.3 Isebe leMfundo linako, ngokwengqiqo yalo, ukuvumela ukumakishwa kwakhona kwesikripthi (kwezikripthi) somviwa ophumelele iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke okanye iiMviwo ze-ABET Level 4 ukuba kukho umahluko ubuncinane wamanqanaba amabini okuphumelela (two levels of achievement) phakathi kwamanqaku angoSeptemba abenikwe sisikolo namanqaku azuzwe kwiimviwo zeSebe leMfundo.
1.4 Izicelo zokumakishwa kwakhona kwezikripthi, kwakunye nemali emiselweyo eyi R70.00 ngesifundo ngasinye, mazifike kwisebe lemfundo zingadlulanga iintsuku ezilishumi elinesine (14) emva kokupapashwa ngokwasemthethweni kweziphumo zeemviwo. Akukho sicelo sokumakishwa kwakhona kwezikripthi esiya kuqwalaselwa ngaphandle kokuba isixa-mali esimiselweyo sihamba kunye nesicelo eso yaye sifike ngethuba elimiselweyo.
1.5 Umhla wokuvalwa kokwamkelwa kwezicelo zokumakishwa kwakhona kwezikripthi zeemviwo zika Novemba 2009 yi-22 ka Januwari 2010. Akukho zicelo zobuya zamkeleke emva koko.

2. UKUTSHEKISHWA KWAKHONA KWEZIKRIPTHI
2.1 Bavunyelwe abaviwa ukuba benze izicelo zokuba izikripthi zabo zitshekishwe kwakhona ukuqinisekisa ukuba zonke iimpendulo zamakishwa aza amanqaku adityaniswa yaye alungiswa ngokuchanikileyo.
2.2 Isicelo sokuba izikripthi mazitshekishwe kwakhona masenziwe zingadlulanga iintsuku ezili 14 okupapashwa kweziphumo ngokusemthethweni. Intlawulo eyokutshekishwa kweskripthi yi R12.00 ngesifundo ngasinye.
2.3 Abenzi-sicelo baya kwaziswa ngeleta ngeziphumo zokumakishwa kwakhona okanye zokutshekishwa kwakhona kwezikripthi zabo. Apho kufuneka oku, kuya kukhutshwa iNgxelo yeZiphumo efakelwe izilungiso (amended Advice of Results).

3. UKUBONWA KWEZIKRIPTHI
3.1 Ukuba abaviwa abanelisekanga sisiphumo sokumakishwa kwakhona, banokuzibona izikripthi zabo ngentlawulo eyi R150.00 isifundo ngasinye. Le ntlawulo ayibuyiswa.
3.2 Makungeniswe isicelo esibhaliweyo, esinika izizathu ezicace gca zokwenziwa kwesicelo eso, kwiNtloko yeSebe leMfundo zingadlulanga iintsuku ezingama-30 zokupapashwa kweziphumo ngokusemthethweni. Akukho zicelo zobuya zamkeleke emva koko.
3.3 Umviwa kunye.okanye umzali (abazali bakhe) okanye umgcini wakhe uya kuvunyelwa ukuba asibone isikripthi (azibone izikripthi) esichaphazelekayo yaye unako, ngenxa yesizathu esibe sisiphumo soko, ukufaka isikhalazo kwithuba leentsuku ezisixhenxe. ISebe leMfundo liya kuthi emva koko lithathe isigqibo sokugqibela ngokumalunga neziphumo.

4. UKUBUYISWA KWENTLAWULO YOKUMAKISHWA KWAKHONA KWEZIKRIPTHI
4.1 Iintlawulo zokumakishwa kwakhona kwezikripthi eziye zahlawulelwa nasiphi na isifundo ziya kubuyiswa ukuba, ngenxa yokumakishwa kwakhona, umviwa lowo
  1. Uyasiphumelela isifundo okanye izifundo ebezitshonile kuqala; okanye

  2. Uzuza amanqaku aphucula iziphumo kwisifundo eso ubuncinane ngesimboli enye.

Ukubuyiselwa kweentlawulo zokumakishwa kwakhona kwezikripthi kuya kwenziwa kwakuba nje kugqitywe inkqubo yokumakishwa kwakhona kwazo zonke izifundo.

4.2 Ngako oko ke, kubaluleke kakhulu ukuba irisithi ekhutshwe njengobungqina bentlawulo yeefizi zokumakishwa kwakhona kwezikripthi igcinwe kwindawo ekhuselekileyo.

5. IZICELO
5.1 Isicelo sokumakishwa kwakhona okanye sokutshekishwa kwakhona kwezikripthi masenziwe kwifom emiselweyo. Makungeniswe iifom ezahlukeneyo zokumakishwa kwakhona okanye zokutshekishwa kwakhona kwezikripthi zeemviwo. Izicelo zingangeswa kwaNdlunkulu weSebe leMfundo (kwiCandelo laBenzelwa iiNkonzo, kuMgangatho 2) (Client Service Division, 2nd Floor) Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Cape Town, okanye ziposelwe kule dilesi ilandelayo:
Head: Education
Attention: Directorate: Examinations Administration
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
Cape Town
8000
5.2 Kwimeko apho kufuneka kubuyiselwe intlawulo, makungeniswe kwakhona le fom ye-BAS kwakunye nesicelo ngasinye sokumakishwa kwakhona kwesikripthi.

Umviwa ongenayo i-akhawunti yebhanki makazalise iinkcukacha zebhanki zomzali okanye zomgcini wakhe xa ezalisa ifom ye- BAS.


6. IMIBUZO

Iifom zingacelwa kwezi nombolo zefoni, dilesi ze-imeyili zilandelayo okanye kule dilesi yeziko lewebhu ilandelayo:

Ifoni 021 467 2952 okanye i-imeyili: nkanase@pgwc.gov.za
Ifoni 021 467 2994 okanye i-imeyili: mbuys@pgwc.gov.za
Ifoni 021 467 2459 okanye i-imeyili: kdarvel@pgwc.gov.za

Website: http://wced.wcape.gov.za/circulars/index


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:01:05

National Senior Certificate Examination: Application for re-checking or re-marking of examination scripts
(ubukhulu: 25 KB)
ABET Level 4 Examination: Application for re-checking or re-marking of examination scripts  (ubukhulu: 25 KB)
Bank form: BAS Entity maintenance  (ubukhulu: 25 KB)