IMibuzo: JL Molfert
IFoni: 021 467 2915
IFeksi: 021 461 5637
ISalanthiso: 14/3/2
20100330-0018
Wes-Kaap Onderwysdepartement
Western Cape Education Department
ISebe IeMfundo IeNtshona Koloni

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOLAWULO LWEEMVIWO:  0014/2010


IYA:   

KUBALAWULI (KWANDLU-NKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI ZEMFUNDO), KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZE-IMG, KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KUBAPHATHI BEZE-IMG, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM YE-ABET NAKUBAPHATHI BAMAZIKO EMFUNDO OLUNTU


 

UBHALISO LWABAVIWA BEBHALISELA IIMVIWO ZESATIFIKETHI SEMATRIKI ZIKA-MEYI- JUNI 2010 NANGO-2011


1. Kucelwa nifunde iSetyhula 0058/2007 yomhla woku-1 Novemba 2007.
2. Kucelwa niqaphele lo mmiselo ulandelayo ngokumalunga nobhaliso lwabaviwa ababhalisela uviwo lweSatifikethi seMatriki nesiya kupheliswa ngoJuni 2011. Kuphela ngabaviwa ababhalisela uviwo okanye ababhala uViwo lweSatifikethi seMatriki ngo-2009 okanye ngaphambi kwango-2009 abafanele ukuba babhaliselwe iiMviwo zeSatifikethi seMatriki zango-2010 nango-2011.
3. Kuphela kukwiimeko ezizodwa kakhulu (in exceptional circumstances), apho ingabaviwa abalipase ngokupheleleyo iBakala 11 lalaa kharityhulam indala abanikwe imvume yiNtloko yeSebe ukuba babhale uviwo lweSatifikethi seMatriki ngo-2010.
4. ISebe iWCED liqaphele ukuba aBaphathi bamaZiko (Centre Managers) neeNtloko zeeKholeji zaBucala (Heads Private Colleges) babhalisa abaviwa, nokuba ngaba baneminyaka eli-14 nje ubudala, nabangazanelisiyo iikhrayitheriya zobhaliso lokubhalisela uviwo lweSatifikethi seMatriki. Ngaphezulu, kucacile ukuba iqela elikhulu labaviwa elibhalisele uviwo lweSatifikethi seMatriki kuMeyi/Juni 2010 abazange babhale zimviwo ngo-2009 okanye ngaphambi koko.
5. ISebe iWCED likuthatha oku njengento engathandeki kwaphela yaye lilungiselela ukwenza uphando ngalo mbandela.
6. Baya celwa aBaphathi bamaZiko neeNtloko zeeKholeji ukuba banike ubungqina bokuba abaviwa bayazanelisa iikhrayitheriya zobhaliso ungadlulanga umhla we-20 April 2010. Apho kufunyenwe ukuba aBaphathi bamaZiko okanye iiNtloko zeeKholeji nabaviwa banika ingcaciso engachanekanga kwiifom zobhaliso ukwenzela ukuba balufanele ubhaliso (qualify for registration), ubhaliso lwaloo mviwa kunye/okanye iziphumo zaloo mviwa ziya kubhengezwa njengezililize nento engasebenziyo (null and void). Oku ke kuya kuba sisitenxo (constitute an irregularity).
7. Umviwa uya kubhaliselwa uviwo lukaMeyi-Juni 2011 kuphela ukuba unekopi engqiniweyo (certified copy) yeziphumo zangaphambili zeBakala 12 (advice of results) eqhotyoshelweyo okanye ukuba kuziwa nenombolo yoviwo yomviwa.
8. Kucelwa niqinisekise ukuba abaviwa abaza kubhalisela uviwo lweSatifikethi seMatriki luka-2011 bayangqinelana neemfuno ezingummiselo ezicaciswe kwiGazethi kaRhulumente yoMgaqo-nkqubo kaZwelonke yowe-6 Julayi 2007 kunye neSetyhula 0058/2007 yowe-1 Novemba 2007.
9. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:04:07


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano
Safe Schools: 0800 45 46 47
CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22