1. Iintlawulo zezitatimenti zeesimboli, zezatifikethi ezifunyanwa ngokudityaniswa kweesimboli zeminyaka ngeminyaka okanye zezatifikethi ezithatha indawo yezilahlekileyo ziya kunyuswa ukuqalela nge-1 Apreli 2010.
2. Ukwenzela ukuthintelwa kokulibaziseka kwezicelo okungeyomfuneko, kucelwa ukuba uqinisekise ukuba ubanika abenzi-sicelo iifom zezicelo ezichanekileyo ngalo lonke ixesha.
3. Iifom zezicelo zokunikwa izitatimenti zeesimboli, izatifikethi ezifunyanwa ngokudityaniswa kweesimboli zeminyaka ngeminyaka okanye izatifikethi ezithatha indawo yezilahlekileyo mazingeniswe kwiSebe leMfundo iWCED kwifom yesicelo eqhotyoshelweyo (isiHlomelo A), kwakunye neentlawulo ezimiselweyo namaxwebhu achaphazelekayo. Ifom yesicelo entsha, ethatha indawo yazo zonke iifom zezicelo zangaphambili, iyafumaneka kwakhona kweli ziko lewebhu le-WCED apha http://wced.wcape.gov.za


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:04:07

Application form  (ubukhulu: 41 KB)