1. Sele zifumaneka ngoku iingxelo zabamakishi abaziintloko (chief markers' report) ezingomsebenzi wabaviwa kwizifundo ngezifundo ezabhalwa ngo-2009 zeeMviwo zeSatifikethi (NSC) seMatriki sikaZwelonke kwiziko lewebhu leSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) phantsi kwale dilesi http://wced.wcape.gov.za/documents/2009-exam-reports/index.html

2. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba:

  • Utitshala ngamnye ofundisa isifundo esivavanywa kwiBakala 12 ufumana ikopi yengxelo echaphazelekayo yommakishi oyintloko.
  • ingxelo nganye ifundwa kunye nephepha loviwo elichaphazelekayo.
  • ikopi yengxelo nganye echaphazelekayo igcinwa esikolweni ukulungiselela ukuba isetyenziswe xa kuyimfuneko.
3. Isebe iWCED linqwenelela zonke izikolo okuhle kodwa ekulungiseleleni abafundi bazo ngokwaneleyo iimviwo ze-NSC.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-05-14